IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 9/15 iphe. 26-30
  • Ungayibonisa Njani Inceba?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ungayibonisa Njani Inceba?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ukuba Umzalwana . . . Uyadlakazela”
  • “Ukuba Niqhubeka Nibonisa Umkhethe”
  • “Ubulumko Obuvela Phezulu . . . Buzele Yinceba”
  • ‘Xolelani Abantu Izigqitho Zabo’
  • “Masenze Okulungileyo Kubo Bonke”
  • Nikelani “Ngezinto Ezingaphakathi”
  • ‘UYihlo Unenceba’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Sikhonza UThixo “Onenceba Ngeyona Ndlela”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Banoyolo Abanenceba!
    Culela UYehova
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 9/15 iphe. 26-30

Ungayibonisa Njani Inceba?

“Masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.”—GALATI 6:10.

1, 2. Yintoni esiyifunda kumzekeliso womSamariya olungileyo ngokuba nenceba?

ITHETHA noYesu, enye indoda eyayiwazi kakuhle uMthetho yambuza oku: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” Ephendula uYesu wayenzela lo mzekeliso ulandelayo: “Umntu othile wayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko waza wagaxeleka kubaphangi, abathi bamhluba baza bambetha, bemka, bemshiya esecicini lokufa. Ke kaloku, kwakukho mbingeleli uthile owayesihla ngaloo ndlela, kodwa, akumbona, wacezela phaya. Kwangokunjalo, nomLevi, akufika kuloo ndawo waza wambona, wacezela phaya. Kodwa umSamariya othile owayehamba kuloo ndlela waya kuye, waza akumbona, waba nosizi. Wafika wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioli newayini. Wandula ke wamkhwelisa eqegwini lakhe wamsa kwindlu yabahambi, wamonga. Yaye ngengomso wakhupha iidenariyo ezimbini, wazinika umgcini-ndlu yabahambi, waza wathi, ‘Uze umonge, nento othe wadleka yona ngaphezu koku, ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’” Emva koko uYesu wayibuza oku le ndoda: “Ngubani kwaba bathathu obonakala kuwe engummelwane waloo mntu wagaxeleka kubaphangi?” Le ndoda yaphendula yathi: “Ngulowo wamenzela inceba.”—Luka 10:25, 29-37a.

2 Indlela lo mSamariya awayiphatha ngayo le ndoda yenzakeleyo iyibonisa ngokucacileyo inceba yokwenene. Enosizi novelwano, lo mSamariya walinceda elo xhoba. Enye into, lo mSamariya wayengayazi le ndoda. Ukwenza inceba akuthintelwa bubuzwe, unqulo okanye imvelaphi. Emva kwalo mzekeliso womSamariya olungileyo, uYesu wayicebisa oku le ndoda wayethetha nayo: “Hamba uye kwenjenjalo nawe.” (Luka 10:37b) Sinokusinceda nathi esi sibongozo ekubeni sizabalazele ukuba nenceba kwabanye. Kunokwenzeka njani oko? Ziziphi iindlela esinokuyibonisa ngazo inceba kubomi bethu bamihla le?

“Ukuba Umzalwana . . . Uyadlakazela”

3, 4. Kutheni simele sizixhalabise ngokukhethekileyo ngokuba nenceba kwamanye amaKristu ebandleni?

3 Umpostile uPawulos wathi: “Logama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.” (Galati 6:10) Masiqale siqwalasele indlela esinokuhlala siyibonisa ngayo inceba kwabo bahlobene nathi elukholweni.

4 Ebongoza amaKristu okwenyaniso ukuba enzelane inceba, umfundi uYakobi wathi: “Lowo ungenanceba uya kugwetywa ngokungenanceba.” (Yakobi 2:13) Umongo wala mazwi aphefumlelweyo usibonisa iindlela esinokubenzela ngazo inceba abanye. Ngokomzekelo, kuYakobi 1:27 sifunda oku: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.” Yena uYakobi 2:15, 16 uthi: “Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela, eswele ukutya okulingene imini, aze omnye kuni athi kubo: ‘Hambani ngoxolo, nifudumale, nihluthe,’ kodwa ningabaniki izinto abazisweleyo, kunceda ngantoni oko?”

5, 6. Yintoni esinokuyenza ukuze siphuphume zizenzo zenceba kwabo sikunye nabo ebandleni?

5 Ukunyamekela abanye nokunceda abo basweleyo luphawu lonqulo lokwenyaniso. Unqulo lwethu alusivumeli ukuba sibathande ngamazwi nje kuphela abanye. Kunoko, ukuba novelwano kuya kusenza sibancede abo basweleyo. (1 Yohane 3:17, 18) Ukuphekela umntu ogulayo, sincede abakhulileyo kwimisetyenzana yasendlwini, silungiselele izithuthi zokubasa kwiintlanganiso zamaKristu xa kuyimfuneko, ngoxa singasivali isandla kwabo basweleyo, ezo iya kuba zezinye izenzo zenceba esimele sibe nazo.—Duteronomi 15:7-10.

6 Eyona nto ibaluleke ngaphezu kokuwaph’ izinto eziphathekayo amalungu ebandla lamaKristu elandayo, kukuwanceda ngokomoya. Sibongozwa ukuba ‘sithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo, sixhase ababuthathaka.’ (1 Tesalonika 5:14) Kukhuthazwa “abafazi abalupheleyo” ukuba “bafundise oko kulungileyo.” (Tito 2:3) Ithetha ngabaveleli abangamaKristu, iBhayibhile ithi: “Ngamnye uya kuba njengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni.”—Isaya 32:2.

7. Yintoni esiyifunda kubafundi baseSiriya yakwa-Antiyokwe ngokubonisa inceba?

7 Ukongezelela ekunyamekeleni abahlolokazi, iinkedama, abo basweleyo nabafuna ukhuthazo ebandleni, maxa wambi amabandla enkulungwane yokuqala ayelungiselela izinto zokunceda abazalwana abakwezinye iindawo. Ngokomzekelo, xa umprofeti uAgabho wachaza ukuba “kwakusele kuza kubakho indlala enkulu kumhlaba omiweyo uphela,” abafundi baseSiriya yakwa-Antiyokwe “bazimisela, ngamnye kubo kangangoko wayenako, ukuthumela ulungiselelo lwamancedo kubazalwana ababehlala kwelakwaYuda.” Abadala balapho bathumela olo ncedo “ngesandla sikaBharnabhas noSawule.” (IZenzo 11:28-30) Kuthekani namhlanje? ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liye lalungiselela iikomiti zoncedo ukuze zinyamekele abazalwana bethu abehlelwe ziintlekele zemvelo, njengenkanyamba, inyikima, okanye itsunami. (Mateyu 24:45) Ukuze sikwazi ukubonisa inceba kweli lungiselelo, simele sinikele ngexesha, imigudu nobuncwane bethu.

“Ukuba Niqhubeka Nibonisa Umkhethe”

8. Umkhethe usithintela njani ekuboniseni inceba?

8 Elumkisa ngezinto ezichitha imisebenzi yenceba ‘nomthetho wakomkhulu’ wothando, uYakobi wathi: “Ukuba niqhubeka nibonisa umkhethe, niyona, kuba niyohlwaywa ngumthetho njengabanxaxhayo.” (Yakobi 2:8, 9) Ukukhetha izityebi okanye abo baziwayo kunokusenza sivale iindlebe “kwisikhalo esimangalayo sesisweli.” (IMizekeliso 21:13) Umkhethe uyasithintela ekuboniseni inceba. Inceba siyibonisa ngokungabacaluli abanye.

9. Kutheni kungeyonto iphosakeleyo ukubaxabisa ngokukhethekileyo abo bafanelekayo?

9 Ngaba ukungabi namkhethe kuthetha ukuba asimele siphathe nabani na ngendlela ekhethekileyo? Akuthethwa loo nto. Ethetha ngomsebenzi owayelidlelane lakhe uEpafrodito, umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseFilipi: “Hlalani nibaphatha ngembeko abantu abanjalo.” Kwakutheni ukuze atsho? “Kuba ngenxa yomsebenzi weNkosi wajika ekufeni, ewubeka esichengeni umphefumlo wakhe, khon’ ukuze akwenzelele ngokupheleleyo ukungabikho kwenu apha ukuze ninikele inkonzo yobuqu kum.” (Filipi 2:25, 29, 30) Ngenxa yokukhonza ngokuthembeka okunjalo, uEpafrodito wayekufanele ukuphathwa ngendlela ekhethekileyo. Enye into, kweyoku-1 kuTimoti 5:17, sifunda oku: “Amadoda amakhulu awongamela ngendlela entle makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindiweyo, ngokukodwa lawo asebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni.” Abantu abaneempawu zokomoya ezintle ngolo hlobo bakufanele ukuxatyiswa. Asikokuba nomkhethe ukubonisa uxabiso olunjalo.

“Ubulumko Obuvela Phezulu . . . Buzele Yinceba”

10. Kutheni simele silulawule ulwimi?

10 Ethetha ngolwimi, uYakobi wathi: “Luyinto engalawulekiyo embi, luzele yityhefu ebulalayo. Ngalo sibonga uYehova, uBawo, kanti kwangalo siqalekisa abantu abenziwe ‘ngomfanekiso kaThixo.’ Kumlomo omnye kuphuma ukubonga nesiqalekiso.” Ebhekisela koku, uYakobi wongezelela wathi: “Ukuba ninekhwele elikrakra nokusukuzana ezintliziyweni zenu, musani ukuzigwagwisa yaye nixoka nxamnye nenyaniso. Obu asibobulumko obuhla buvela phezulu, kodwa bobasemhlabeni, bobobulwanyana, bobobudemon. Kuba apho kukho ikhwele nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi. Kodwa ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, abucaluli ngokukhetha ubuso, abunaluhanahaniso.”—Yakobi 3:8-10a, 14-17.

11. Sinokuyibonisa njani inceba kwindlela esilusebenzisa ngayo ulwimi lwethu?

11 Indlela esilusebenzisa ngayo ulwimi lwethu yiyo ebonisayo ukuba sinobulumko ‘obuzele yinceba’ kusini na. Ukuba sithe ngenxa yekhwele okanye usukuzwano sazigwagwisa, saxoka, okanye sasasaza ubuxoki ngabo singaboni ngasonye nabo, bekuya kuthetha ukuthini oko ngathi? INdumiso 94:4 ithi: “Bonke abaqhelisela okwenzakalisayo bayazigwagwisa ngeziqu zabo.” Kulula gqitha ukonakalisa igama elihle lomntu ongenatyala ngokuthetha kakubi ngaye. (INdumiso 64:2-4) Khawucinge ngomonakalo onokwenziwa ‘lingqina lobuxoki elifutha ubuxoki.’ (IMizekeliso 14:5; 1 Kumkani 21:7-13) Emva kokuxubusha ngokusebenzisa kakubi ulwimi, uYakobi uthi: “Akufanelekanga, bazalwana bam, ukuba kube njalo.” (Yakobi 3:10b) Inceba yokwenene ifuna ukuba sisebenzise ulwimi lwethu ngendlela enyulu, yoxolo, nenengqiqo. UYesu wathi: “Ndithi ke kuni, lonke ilizwi elingamampunge abalithethayo abantu, baya kuphendula ngalo ngeMini Yomgwebo.” (Mateyu 12:36) Kubaluleke gqitha ukuba sibonise inceba ngendlela esilusebenzisa ngayo ulwimi.

‘Xolelani Abantu Izigqitho Zabo’

12, 13. (a) Yintoni esiyifundayo ngenceba kumzekeliso wekhoboka elalityala inkosi yalo intywenka yemali? (b) Kuthetha ukuthini ukuxolela umzalwana “ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe”?

12 Umzekeliso kaYesu wekhoboka elalityala inkosi yalo, ukumkani, iidenariyo ezingama-60 000 000 usibonisa enye indlela esinokubonisa ngayo inceba. Lingenayo imali yokuhlawula ityala lalo, eli khoboka lacela ukwenzelwa inceba. “Inosizi ngako oku,” inkosi yalo yalixolela. Kodwa ukuphuma kwalo labona elinye ikhoboka elilidlelane lalo, lona elalilityala iidenariyo ezilikhulu nje kuphela, laza lingenanceba laliphosa entolongweni. Isakuva ngoko kwenzekileyo inkosi yalo, yalibiza elo khoboka yayilixolele yaza yathi kulo: “Khobokandini lingendawo, ndakucimela lonke elaa tyala, xa wandibongozayo. Ubungafanele na ukuba ube nenceba nawe kwikhoboka elilidlelane lakho, njengokuba nam ndiye ndanenceba kuwe?” Ngenxa yoko inkosi yalo yalinikela kubagcini-ntolongo. UYesu waqukumbela lo mzekeliso wakhe, ngokuthi: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.”—Mateyu 18:23-35.

13 Lo mzekeliso uyicacisa kakuhle into yokuba umntu onenceba ukulungele ukuxolela. UYehova uye wasixolela ityala elikhulu lesono. Ngaba asimele ke nathi ‘sibaxolele abantu izigqitho zabo’? (Mateyu 6:14, 15) Ngaphambi kokuba uYesu enze lo mzekeliso wekhoboka elingenanceba, uPetros wambuza oku: “Nkosi, zingaphi izihlandlo umzalwana wam amele andone ngazo ndize ndimxolele? Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe na?” Ephendula, uYesu wathi: “Ndithi kuwe, kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.” (Mateyu 18:21, 22) Ewe, umntu onenceba ukulungele ukuxolela “ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe,” into ethetha ukuhlala uxolela ungasikelwanga mda.

14. Ngokutsho kukaMateyu 7:1-4, sinokuyibonisa njani inceba mihla le?

14 Echaza enye indlela yokubonisa inceba, kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni uYesu wathi: “Musani ukugweba ukuze ningagwetywa; kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani . . . Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso? Okanye ungatsho njani na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Ndivumele ndikhuphe udiza elisweni lakho’; ngoxa, khangela! umqadi uselisweni lakho?” (Mateyu 7:1-4) Ngoko, sinokubonisa inceba mihla le ngokunyamezela ubuthathaka babanye ngaphandle kokubagweba okanye sibahlab’ amadlala ngokugqithiseleyo.

“Masenze Okulungileyo Kubo Bonke”

15. Kutheni singamele siyenzele abazalwana bethu kuphela inceba?

15 Nakuba incwadi kaYakobi ibalaselisa ukuba nenceba kubazalwana bethu, oku akuthethi kuthi simele sibe nenceba kwabo bakwibandla lamaKristu kuphela. INdumiso 145:9 ithi: “UYehova ulungile kubo bonke, neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.” Sibongozwa ukuba sibe “ngabaxelisa uThixo” nokuba “senze okulungileyo kubo bonke.” (Efese 5:1; Galati 6:10) Ngoxa singalithandi “ihlabathi nezinto ezisehlabathini,” siyabakhathalela abo basehlabathini bafuna uncedo.—1 Yohane 2:15.

16. Ziziphi izinto ezinegalelo kwindlela esibonisa ngayo inceba kwabanye?

16 NjengamaKristu, asibi madolw’ anzima ukufak’ isandla nangayiphi indlela esinokuwanceda ngayo amaxhoba ‘esihlo esingenakubonwa kwangaphambili’ okanye abo basebugxwayibeni. (INtshumayeli 9:11) Kakade ke, ziimeko namandla ethu eziya kugqiba ukuba sinokunceda ukusa kuwuphi umkhamo. (IMizekeliso 3:27) Xa sinceda abanye ngezinto eziphathekayo, simele siqinisekise ukuba eso senzo sibonakala sifanelekile asikhuthazi buvila. (IMizekeliso 20:1, 4; 2 Tesalonika 3:10-12) Ngoko ke, inceba yokwenene ibangelwa luvelwano nosizi ngenxa yezizathu ezivakalayo.

17. Yiyiphi eyona ndlela ibalaseleyo esinokubonisa ngayo inceba kwabo bangekho kwibandla lamaKristu?

17 Eyona ndlela iphambili esinokubonisa ngayo inceba kwabo bangekho kwibandla lobuKristu kukwabelana nabo ngenyaniso yeBhayibhile. Kutheni sisitsho nje? Kaloku abantu abaninzi namhlanje bafathula ebumnyameni ngokomoya. Ekubeni bengakwazi ukuhlangabezana neengxaki yaye bengenathemba lokwenene ngekamva, inkoliso yabo ‘ihlinzekile yaye ilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ (Mateyu 9:36) Isigidimi seLizwi likaThixo sinokuba ‘sisibane ezinyaweni zabo,’ sibancede bakwazi ukuhlangabezana neengxaki zobomi. Sinokuba ‘kukukhanya nasendleleni yabo’ kuba iBhayibhile ichaza injongo kaThixo ngekamva, yaye ibenza babe nethemba eliqaqambileyo. (INdumiso 119:105) Lilungelo elingathethekiyo ukuthwala esi sigidimi senyaniso sisise kwabo basisweleyo. Ekubeni isondele kangaka “imbandezelo enkulu,” eli lixesha lokuba nenzondelelo ekushumayeleni ngoBukumkani nasekwenzeni abafundi. (Mateyu 24:3-8, 21, 22, 36-41; 28:19, 20) Ayikho enye indlela engaphezu kwaleyo esinokubonisa ngayo inceba.

Nikelani “Ngezinto Ezingaphakathi”

18, 19. Kutheni simele siqinise ngakumbi ekuboniseni inceba kwabanye?

18 UYesu wathi: ‘Nikelani ngezinto ezingaphakathi njengezipho zenceba.’ (Luka 11:41) Ukuze inceba ibe yeyokwenene, imele iphume ngaphakathi entliziyweni ezaliswe luthando. (2 Korinte 9:7) Kweli hlabathi lingqwabalala nelingenaxesha labantu ababandezelekayo nabasentlungwini, kumele kubahlaziye ngokwenene ukwenzelwa inceba enjalo.

19 Ngenxa yoku, simele siqinise ekuboniseni inceba kubomi bethu. Okukhona sisiba nenceba, kokukhona sifana noThixo. Oku kusinceda siphile ubomi bokwenene nobunentsingiselo.—Mateyu 5:7.

Ufunde Ntoni?

• Kutheni kubaluleke ngokukhethekileyo nje ukuba nenceba kwamanye amaKristu?

• Sinokuyibonisa njani inceba ebandleni lamaKristu?

• Sikwenza njani okulungileyo kwabo bangekho bandleni?

[Umfanekiso okwiphepha 26]

UmSamariya wabonisa inceba

[Imifanekiso ekwiphepha 27]

AmaKristu ayaphuphuma zizenzo zenceba

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Eyona ndlela yokubonisa inceba kwabo bangekho sebandleni kukwabelana nabo ngenyaniso yeBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share