Isicelo Esenziwa Ehlabathini Lonke
KHAWUBE nomfanekiso ngqondweni, wamakhulu ezigidi, mhlawumbi amawaka ezigidi zabantu, bonke becel’ intw’ enye. Babongoza elona gunya liphakamileyo kwindal’ iphela ukuba lisabele kwesi sisicelo. Kodwa yimbinana nje ekwazi kakuhle oko ikucelayo. Ngaba inokwenzeka into enjalo? Xa sitheth’ inyani, oku kwenzeka mihla le. Yintoni kanye kanye le icelwa ngaba bantu? Kukuza koBukumkani bukaThixo!
Kuqikelelwa ukuba kukho iinkonzo ezimalunga nama-37 000 ezithi zingamaKristu, yaye zizingomb’ izifuba zisithi uYesu Kristu yiNkokeli yazo. Angaphezu kwamawaka ezigidi ezibini amarhamente ezo cawa. Uninzi lwala marhamente, umhla nezolo lwenza umthandazo obizwa ngokuba nguBawo Wethu Osemazulwini okanye Umthandazo WeNkosi. Ngaba uyawazi lo mthandazo? UYesu wafundisa abafundi bakhe lo mthandazo, uqala ngamazwi athi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:9, 10.
Sele iziinkulungwane ngoku, amarhamente ewaphindaphinda la mazwi ezicaweni. Ayawacengceleza njengeentsapho, abanye behleli bodwa, ngamaxesha amyoli namaxesha eenzingo. Bawathetha la mazwi ngokusuka ezintliziyweni zabo. Abanye bawazi ngentloko lo mthandazo yaye bawucengceleza bengaziva nokuba bathini. Iicawa ezithi zingamaKristu asikuphela kwabantu abanethemba okanye abathandazela ukuza koBukumkani bukaThixo.
Umthandazo Owenziwa Ziimvaba Ngeemvaba
Owona mbhedesho waziwayo kunqulo lwamaYuda wenziwa xa kusweleke isizalwana. Nakuba ungathethi kangako ngokufa okanye intlungu ebangelwa kukufa, lo mthandazo udla ngokwenziwa ngamaxesha osizi. Lo mthandazo uthi: “Ngamana [uThixo] angamisela uBukumkani bakhe kwixesha lakho lokudla ubomi . . . , ngokukhawuleza.”a Omnye umthandazo wamandulo owawusenziwa kwindlu yesikhungo uthetha ngethemba loBukumkani obungoMesiya obuvela kwindlu kaDavide.
Nezinye iinkonzo ezingezizo ezobuKristu ziye zanomdla ekuthandazeleni uBukumkani bukaThixo. Ngokutsho kwephephandaba iTimes of India, inkokeli yonqulo edumileyo yaseIndiya yenkulungwane ye-19, neyayinomdla ekubopheni ngabande linye amaHindu, amaSilamsi neecawa zamaKristu, yathi: “Kungangenkankulu ukubazi uBukumkani bukaThixo ukuba intshona nempuma zizintlaba zahlukane.” Kutshanje inqununu kwiKholeji yamaSilamsi eseStrathfield, eOstreliya, ibhale yenjenje kwelinye iphephandaba: “Njengawo onke amaSilamsi, ndikholelwa kwelokuba uYesu uza kuza kwakhona aze amisele uBukumkani bukaThixo.”
Alinakuphikwa elokuba, abantu abanethemba nabacela uBukumkani bukaThixo ukuba bufike babalelwa kumawaka ezigidi. Kodwa khawucinge ngale nkalo ibalulekileyo.
Kusenokwenzeka uyazi ukuba thina maNgqina kaYehova, abapapashi beli phephancwadi, singena kwizindlu ngezindlu kwindawo ohlala kuyo ukuze sithethe nabantu ngeBhayibhile. Lo msebenzi siwenza ehlabathini lonke kumazwe angama-236 ngeelwimi ezingaphezulu lee kuma-400. Eyona nqontsonqa sithetha ngayo buBukumkani bukaThixo. Khumbula kaloku, umxholo weli phephancwadi uthi IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Sidla ngokubuza abantu enoba bayabuthandazela na obo Bukumkani. Uninzi ludla ngokuthi luyabuthandazela. Phofu ke, xa inkoliso yabantu ibuzwa ukuba buyintoni obo Bukumkani, idla ngokuthi ayibazi, okanye bathetha into engacacanga okanye engaqondakaliyo.
Kutheni ke abantu becela into abangayaziyo? Ngaba kungenxa yokuba uBukumkani yinto entsokothileyo? Hayi. IBhayibhile ibuchaza ngokucacileyo uBukumkani. Ngaphezu koko, isigidimi esiseBhayibhileni soBukumkani siyakhuthaza kula maxesha anzima. Inqaku elilandelayo liza kusichubela indlela iBhayibhile elicacisa ngayo elo themba. Siza kubona ukuba uya kuzaliseka nini umthandazo kaYesu wokufika koBukumkani.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokufana nqwa nomthandazo kaYesu ongumzekelo, umthandazo owenziwa xa kusweleke isizalwana ukwacela ukuba kungcwaliswe igama likaThixo. Nangona kusaxanjuliswana ngelokuba lo mthandazo wabakho ngexesha likaKristu okanye ngaphambilana, asimele sothuswe kukuyelelana kwale mithandazo. Injongo yomthandazo kaYesu yayingekuko ukuba abe ngowokuqala ukwenza izinto okanye atshintshe indlela yokuthandaza. Sicelo ngasinye sasisekelwe eZibhalweni ezazikhona ngelo xesha nezazifumaneka kuwo onke amaYuda. UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe abangamaYuda ukuba bathandazele izinto ababezithandazela kakade.