Sikholelwa Esikubonileyo
“Abantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo bacinga ukuba ayinakuze yaziwe inyaniso ngoThixo nangekamva asoloko ecinga ngawo amaKristu nezinye iinkonzo. Okanye ukuba alinakwaziwa ngokupheleleyo okungenani okwangoku.”—INTANDA-BULUMKO UBERTRAND RUSSELL, 1953.
INDODA eyaqamba ibinzana elithi “ukungakholelwa kuThixo” yayisisazi-nzulu sezityalo uThomas Huxley. UHuxley owazalwa ngowe-1825 wayephila ngaxeshanye noCharles Darwin yaye wayexhasa imfundiso yendaleko. Ngowe-1863, uHuxley wabhala wathi, abukho ubungqina obuxhasa ukuba ukho uThixo “osithandayo nosikhathaleleyo njengokuba amaKristu esitsho.”
Abantu abaninzi namhlanje bayayixhasa ingcamango yala madoda yokuba simele sikholelwe esikubonayo. Basenokuma ngelokuba ukukholelwa emntwini okanye kwinto engenasihlahla bubudenge.
Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba sifanele sikholelwe kuThixo ngaphandle kwezibakala? IBhayibhile ayifundisi loo nto. IBhayibhile ifundisa ukuba bubudenge ukukholelwa yonke into. IBhayibhile ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.
Kuthekani ngokukholelwa kuThixo? Ngaba bukho ubungqina obubonisa ukuba uThixo ukho singasathethi ke ngokusithanda nokusikhathalela kwakhe?
Iimpawu ZikaThixo Ziyatyhilwa
UPawulos ongumbhali weBhayibhile xa wayethetha neqela leenkcuba-buchopho zaseAthene wathi, uThixo “wenza ihlabathi nazo zonke izinto ezikulo.” UPawulos waxelela lo madoda ukuba uThixo unomdla kuthi nokuba ‘akakude kuye ngamnye wethu.’—IZenzo 17:24-27.
Kwakutheni ukuze uPawulos aqiniseke ukuba uThixo ukho yaye unomdla kubantu Abadalileyo? UPawulos wachasa isizathu xa wayebhalela amaKristu awayehlala kwisixeko saseRoma, wathi: ‘Iimpawu zikaThixo ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.’—Roma 1:20.
Amanqaku alandelayo axubusha iimpawu ezintathu zikaThixo ezinokubonwa kwizinto azidalileyo. Njengoko ufunda ngezi mpawu, zibuze, ‘Zindifundisa ntoni ngoThixo ezi mpawu?’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
IBhayibhile ayifundisi ukuba sifanele sikholelwe kuThixo ngaphandle kwezibakala