Phila Ucinga Ngengomso
KWINTSHUMAYELO yakhe edumileyo eyayikwintaba yaseGalili uYesu Kristu wathi: “Musani ukuxhalela ingomso.” Ngokutsho kweThe New English Bible, uYesu wongezelela ngala mazwi: “Ingomso liya kuzinyamekela.”—Mateyu 6:34.
Ucinga ukuba atheth’ ukuthini la mazwi athi, “ingomso liya kuzinyamekela”? Ngaba abonisa ukuba umele uphilele unamhlanje kuphela ulibale ngengomso? Ngaba oko kuyavisisana noko uYesu nabalandeli bakhe babekukholelwa?
‘Musani Ukuxhala’
Khawuzifundele ngokwakho la mazwi kaYesu njengokuba enjalo kuMateyu 6:25-32. Kula mazwi akhe wathi: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba. . . . Qwalaselani ngenyameko iintaka zezulu, ngokuba azihlwayeli mbewu, azivuni yaye azihlanganisi koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. . . . Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe? Yini na ukuba nixhalele isinxibo? Fundani isifundo kwiinyibiba zasendle, indlela ezikhula ngayo; azibulaleki, azisonti; . . . Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.”
UYesu uqukumbela le nxalenye yentetho yakhe ngamacebiso amabini. Kwelokuqala uthi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani [bukaThixo] nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” Kwelesibini uthi: “Ngoko, musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo. Imini nganye inobayo ububi obuyilingeneyo.”—Mateyu 6:33, 34.
UYihlo Uyazazi Izinto Eziyimfuneko Kuni
Ngaba ucinga ukuba uYesu wayethibaza abafundi bakhe, kuquka abalimi, ukuba ‘bangatyali, bavune, okanye bahlanganisele isivuno sabo koovimba’? Okanye ngaba wayesithi ‘mabangabulaleki ekusonteni’ ukuze bafumane impahla yokunxiba? (IMizekeliso 21:5; 24:30-34; INtshumayeli 11:4) Nakanye! Ukuba babenokuhlala basong’ izandla, babengayi kuyeka ‘ukungqiba ngexesha lokuvuna,’ baze ke bangabi nanto yakutya okanye yokunxiba.—IMizekeliso 20:4.
Kuthekani ngokuxhalaba? Ngaba UYesu wayethetha ukuba abo babemphulaphule babengayi kuxhalela nto kwaphela? Kwakungayi kuba sengqiqweni kwaphela oko. NoYesu wacinezeleka gqitha waza waxhalaba ngobusuku awabanjwa ngabo.—Luka 22:44.
Apha uYesu wayechaza nje inyaniso emsulwa. Ukuxhalaba ngokugqithiseleyo akunakukunceda ucombulule nayiphi na ingxaki. Ngokomzekelo, akunakukwenza uphile ubomi obude. Ngokutsho kukaYesu, akuyi ‘kongeza nekubhite le kubomi bakho.’ (Mateyu 6:27) Enyanisweni, ixhala elingapheliyo lingenza uphile ubomi obufutshane.
Icebiso lakhe lalichan’ ucwethe. Izinto ezininzi esizixhalabeleyo azide zenzeke. Inkokeli yaseBritani uWinston Churchill yakuqonda oku xa kwakunzima kwiMfazwe Yehlabathi II. Ebhala ngezinye zezinto ezazimxhalabisa ngelo xesha wathi: “Xa ndicinga ngezi zinto ndiye ndikhumbule okwathethwa lelinye ixhego xa lalisekhukweni lokufa lisithi, lona liye lazixhalabisa ngezinto ezininzi ebomini, kodwa inkoliso yazo ayikhange yenzeke.” Enyanisweni, bubulumko ukujongana nemini nganye njengoko ifika, ngakumbi xa amaxhala neengxaki zethu zisongamela ngamandla.
‘Qhubekani Nifuna Kuqala Ubukumkani BukaThixo’
Eneneni, uYesu wayengacingi ngempilo yomzimba neemvakalelo zabo babemphulaphule kuphela. Wayesazi ukuba ukuxhalela izinto zokuphila, nomnqweno ogqithiseleyo wokufuna izinto eziphathekayo nolonwabo, kunokusiphazamisa kwizinto ezibaluleke ngakumbi. (Filipi 1:10) Mhlawumbi uyazibuza, ‘Yintoni enokubaluleka ngaphezu kokuba nezinto zokuphila?’ Impendulo kukuba zizinto zokomoya ezinokuthanani nokunqula kwethu uThixo. UYesu wabethelela ukuba eyona nto ibalulekileyo kubomi bethu, imele ibe ‘kukufuna kuqala ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.’—Mateyu 6:33.
Ngomhla kaYesu, abaninzi babethe phithi zizinto eziphathekayo. Eyona nto iphambili yayikukuzifumbela ubutyebi. Kodwa yena uYesu wacela abaphulaphuli bakhe ukuba bacinge ngolunye uhlobo. Ekubeni babezahlulele kuThixo, “imbopheleleko” yabo ‘yayikukoyika uThixo oyinyaniso baze bagcine imiyalelo yakhe.’—INtshumayeli 12:13.
Ukuzixakekisa ngezinto eziphathekayo—“ixhala lale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi”—kwakuya kubabulala abo baphulaphuli ngokomoya. (Mateyu 13:22) Umpostile uPawulos wathi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.” (1 Timoti 6:9) Ukuze abancede bangaweli kulo “mgibe,” uYesu wakhumbuza abalandeli bakhe ukuba uYise wasezulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kubo zonke ezi zinto. UThixo wayeza kubanyamekela ngazo njengokuba enyamekela “iintaka zezulu.” (Mateyu 6:26, 32) Kunokuvumela ukonganyelwa lixhala, babemele benze konke okusemandleni abo ukuze banyamekele iintswelo zabo baze ke beqinisekile bayekele izinto kuYehova.—Filipi 4:6, 7.
Ekuphela kwento eyayithethwa nguYesu xa esithi “ingomso liya kuzinyamekela,” kukuba asimele sixhalatyiswe ngokugqithiseleyo koko kusenokwenzeka ngomso, ngaloo ndlela sisongeza kwiingxaki esinazo namhlanje. Enye inguqulelo yeBhayibhile ikubeka ngolu hlobo oku: “Musani ukuxhalabela ingomso; kuba ingomso liya kuba nezalo iingxaki ezanele lona. Akukho mfuneko yakuzongeza iingxaki eziza nemini nganye.”—Mateyu 6:34, iToday’s English Version
“Mabufike Ubukumkani Bakho”
Kukho umahluko omkhulu phakathi kokungalixhalabeli ngokugqithiseleyo nokulityeshela ngokupheleleyo ingomso. UYesu akazange akhuthaze abafundi bakhe ukuba balityeshele ingomso. Ngokwahlukileyo, wababongoza ukuba babe nomdla gqitha kwikamva. Babemele bathandazele iintswelo abanazo ngoku—isonka sabo semihla ngemihla. Kodwa babemele baqale bathandazele izinto zekamva—ukufika koBukumkani bukaThixo nokuba kwenziwe ukuthanda kwakhe emhlabeni.—Mateyu 6:9-11.
Asimele sibe njengabantu bomhla kaNowa. Babexakeke gqitha “besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa” kangangokuba “abazange banikele ngqalelo” koko kwakuza kwenzeka. Kwaba nayiphi imiphumo oko? “Wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.” (Mateyu 24:36-42) Umpostile uPetros wasebenzisa eso siganeko, esikhumbuza ngemfuneko yokuphila sicinga ngengomso. Wathi: “Ekubeni ke zonke ezi zinto ziza kuchithakala, luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova!”—2 Petros 3:5-7, 11, 12.
Ziqwebeleni Ubuncwane Ezulwini
Ewe, masihlale ‘siyikhumbula’ imini kaYehova. Ukwenjenjalo kuya kuba negalelo gqitha kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha, amandla, ubuchule, ubuncwane nezakhono zethu. Asimele sixakekiswe gqitha zizinto eziphathekayo—de singabi nalo ixesha lezenzo “zozinikelo lobuthixo.” Ukunikela ingqalelo kunamhlanje kuphela kusenokubonakala kuluncedo okwangoku, kodwa nezona ngenelo zilungileyo ngoku, ziya kuba zezomzuzwana. UYesu wathi, ubulumko kukuba ‘siziqwebele ubuncwane ezulwini’ kunalapha emhlabeni.—Mateyu 6:19, 20.
UYesu wayibethelela le ngongoma kumzekeliso wakhe wendoda eyazenzela amacebo amakhulu ngekamva. Amacebo ayo ayengenanto yakwenza noThixo. Umhlaba wayo wachuma gqitha. Yagqiba ekubeni ibachithe oovimba bayo, yakhe abangakumbi ukuze ikwazi ukonwaba ebomini, idle, isele ize yonwabe. Yaba phi ingxaki kuloo nto? Yafa ngaphambi kokuba ixhamle ezo ziqhamo zomsebenzi wayo. Okona kubi nangakumbi kukuba, yayingazakhelanga buhlobo noThixo. UYesu waqukumbela wathi: “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.”—Luka 12:15-21; IMizekeliso 19:21.
Wena Umele Wenze Ntoni?
Ungayenzi le mpazamo yale ndoda ichazwa nguYesu. Funa ukwazi oko uThixo akulungiselele ingomso, uze uphile ngokuvisisana nako. UThixo akasishiyanga enyanyeni ngoko aya kukwenza. Umprofeti wamandulo, uAmos wathi: “INkosi enguMongami uYehova ayiyi kwenza nto ngaphandle kokuba iwutyhilile umcimbi wayo oyimfihlo kubakhonzi bayo abaprofeti.” (Amosi 3:7) Oko kutyhilwe nguYehova ngabaprofeti bakhe unokukufumana kwiLizwi eliphefumlelweyo lakhe, iBhayibhile.—2 Timoti 3:16, 17.
Enye into etyhilwa yiBhayibhile koko kuya kwenzeka kungekudala kuwo wonke umhlaba ngendlela engazange ibonwe. UYesu wathi: “Kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku.” (Mateyu 24:21) Akukho mntu unokusithintela eso siganeko. Enyanisweni, akukho sizathu sokuba abanquli bokwenyaniso bafune ukusithintela. Ngoba? Kaloku esi siganeko siya kushenxisa bonke ubungendawo emhlabeni, size sizise “amazulu amatsha nomhlaba omtsha,” oko kukuthi urhulumente omtsha wasezulwini nebutho elitsha labantu abaphila emhlabeni. Kwelo hlabathi litsha, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abantu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:1-4.
Ngaba asibobulumko ukuba ngoku siziphe ixesha, sicingisise ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngezi ziganeko? Ngaba ufuna ukuncedwa wenjenjalo? Cela amaNgqina kaYehova akuncede. Okanye usenokubhalela abapapashi beli phephancwadi. Yenza konke okusemandleni akho ukuze uqinisekise ukuba akuphileli unamhlanje kuphela kodwa uphilela nengomso elimangalisayo.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
‘Musani ukuxhala. Ingomso liya kuba namaxhala alo’