“Ngokwenene Eli Lelona Gama LikaThixo Lingcwele Nelikhulu”
Lawo ngamazwi awathethwa nguNicholas waseCusa kwintshumayelo yakhe awayinikela ngowe-1430.a Wayenomdla kwimiba eliqela, kuba ngokomzekelo wafunda isiGrike, isiHebhere, intanda-bulumko, ezakwalizwi, izibalo neenkwenkwezi. Xa wayeneminyaka engama-22 ubudala, waba yingcali yomthetho wecawa yamaRoma Katolika. Ngowe-1448 wamiselwa njengekhadinali.
Malunga neminyaka engama-550 eyadlulayo, uNicholas waseCusa wakha ikhaya labalupheleyo eKues ngoku ebizwa ngokuba yiBernkastel-Kues, idolophu emalunga neekhilomitha ezili-130 kumazantsi eBonn, eJamani. Ngoku esi sakhiwo, singumzi wogcino-zincwadi onemibhalo-ngqangi kaCusa engaphezu kwama-310. Omnye waloo mibhalo-ngqangi yiCodex Cusanus 220, onentshumayelo kaCusa yowe-1430. Kuloo ntshumayelo inomxholo othi, In principio erat verbum (Ekuqaleni Wayekho ULizwi), uNicholas waseCusa wasebenzisa igama lesiLatini elithi Iehoua elithetha Yehova.b Iphepha lawo lama-56 linala mazwi alandelayo ngokuphathelele igama likaThixo: “LelikaThixo. LiyiTetragrammaton, nto leyo ethetha ukuba eli gama linoonobumba abane. . . . Ngokwenene eli lelona gama likaThixo lingcwele nelikhulu.” La mazwi kaNicholas waseCusa ayangqinelana nesibakala sokuba igama likaThixo liyavela kumbhalo wantlandlolo weZibhalo zesiHebhere.—Eks. 6:3.
Lo mbhalo-ngqangi owabhalwa ebutsheni benkulungwane ye-15 ulolunye lwawona maxwebhu madala asekhoyo, apho aba nobumba bane baguqulelwe ngokuthi “Iehoua.” Lo mbhalo-ngqangi ububungqina bokuba, elona gama likaThixo belisetyenziswa kangangeenkulungwane kwimibhalo ekhutshelweyo lelifana nelithi “Yehova.”
[Imibhalo esemazantsi]
a UNicholas waseCusa wayekwabizwa ngokuba nguNikolaus Cryfts (Krebs), uNicolaus Cusanus okanye uNikolaus von Kues. IKues le yayiligama ledolophu yaseJamani awazalelwa kuyo.
b Le ntshumayelo yayixhasa uBathathu Emnye.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UMzi Wogcino-zincwadi kaCusa