Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
WAWUSITHINI umxholo awayeshumayela ngawo uYesu? Ngokutsho kukaYesu, yayibuBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Xa ethetha nabantu, wayesoloko ethetha ngoBukumkani. Ngaba babedidekile okanye bexakanisw’ iingqondo bubo? Ngaba bona bakha bambuza ukuba buyintoni obo Bukumkani? Akunjalo. Akukho kwanto kwiincwadi zeVangeli ezibonisa oko. Ngaba le nto ithetha ukuba uBukumkani bukaThixo babuyinto abayiqhelileyo abo bantu?
Inyaniso kukuba, iZibhalo zamandulo ezazigqalwa ngamaYuda njengezingcwele zabucacisa uBukumkani, zikhuph’ amakhuba kulinywe xa kufikelelwa kumbandela wokuba buyintoni uBukumkani nokuba buza kwenza ntoni. Nanamhlanje oku, sinokufunda okuninzi ngoBukumkani ngokuthi siye eBhayibhileni kanye ngendlela amaYuda awafunda ngayo. Makhe siqwalasele iinkalo ezisixhenxe ezisifundisa ngoBukumkani nezifumaneka eBhayibhileni. Ezokuqala ezintathu zazisaziwa ngamaYuda exesha likaYesu nangaphambi koko. Kanti ezintathu ezilandelayo zadandalaziswa nguKristu okanye ngabapostile bakhe benkulungwane yokuqala. Eyokugqibela, iye yacaca okwekat’ emhlophe ehlungwini kule mihla yethu.
1. UBukumkani bukaThixo, ngurhulumente oya kuhlala ngonaphakade. Isiprofeto sokuqala seBhayibhile sisityhilela ukuba uThixo wayeza kuthumela umkhululi kuluntu oluthembekileyo. Loo mkhululi wabizwa ngokuba “yimbewu,” yaye wayeza kushenxisa zonke iingxaki ezabangelwa yimvukelo ka-Adam, uEva noSathana. (Genesis 3:15) Emva kokuqengqeleka kweminyaka, uKumkani uDavide othembekileyo waxelelwa okuthile okuhlab’ umxhelo malunga nale “mbewu,” okanye uMesiya. Lo Mesiya wayeza kuba nguKumkani. Lo rhulumente wayeza kwahluka kwabanye oorhulumente. Wayeza kulawula ngonaphakade.—2 Samuweli 7:12-14.
2. UBukumkani bukaThixo buya kuphelisa bonke oorhulumente bomhlaba. Umprofeti uDaniyeli waba nombono wokulandelelana kwamagunya ehlabathi ukutyhubela yonke imbali yoluntu ukuza kuthi ga ngoku. Phawula incopho ehlab’ umxhelo yalo mbono: “Ngemihla yabo kumkani [babantu bemihla yokugqibela] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Ngaloo ndlela bonke ookumkani, okanye oorhulumente balo mhlaba—iimfazwe zabo, ingcinezelo norhwaphilizo—baya kutshatyalaliswa kuthi tu. Njengokuba indinyana elandelayo kwesi siprofeto sikaDaniyeli ibonisa, uBukumkani bukaThixo bumiselwe ezulwini kodwa kungentsuku zatywala buza kulawula umhlaba wonke. (Daniyeli 2:44, 45) Esi ayisosiqinisekiso nje sokuba obu Bukumkani bukho kodwa sisiqinisekiso sokuba buza kulawula.a
3. UBukumkani bukaThixo buza kuphelisa iimfazwe, ukugula, iindlala nokufa. Iziprofeto zeBhayibhile ezihlab’ umxhelo zibonisa okuya kwenziwa buBukumkani bukaThixo aph’ emhlabeni. Lo rhulumente uya kwenza izinto ezingenakwenziwa ngoorhulumente babantu nabangenakuze bazenze. Khawufan’ ucinge nje—zonke izixhobo zeemfazwe zitshatyalaliswe ngokupheleleyo! “Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.” (INdumiso 46:9) Baya kuba bephelelwe yimisebenzi oogqirha, zingekho izibhedlele ngenxa yokuba ziya kuba zipheliswe zonke izifo. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Ziya kuphela iindlala, ukunqongophala kokutya, ukungondleki nenxele likaKhetsekile. “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni.” (INdumiso 72:16) Iya kube ingekho imingcwabo, imilindo, amangcwaba, imikhenkce yezidumbu, nosizi oluhambisana nezo zinto. Ukufa, olona tshaba lwethu, luya kubhangiswa kutsho kuthi qabu unoqolomba efile nje. UThixo “uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.”—Isaya 25:8.
4. UKumkani woBukumkani bukaThixo ukhethwe nguThixo. UMesiya akazibekanga ngokwakhe esihlalweni, yaye engabekwanga nangabantu abanesono. Ukhethwe nguYehova uThixo ngokwakhe. Nkqu amagama athi Mesiya nelithi Kristu athetha kanye oko. La magama omabini athetha “uMthanjiswa.” Lo Kumkani umiselwe okanye singathi ukhethwe ngenjongo ekhethekileyo nguYehova. Uthi uThixo ngaye: “Khangela! Umkhonzi wam, endimxhasayo! Onyuliweyo wam, lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam! Ndifake umoya wam kuye. Uya kuzizisela okusesikweni iintlanga.” (Isaya 42:1; Mateyu 12:17, 18) Ngubani ke phofu onokwazi bhetele uKumkani ofanele asilawule?
5. UKumkani woBukumkani bukaThixo sele ezibonisile ukuba uyafaneleka. UYesu waseNazarethe wazingqina enguMesiya wesiprofeto. Wazalwa kumlibo owakhethwa nguThixo. (Genesis 22:18; 1 Kronike 17:11; Mateyu 1:1) Xa wayesemhlabeni, wazalisekisa iziprofeto ezininzi ezingoMesiya ezaprofetwa kwiinkulungwane ngaphambili. Kwakhona wachazwa emazulwini ukuba unguMesiya. Njani? Kaloku, uThixo wathetha esemazulwini, emngqina njengoNyana Wakhe; iingelosi zavuma ukuba uYesu unguMesiya wesithembiso; kwakhona uYesu wenza imimangaliso—phambi kwamehlo ezihlwele—esebenzisa amandla kaThixo.b UYesu wabonisa ngokuphindaphindiweyo ukuba wayeza kuba luhlobo olunjani loMlawuli. Wayengancedi abantu nje uphela sonwabe kodwa wayenomnqweno wokwenza oko. (Mateyu 8:1-3) Wayengazingci, enemfesane, enenkalipho yaye ethobekile. Ingxelo yobomi bakhe iseBhayibhileni ukuze siyifunde.
6. UBukumkani bukaThixo bunabalawuli abali-144 000 abaza kulawula noKristu. UYesu wathi kukho abanye abantu abaquka abapostile bakhe, ababeza kulawula naye ezulwini. Walibiza eli qela ngokuba ‘ngumhlambi omncinane.’ (Luka 12:32) Kamva umpostile uYohane waxelelwa ukuba loo mhlambi mncinane wawuya kuba li-144 000. Wawuza kwenza umsebenzi obangel’ imincili ezulwini, ukulawula noKristu njengookumkani nababingeleli.—ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3.
7. Sithetha nje uBukumkani bukaThixo buyalawula ezulwini, sele buza kumiselwa nasemhlabeni wonke. Le yeyona nkalo ibangel’ umdla esinokufunda ngayo. IBhayibhile isinika ubungqina obuyintabalala bokuba uYesu unikwe igunya lokulawula njengoKumkani ezulwini. Uyalawula sithetha nje yaye kungentsuku zatywala uza kulawula nomhlaba ngaloo ndlela ezalisekisa iziprofeto ebesikhe sanithela thsuphe ngazo. Kodwa sinokuqiniseka njani ukuba uBukumkani bukaThixo buyalawula ngoku? Phofu buza kuqala nini ukulawula emhlabeni?
[Imibhalo esemazantsi]
a IZibhalo ezifana nezi zibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo asinto ingaphakathi kweentliziyo zethu njengokuba abaninzi befundiswe ngaloo ndlela. Funda inqaku elithi “Imibuzo Yabafundi” kwiphepha 13.
b Zifundele le mizekelo kuMateyu 3:17; kuLuka 2:10-14; nakuYohane 6:5-14.