Unesiphene—Ukanti Uzimisele Ukukhonza
XA UQALA ukumbona uLeonardo, ngekhe utsho ukuba wenza umsebenzi wokwakha. Wenzakala emsebenzini waphulakana nezandla zakhe. Nakuba enjalo, uLeonardo wayesebenza esakhiweni eAcajutla El Salvador, njengokuba ubona emfanekisweni.
Efuna ukuncedisa esakhiweni, uLeonardo wazenzela izixhobo ezifanele yena. Ufakela amabhanti kumhlakulo aze awabophelele kwezo zishunqu zeengalo zakhe abe sele ebutha ngawo inkunkuma ayigalele ekiriveni. Kwimiqheba yekiriva ufakele iiringi zentsimbi afaka kuzo iingalo zakhe ukuze ayityhale ngazo. Yintoni eyamenza wafuna ukuncedisa kulo msebenzi?
Wayefuna ukuncedisa ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani, okanye isakhiwo sokunqula samaNgqina kaYehova sebandla labo. Wayenezizathu ezivakalayo zokungasebenzi. Wayenomsebenzi wempangelo osisigxina, enesiphene, ibe wayesisicaka solungiselelo ebandleni. Sekunjalo, wayefuna ukwenza oko anokukwenza ukuze akhonze uThixo kweso sakhiwo.
Ngaba unomoya ofanayo wokukhonza uThixo? Kunokuba azingxengxezele ngesiphene sakhe, wasebenzisa ingqondo wazenzela izixhobo zokwakha watsho wenza oko wayengenakukwenza. Wayekhonza uThixo ‘ngengqondo yakhe iphela.’ (Mateyu 22:37) Nokuba baneziphene okanye abanazo, abo basebenza ekwakheni iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova ehlabathini jikelele banomoya wokuzincama. Bonke abantu bamkelekile kwiintlanganiso zawo, ibe nawe wamkelekile.