IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 9/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Ipasika?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • ‘Ukuzicikida Oko Sikuko’—Ngexesha leSikhumbuzo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 9/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ekubeni amaYuda ayeyalelwe ukuba ‘angadli nto inegwele’ ngexesha lePasika, kwakutheni ukuze uYesu asebenzise iwayini—into enegwele—xa esungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe?—Eksodus 12:20; Luka 22:7, 8, 14-20.

IPasika, esisikhumbuzo seMfuduko yoonyana bakaSirayeli eYiputa, yasungulwa ngowe-1513 B.C.E. Xa wayekhupha imiyalelo yokukhunjulwa kwayo, uYehova wathi: “Ningadli nto inegwele. Kwiindawo zonke enihlala kuzo nodla amaqebengwana angenagwele.” (Eksodus 12:11, 20) Lo myalelo kaThixo wawubhekisela kwisonka esasimele sidliwe ngePasika kuphela. Zange athethe nto ngewayini.

Esona sizathu sokwalelwa kwegwele kukuba amaSirayeli aphuma buphuthuphuthu eYiputa. IEksodus 12:34 ithi: “Abantu bayithwala intlama yabo yomgubo engenagwele, izitya zabo zokuxovela zisongelwe kwiingubo zabo zokwaleka emagxeni abo.” Ukungabikho kwegwele ngexesha lePasika kwakuza kukhumbuza izizukulwana ezilandelayo ngesi siganeko sibalulekileyo.

Ethubeni, abantu baqalisa ukujonga igwele njengomfuziselo wesono okanye owokonakala. Ngokomzekelo, xa wayethetha ngomntu oziphethe kakubi kwibandla lamaKristu, umpostile uPawulos wabuza oku: “Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?” Emva koko wathi: “Lisuseni igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, kanye njengoko nikhululekile egweleni. Kuba, eneneni, uKristu ipasika yethu ubingelelwe. Ngenxa yoko masigcine umthendeleko, kungekhona ngegwele elidala, nangegwele lobubi nobungendawo, kodwa ngamaqebengwana angenagwele okunyaniseka nenyaniso.” (1 Korinte 5:6-8) Sisonka esingenagwele kuphela esasinokusetyenziswa ukufuzisela umzimba ongenasono kaYesu.—Hebhere 7:26.

Kamva amaYuda aqalisa ukusebenzisa iwayini ngePasika. Kubonakala ukuba oko akwenza emva kokubuya kwawo ekuthinjweni eBhabhiloni. Ayikho ingxelo yeBhayibhile ekukhabayo oku, ngoko noYesu wayisebenzisa iwayini kwisidlo sePasika. Kakade ke, igwele lemvelo elalikwiwayini yamandulo lalahlukile kwelo lesonka. Entlameni kufuneka uligalele ngoxa kungeyomfuneko oko kwiwayini yeediliya. Izithako zendalo ezenza igwele sele zikho kakade kwiidiliya. Isiselo nje esenziwe ngencindi yeediliya sasingenakufumaneka ngePasika kuba sasingenakuhlala lingabili igwele laso ukususela kwixesha lokuvunwa kwazo de kufike iPasika entwasahlobo.

Lilonke, ukusebenzisa kukaYesu iwayini njengomfuziselo weSikhumbuzo akungqubani nakancinane nemiyalelo yePasika ephathelele igwele. Nayiphi na iwayini ebomvu engenziwanga switi okanye yafakwa izithako ezithile inokusetyenziswa ukufuzisela ‘igazi elixabisekileyo’ likaKristu.—1 Petros 1:19.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share