Iimpawu Esimele Sizisukele
“Phuthuma [sukela] ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali.”—1 TIM. 6:11.
1. Chaza intsingiselo yegama elithi sukela.
YINTONI ethi qatha engqondweni xa usiva igama elithi sukela? Mhlawumbi ucinga ngomhla kaMoses xa umkhosi wamaYiputa ‘wasukela’ amaSirayeli, waza waya kutshabalala kuLwandle Olubomvu. (Eks. 14:23) Okanye mhlawumbi ukhumbula imeko awayesiba kuyo umntu obulele ngengozi kuSirayeli wamandulo. Kwakufuneka abalekele kwesinye sezixeko ezithandathu zokusabela. Kungenjalo ‘umphindezeli wegazi wayemsukela umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela, ambulale afe.’—Dut. 19:6, IBhayibhile yesiXhosa.
2. (a) Nguwuphi umvuzo uThixo awunika amanye amaKristu ukuba awusukele? (b) Liliphi ithemba uYehova alinika amaKristu amaninzi namhlanje?
2 Ngokwahlukileyo kule mizekelo iseBhayibhileni ichazwe ngasentla, khawuve nje into awayezimisele kuyo umpostile uPawulos: “Ndisukela umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo ngoKristu Yesu.” (Fil. 3:14) IBhayibhile ibonisa ukuba amaKristu athanjisiweyo ali-144 000, aquka uPawulos, afumana loo mvuzo wokuphila ezulwini. Aya kulawula kunye noYesu Kristu phezu komhlaba iMinyaka Eliwaka. UThixo uwabekele usukelo olumangalisa ngokwenene la maKristu. Noko ke, amaKristu amaninzi okwenyaniso namhlanje anethemba okanye usukelo olwahlukileyo kolo. UYehova ubonisa uthando kuwo ngokuwanika ithemba lobomi obungunaphakade nempilo efezekileyo kumhlaba oyiparadesi, nto leyo eyalahlwa nguAdam noEva.—ISityhi. 7:4, 9; 21:1-4.
3. Sinokuba nalo njani uxabiso ngobubele obungasifanelanga bukaThixo?
3 Imigudu yabantu abanesono nabangafezekanga yokwenza okulungileyo iyodwa ayinakubenza bafumane ubomi obungunaphakade. (Isa. 64:6) Ekuphela kwento eya kusenza sifumane ubomi obungunaphakade kukuba nokholo kwilungiselelo likaThixo lothando lokusindisa ngoYesu Kristu. Yintoni esinokuyenza ukubonisa ukuba siyabuxabisa obo bubele bungasifanelanga bukaThixo? Phakathi kwezinye izinto, sinokuthobela lo myalelo: “Phuthuma [sukela] ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali.” (1 Tim. 6:11) Ukucinga ngezi mpawu kunokunceda ngamnye wethu azimisele ukuzisukela “ngokuphelele ngakumbi.”—1 Tes. 4:1.
“Phuthuma [Sukela] Ubulungisa”
4. Kutheni sinokuqiniseka ukuba ukusukela “ubulungisa” kubalulekile, yaye ngawaphi amanyathelo okuqala umntu anokuwathabatha?
4 Kuzo zombini iileta zakhe eziya kuTimoti, umpostile uPawulos wadwelisa iimpawu ezimele zisukelwe, yaye sihlandlo ngasinye wayeqala ‘ngobulungisa.’ (1 Tim. 6:11; 2 Tim. 2:22) Ngaphezu koko, kwezinye iindinyana zayo, iBhayibhile ikhuthaza ngokuphindaphindiweyo ukuba sisukele ubulungisa. (IMize. 15:9; 21:21; Isa. 51:1) Enye indlela esinokuqalisa ngayo ukwenza oko ‘kukungenisa ulwazi ngokuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo amthumileyo, uYesu Kristu.’ (Yoh. 17:3) Ukusukela ubulungisa kubangela ukuba umntu aguquke kwizono awayezenza ngaphambili aze ‘ajike’ ukuze enze ukuthanda kukaThixo.—IZe. 3:19.
5. Yintoni esimele siyenze ukuze sifumane size silondoloze ukuma okulungileyo noThixo?
5 Izigidi zabantu eziye zabusukela ngokunyanisekileyo ubulungisa ziye zahlulela ubomi bazo kuYehova zaza zafuzisela oko ngokubhaptizwa emanzini. Ukuba sele ungumKristu obhaptiziweyo, ngaba ukhe wayicinga into yokuba indlela obuphila ngayo ubomi bakho ifanele ibonise ukuba uqhubeka usukela ubulungisa? Enye indlela onokukwenza ngayo oku kukujonga eBhayibhileni oko “kulungileyo nokubi” xa uza kwenza izigqibo ezibalulekileyo ngobomi bakho. (Funda amaHebhere 5:14.) Ngokomzekelo, ukuba ungumKristu ongatshatanga osexabisweni lokutshata, ngaba uzimisele ukukuphepha ukuthandana naye nabani na ongenguye umKristu obhaptiziweyo? Uya kwenjenjalo, ukuba usukela ubulungisa.—1 Kor. 7:39.
6. Ukubusukela ngokunyanisekileyo ubulungisa kubandakanya ntoni?
6 Umntu olilungisa wahlukile kulowo uzenza ilungisa okanye ‘olilungisa kakhulu.’ (INtshu. 7:16) UYesu walumkisa nxamnye nokuba nolo hlobo lobulungisa ukuze sibonakale sibhetele kunabanye abantu. (Mat. 6:1) Enyanisweni, ukusukela ubulungisa kubandakanya intliziyo—ukulungisa iingcamango, isimo sengqondo, iintshukumisa neminqweno ephosakeleyo. Ukuba siqhubeka sisenza oku, asinakufane senze izono ezinzulu. (Funda IMizekeliso 4:23; thelekisa uYakobi 1:14, 15.) Ngaphezu koko, uYehova uya kusisikelela aze asincede xa sisukela ezinye iimpawu ezibalulekileyo zamaKristu.
‘Sukela Uzinikelo Lobuthixo’
7. Luyintoni “uzinikelo lobuthixo”?
7 Ukuzinikela kuquka ukuzahlulela ngokupheleleyo nokunyaniseka. Esinye isichazi-magama seBhayibhile sithi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uzinikelo lobuthixo” lithetha “ukulumkela ukwenza nantoni na enokubonisa ukungamoyiki uThixo.” AmaSirayeli ayesoloko esilela ukubonisa oko kuzinikela, njengoko sibona ukungamthobeli kwawo uThixo nasemva kokuba ewakhulule eYiputa.
8. (a) Isono sika-Adam sabangela ukuba kubekho wuphi umbuzo? (b) Yaphendulwa njani le ‘mfihlelo ingcwele’?
8 Kangangamawaka eminyaka emva kokuba uAdam ofezekileyo wonayo, kwakusekho umbuzo othi, “Ngaba ukho nawuphi umntu onokuzinikela ngokugqibeleleyo kuThixo?” Ukutyhubela iinkulungwane, wayengekho umntu onesono okwaziyo ukuzinikela ngokugqibeleleyo kuThixo. Kodwa ngexesha lakhe elifanelekileyo, uYehova uye wayiphendula le ‘mfihlelo ingcwele.’ Wadlulisela ubomi bokuphela koNyana wakhe amzeleyo kwisibeleko sikaMariya ukuze azalwe njengomntu ofezekileyo. Ngalo lonke ixesha lokuphila kwakhe emhlabeni nangexesha lokufa kwakhe okulihlazo, uYesu wayenza yacaca eyona nto ithethwa kukuzinikela ngokupheleleyo nokunyaniseka kuThixo wokwenyaniso. Imithandazo yakhe yabonisa indlela awayemhlonela ngayo uYise wasezulwini onothando. (Mat. 11:25; Yoh. 12:27, 28) Ngenxa yoko, uYehova waphefumlela uPawulos ukuba athethe ‘ngozinikelo lobuthixo’ xa wayechaza ubomi bukaYesu obungumzekelo.—Funda eyoku-1 kuTimoti 3:16.
9. Sinokulusukela njani uzinikelo lobuthixo?
9 Njengoko sinesono, asikwazi ukuzinikela kuThixo ngokugqibeleleyo. Kodwa sinokukusukela. Oku kufuna ukuba silandele umzekelo kaKristu ngokusondele kangangoko kunokwenzeka. (1 Pet. 2:21) Ngenxa yoko, asisayi kufana nabahanahanisi ‘abanembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo.’ (2 Tim. 3:5) Oku akuthethi kuthi uzinikelo lobuthixo lokwenene alunanto yakwenza nembonakalo yangaphandle. Ngokomzekelo, enoba sikhetha ilokhwe yomtshato okanye sicinga ngento esiza kuyinxiba xa sisiya kuthenga, imbonakalo yethu ifanele ivisisane nokuzibanga kwethu ‘sihlonela uThixo.’ (1 Tim. 2:9, 10) Kaloku, ukusukela kwethu uzinikelo lobuthixo kufuna sicinge ngemilinganiselo kaThixo yobulungisa kubomi bethu bemihla ngemihla.
‘Sukela Ukholo’
10. Yintoni esinokuyenza ukuze sigcine ukholo lwethu lomelele?
10 Funda eyabaseRoma 10:17. Ukuze umKristu abe nokholo olomeleleyo aze akwazi ukululondoloza, umele aqhubeke ecamngca ngenyaniso exabisekileyo ekwiLizwi likaThixo. “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lalungiselela iimpapasho ezininzi. Iincwadi ezintathu eziluncedo koku yethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, Funda Kumfundisi Omkhulu nethi ‘Yiba Ngumlandeli Wam,’ yaye zilungiselelwe ukusinceda simazi kakuhle uKristu size simxelise. (Mat. 24:45-47) Kanti kwaolu didi lwekhoboka lulungiselele iintlanganiso, iindibano ezinkulu nezincinane, uninzi lwazo olubalaselisa ‘ilizwi elingoKristu.’ Ngaba zikho ezinye iindlela onokuwasebenzisa ngazo la malungiselelo njengoko ‘unikela ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo’ koko kulungiselelwe nguThixo?—Heb. 2:1.
11. Umthandazo nokuthobela kunayiphi indima ekusukeleni ukholo?
11 Enye into esincedayo sakhe ukholo olomeleleyo ngumthandazo. Abalandeli bakaYesu bakha bacela oku kuye: “Sinike ukholo olungakumbi.” Nathi sinokucela okufanayo kuThixo sithobekile. (Luka 17:5) Ukuze sibe nokholo olungakumbi, sifanele sithandazele uncedo lomoya oyingcwele kaThixo; ukholo luyenye inkalo ‘yesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22) Enye into eyomeleza ukholo lwethu kukuthobela imiyalelo kaThixo. Ngokomzekelo, sisenokuzimisela ukwenza lukhulu kumsebenzi wokushumayela. Oku kunokusenza sonwabe gqitha. Yaye njengoko sicinga ngeentsikelelo ezibangelwa ‘kukufuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaThixo]’, ukholo lwethu luya kukhula.—Mat. 6:33.
‘Sukela Uthando’
12, 13. (a) Uthini umyalelo omtsha kaYesu? (b) Ziziphi iindlela ezibalulekileyo esinokulusukela ngazo uthando lwamaKristu?
12 Funda eyoku-1 kuTimoti 5:1, 2. UPawulos wanikela isiluleko esiluncedo ngendlela amaKristu anokuthandana ngayo. Uzinikelo lwethu lobuthixo lumele luquke ukuthobela umyalelo omtsha kaYesu ‘wokuba sithandane’ njengoko naye wasithandayo. (Yoh. 13:34) Umpostile uYohane wathi: “Nabani na onezinto zokuxhasa ubomi zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele, kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye, lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?” (1 Yoh. 3:17) Ngaba zikho izihlandlo onokuzikhumbula, oye wabonisa ngazo uthando ngezenzo?
13 Enye indlela esinokulusukela ngayo uthando kukuxolela, singabazondi abazalwana bethu. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:20.) Kunoko, sifuna ukuthobela esi siluleko siphefumlelweyo: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kol. 3:13) Ngaba ukho umntu ebandleni onokusisebenzisa kuye esi siluleko? Ngaba uza kumxolela?
‘Sukela Unyamezelo’
14. Sinokufunda ntoni kwibandla laseFiladelfi?
14 Siye sizibekele usukelo lwexesha elifutshane size silufikelele, kodwa akusoloko kulula ukufikelela usukelo esizibekela lona. Kuyabonakala ukuba ukusukela ubomi obungunaphakade kufuna unyamezelo. INkosi uYesu yathi kwibandla laseFiladelfi: “Ngenxa yokuba uligcinile ilizwi elingonyamezelo lwam, nam ndiya kukugcina ngelixa lovavanyo.” (ISityhi. 3:10) Eneneni uYesu wafundisa ngemfuneko yokunyamezela, phawu olo oluya kusinceda singanikezeli xa sivavanywa okanye silingwa. Abazalwana bebandla laseFiladelfi lenkulungwane yokuqala bamele ukuba baba ngumzekelo wonyamezelo xa kwakuvavanywa ukholo lwabo. Ngoko uYesu waqinisekisa ukuba uya kubanceda xa befumana iimvavanyo ezingakumbi.—Luka 16:10.
15. Wafundisa ntoni uYesu ngonyamezelo?
15 UYesu wayesazi ukuba abalandeli bakhe baya kuthiywa zizalamane zabo nalihlabathi ngokubanzi, ngoko ubuncinane kangangezihlandlo ezibini wabakhuthaza ngolu hlobo: “Kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mat. 10:22; 24:13) Kanti uYesu wabonisa indlela abafundi bakhe ababeya komelezwa ngayo ngelo xesha ukuze banyamezele. Komnye umzekeliso wafanisa umhlaba onamatye nabantu ‘abamkela ilizwi [likaThixo] ngovuyo’ kodwa boyisakale xa kuvavanywa ukholo lwabo. Noko ke, wafanisa abalandeli bakhe abathembekileyo nomhlaba omhle kuba ‘bayaligcina’ ilizwi likaThixo baze “bathwale isiqhamo ngonyamezelo.”—Luka 8:13, 15.
16. Liliphi ilungiselelo lothando eliye lanceda izigidi zabantu ukuba zinyamezele?
16 Ngaba uphawule ukuba yintoni enokusinceda sinyamezele? ‘Kukugcina’ ilizwi likaThixo liphilile ezingqondweni nasezintliziyweni zethu. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele—iBhayibhile echanileyo nefundeka lula—efumaneka ngeelwimi ezininzi, yenze kwaba lula ukwenjenjalo. Xa sicamngca ngenxalenye yeLizwi likaThixo imihla ngemihla siya komelela size siqhubeke sithwala isiqhamo “ngonyamezelo.”—INdu. 1:1, 2.
‘Sukela Umoya Wobulali’ Noxolo
17. (a) Kutheni kubalulekile ukuba ‘nomoya wobulali’? (b) UYesu wawubonisa njani umoya wobulali?
17 Akakho umntu onokuthanda ukutyholwa ngento angayithethanga nangayenzanga. Ngokuqhelekileyo abantu bakhanyela ngomsindo xa betyholwa ngento abangayenzanga. Eyona nto incedayo kwiimeko ezinjalo kukubonisa “umoya wobulali”! (Funda IMizekeliso 15:1.) Kufuna umgudu ukuzola xa utyholwa. Owona mzekelo ugqibeleleyo kule nkalo ngokaYesu Kristu. “Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.” (1 Pet. 2:23) Asinakulindela ukuba siya kuba njengoYesu kule nkalo, kodwa ngaba asinakwenza umgudu wokuphucula indlela esiwubonisa ngayo umoya wobulali?
18. (a) Umoya wobulali unokusinceda entwenini? (b) Luluphi olunye uphawu esikhuthazwa ukuba silusukele?
18 Ngamana singaxelisa uYesu ‘ngokusoloko sikulungele ukuthethelela’ iinkolelo zethu, ‘sisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.’ (1 Pet. 3:15) Eneneni, ukuba nomoya wobulali kuya kusinceda singaxabani nabantu esidibana nabo entsimini okanye abazalwana noodadewethu xa singaboni ngasonye nabo. (2 Tim. 2:24, 25) Uba noxolo xa ubonisa umoya wobulali. Kusenokwenzeka ukuba seso sizathu esibangela ukuba uPawulos kwileta yakhe yesibini awayibhalela uTimoti afake “uxolo” phakathi kweempawu awayefanele azisukele. (2 Tim. 2:22; thelekisa eyoku-1 kuTimoti 6:11.) Kaloku “uxolo” lolunye uphawu iZibhalo ezisikhuthaza ukuba silusukele.—INdu. 34:14; Heb. 12:14.
19. Emva kokuqwalasela iimpawu zamaKristu ezisixhenxe, yintoni ozimisele ukuyisukela, yaye ngoba?
19 Siye saqwalasela iimpawu ezisixhenxe thina maKristu esikhuthazwa ukuba sizisukele—ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali kunye noxolo. Kuba yinto emangalisa ngokwenene xa kwibandla ngalinye abazalwana noodade bezimisela ngakumbi ukubonisa ezi mpawu zixabisekileyo. Oko kuyamzukisa uYehova yaye kubangela ukuba axonxe ngamnye wethu ukuze simzukise.
Izinto Esinokucamngca Ngazo
• Yintoni ebandakanyekileyo ekusukeleni ubulungisa nozinikelo lobuthixo?
• Yintoni eya kusinceda sisukele ukholo nonyamezelo?
• Uthando luyichaphazela njani indlela esibaphatha ngayo abanye?
• Kutheni kufuneka sisukele ubulali noxolo?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYesu wathi simele sikulumkele ukuzenza amalungisa ukuze sibonwe ngabantu
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Sinokusukela ukholo ngokucamngca ngenyaniso yeLizwi likaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Sinokusukela uthando nomoya wobulali