Babenza Ubomi Babo Banentsingiselo Ngakumbi—Ngaba Nawe Unokwenza Okufanayo?
OMNYE umzalwana waseKhanada ekuthiwa nguMarc wayephangela kwinkampani eyenza ubuxhakaxhaka beerobhothi obusetyenziswa emajukujukwini. Wayengxungxa apho ekwanguvulindlela othe ngxi. Umphathi wakhe wamthembisa ngokumnyusela—asebenze ixesha elizeleyo aze afumane umvuzo othe chatha. Wathini uMarc?
UAmy ongudade wakwiiPhilippines, waba nguvulindlela othe ngxi ngoxa wayegqibezela isikolo. Emva kokuba ephumelele esikolweni, wathenjiswa ngomsebenzi wexesha elizeleyo owawuza kufuna ixesha lakhe elininzi uze umhlawule imali eninzi. Wakhetha ntoni uAmy?
UMarc noAmy benza izigqibo ezingafaniyo, yaye ukhetho abalwenzayo lubonisa ubulumko besiluleko esanikwa amaKristu eKorinte yamandulo. Umpostile uPawulos wabhala wathi: ‘Abo balisebenzisayo eli hlabathi mababe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo.’—1 Kor. 7:29-31.
Masingalisebenzisi Ngokupheleleyo Eli Hlabathi
Ngaphambi kokuba sifunde ngoko kwenzeka kuMarc noAmy, ngokufutshane nje makhe sihlolisise intsingiselo yebinzana elithi ‘ihlabathi’ (okanye koʹsmos ngesiGrike) elasetyenziswa nguPawulos kwileta awayibhalela abaseKorinte. Kuloo ndinyana yeBhayibhile, ukoʹsmos ubhekisela kwinkqubo yeli hlabathi siphila kulo—ibutho labantu xa lilonke—yaye uquka izinto ngokuqhelekileyo eziyinxalenye yobomi bethu, njengezindlu, ukutya nempahla. Ukuze lukwazi ukufumana ezi zinto zifuneka umhla nezolo, uninzi lwethu kufuneka luphangele. Eneneni asinakwenza ngakumbi ngaphandle kokusebenzisa ihlabathi ukuze sifeze imbopheleleko yeZibhalo yokunyamekela thina neentsapho zethu. (1 Tim. 5:8) Kodwa kwangaxeshanye siyaqonda ukuba “ihlabathi liyadlula.” (1 Yoh. 2:17) Ngenxa yoko, ihlabathi siyalisebenzisa ukusa kumkhamo othile, kungekhona “ngokupheleleyo.”—1 Kor. 7:31.
Bekhuthazwa sisiluleko seBhayibhile sokungalisebenzisi ngokupheleleyo ihlabathi, abazalwana noodade abaliqela baye baphinda bahlolisisa iimeko zabo, banciphisa ixesha abalichitha kumsebenzi wempangelo, baza babenza lula ubomi babo. Emva kokwenza oko, bafumanise ukuba ubomi babo bunentsingiselo ngakumbi kuba baye bachitha ixesha elingakumbi neentsapho zabo nakwinkonzo kaYehova. Ngaphezu koko, ukuphila kwabo ubomi obulula kubenze abaxhomekeka kangako kweli hlabathi, kodwa baxhomekeka ngakumbi kuYehova. Ngaba unokwenza okufanayo—ubenze lula ubomi bakho ukuze uhambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo?—Mat. 6:19-24, 33.
“Sisondele Ngakumbi KuYehova Kunangaphambili”
UMarc, ekuthethwe ngaye ekuqaleni, wathobela isilumkiso seBhayibhile sokungalisebenzisi ngokupheleleyo ihlabathi. Wakwala ukunyuselwa awayethenjiswa ngako nokwakuza kumnika imali eninzi. Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, umphathi kaMarc wamthembisa ngemali ethe kratya nangakumbi ezama ukumeyisela ukuba asamkele eso sikhundla. UMarc uthi: “Oku kwakuluvavanyo, kodwa ndala kwaphela.” Uthi xa echaza isizathu soko: “Mna nomfazi wam uPaula sasifuna ukuzinikela ekukhonzeni uYehova ngokuphelele kangangoko kunokwenzeka. Ngenxa yoko sazimisela ukubenza lula ubomi bethu. Sathandaza kuYehova sicela ubulumko bokufikelela usukelo lwethu saza sabeka usuku olungqalileyo lokuqalisa ukukhonza uYehova ixesha elizeleyo.”
UPaula uthi: “Ndandisebenza iintsuku ezintathu ngeveki njengonobhala kwesinye isibhedlele, ibe ndandifumana imali eyaneleyo. Ndandikwanguvulindlela othe ngxi. Kodwa ke, kanye njengoMarc, ndandifuna ukuya kukhonza naphi na apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Sekunjalo, ndathi xa ndifaka isicelo sokuyeka umsebenzi, umphathi wam wandixelela ukuba ndifanelekela isikhundla esasisandul’ ukuvela sokuba ngunobhala oyintloko. Esi yayisesona sikhundla sinemali eninzi kwesi sibhedlele, kodwa ndema kwisigqibo sokuyeka emsebenzini. Ndathi ndakumxelela umphathi wam isizathu sokungasifuni esi sikhundla, waluncoma ukholo lwam.”
Akuzange kube kudala emva koko uMarc noPaula bafumana isabelo sokuba ngoovulindlela abakhethekileyo kwibandla elincinane elikummandla okwanti eKhanada. Waba yintoni umphumo wokuya kwabo apho? UMarc uthi: “Emva kokushiya umsebenzi owawundihlawula kakuhle nendandiwenze malunga nesiqingatha sobomi bam, ndandingaqinisekanga ngekamva, kodwa uYehova wasisikelela entsimini. Sinovuyo olungathethekiyo olubangelwa kukunika abanye izipho zokomoya. Inkonzo yexesha elizeleyo iye yanegalelo elihle emtshatweni wethu. Sincokola ngezinto ezibaluleke ngokwenene—izinto zokomoya. Sisondele ngakumbi kuYehova kunanini na ngaphambili.” (IZe. 20:35) UPaula wongezelela ngelithi: “Xa ushiya umsebenzi wakho nobutofotofo bomzi wakho, kuye kufuneke uthembele kuYehova ngokupheleleyo. Senza kanye oko, yaye uYehova wasisikelela. Abazalwana noodade abathandekayo bebandla elitsha basenza saziva sisekhaya yaye sithandwa. Ngoku ndisebenzisa amandla endandikade ndiwasebenzisela umsebenzi wam wangaphambili ekuncedeni abantu ngokomoya. Kundivuyisa ngokwenene ukuba kwesi sabelo.”
‘Ndandimi Kakuhle Kodwa Ndingonwabanga’
Yena uAmy, ekuthethwe ngaye ngaphambili wenza ukhetho olwahlukileyo. Wawamkela umsebenzi wexesha elizeleyo ohlawula kakuhle. UAmy uthi: “Kunyaka wokuqala, ndaqhubeka ndikhuthele entsimini kodwa ndafumanisa ukuba ngokuthe ngcembe ingqalelo yam iyemka kwinkonzo kaYehova, iya kumsebenzi wempangelo. Ndafumana izithembiso zokunyuselwa ndaza ndahlala ndikhangela amathuba okufumana izikhundla eziphezulu emsebenzini. Njengoko ndandisiba neembopheleleko ezingakumbi emsebenzini, laya lincipha nexesha endilichitha entsimini. Ekugqibeleni, ndayeka ngokupheleleyo ukushumayela.”
Xa ecinga ngelo xesha, uAmy uthi: “Ndandimi kakuhle ngokwasemalini. Ndandihlala ndisendleleni ndixhamla amawonga ahambisana nesikhundla sam esiphezulu. Kodwa ndandingonwabanga. Nakuba ndandinemali, ndandineengxaki ezininzi. Ndandingazi ukuba konakele phi. Kodwa ke ndada ndaqonda ukuba ukusukelana nezikhundla zeli hlabathi, kuphantse ‘kwandilahlekanisa nokholo.’ Ngenxa yoko, kanye njengokuba iLizwi likaThixo lisitsho, ‘ndandineentlungu ezininzi.’”—1 Tim. 6:10.
Wenza ntoni uAmy? Uthi: “Ndacela abadala ukuba bandincede ngokomoya yaye ndaphinda ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso. Xa kwakuculwa, ndalila. Ndakhumbula indlela endandonwabe ngayo kwiminyaka emihlanu yokuqala ndinesabelo kwisivuno njengovulindlela, nangona ndandingemanga kakuhle ngokwezinto eziphathekayo. Ndandisazi ukuba ndimele ndiyeke ukusukelana nemali ndize ndibeke izilangazelelo zoBukumkani kuqala. Ndehlela kwisikhundla esingaphantsi emsebenzini, nto leyo eyayithetha ukuba ndiza kwamkela isiqingatha somvuzo endandikade ndiwufumana, ndaza ndaqalisa ukushumayela kwakhona.” Ngochulumanco uAmy uthi: “Ndakhonza ngovuyo njengovulindlela kangangeminyaka embalwa. Ngoku ndaneliseke ngendlela endingazange ndaneliseka ngayo ngoxa ndandisebenzela eli hlabathi.”
Ngaba akunakuhlengahlengisa iimeko zakho uze wenze ubomi bakho bube lula? Ukuba usebenzisa naliphi na ithuba elivelayo ukuze uhambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani, nawe uya kubenza bube nentsingiselo ubomi bakho.—IMize. 10:22.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Ngaba akunakuhlengahlengisa iimeko zakho uze wenze ubomi bakho bube lula?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 19]
“Sendibuthanda Ngoku!”
UDavid, umdala ongumKristu kwelaseUnited States, wayenqwenela ukukhonza kunye nomfazi nabantwana bakhe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Watshintshela kumsebenzi wesingxungxo kwinkampani awayephangela kuyo, waza waba nguvulindlela othe ngxi. Ngaba olo tshintsho lwabenza banentsingiselo ubomi bakhe? Kwiinyanga ezimbalwa kamva, uDavid wabhalela umhlobo wakhe esithi: “Ayikho eny’ into eyanelisa njengokukhonza uYehova ngokupheleleyo kunye nentsapho yakho. Eneneni ndandicinga ukuba kuya kundithatha ithuba ngaphambi kokuba ndiqhelane nobuvulindlela kodwa sendibuthanda ngoku! Bundihlaziya ngokwenene.”
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UMarc noPaula bayashumayela