IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 5/1 iphe. 3
  • Yintoni Ukholo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Ukholo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Irisithi Eqinisekisayo Nobungqina Obuqinisekileyo
  • Lubaluleke Kangakanani Ukholo Olomeleleyo?
  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Hebhere 11:1—“Ukholo Bubungqina Bezinto Esinethemba Lazo”
    Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 5/1 iphe. 3

Yintoni Ukholo?

UNGALUCHAZA njani ukholo? Abanye balufanisa neenkolelo. Umbhali nentatheli yaseMerika uH. L. Mencken wakhe wathi ukholo “yinkolelo engenangqiqo yokwenzeka kwezinto ekunzima kakhulu ukukholelwa ukuba zinako ukwenzeka.”

Kodwa yona iBhayibhile ayithethi ngokholo njengenkolelo nje, yaye ayithi alunangqiqo. ILizwi likaThixo lithi: “Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.”—Hebhere 11:1.

Ekubeni abantu beneembono ezibethabethanayo ngokholo, makhe siphendule le mibuzo ilandelayo:

• Indlela iBhayibhile eluchaza ngayo ukholo yahluke njani kwindlela abaluchaza ngayo abantu abaninzi?

• Kutheni kubalulekile nje ukuba nokholo oluchazwa yiBhayibhile?

• Ungalomeleza njani ukholo lwakho?

Irisithi Eqinisekisayo Nobungqina Obuqinisekileyo

Abantu ababephila ngexesha ekwabhalwa ngalo incwadi yeBhayibhile yamaHebhere babeqhelene negama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ulindelo oluqinisekisiweyo.” Lalidla ngokubhalwa kumaphepha ezoshishino ukuqinisekisa ukuba uza kuyinikwa into ethile ebekuvunyelwene ngayo. Ngenxa yoko enye imbekiselo ithi amaHebhere 11:1 anokuguqulelwa kuthiwe: “Ukholo luyirisithi eqinisekisa izinto esinethemba lazo.”

Ukuba wakhe wathenga into kwinkampani ethenjiweyo waza walinda ukuba iziswe, uye walubonisa ukholo ekuthethwa ngalo apha. Irisithi oye wayinikwa iye yakunika isizathu sokuba uyithembe loo nkampani uthenge kuyo. Loo risithi iye yakuqinisekisa ukuba uza kuyifumana loo nto uyithengileyo. Ukuba ubunokuyilahla loo risithi ubengenakukwazi ukuyibanga loo nto kuba ubuza kube ulahle ubungqina bokuba uyithengile. Ngendlela efanayo, abantu abanokholo lokuba uThixo uza kuzizalisekisa izithembiso zakhe banesiqinisekiso sokuba baza kuzifumana izinto abanethemba lazo. Kanti bona abantu abangenalo ukholo okanye abalulahlayo, abanakuzifumana izinto ezithenjiswe nguThixo.—Yakobi 1:5-8.

Ibinzana lesibini elikumaHebhere 11:1, eliguqulelwe ngokuthi “ubungqina obucacileyo,” lidlulisela imbono yokukhupha ubungqina obuphikisa into ebonakala iyinyani ebantwini. Ngokomzekelo ilanga libonakala ngathi lijikeleza umhlaba—liphuma empumalanga licande isibhakabhaka lize liye kutshona entshonalanga. Noko ke ubungqina bubonisa ukuba ilanga aliwujikelezi umhlaba. Xa uqhelene nobu bungqina yaye ubamkela njengenyaniso, unokholo lokuba ngumhlaba ojikeleza ilanga—nangona emehlweni akho kubonakala ngathi lilanga elihambayo. Ukholo lwakho alumfamekanga. Ngokwahlukileyo koko, lukwenza uzibone izinto ngendlela kanye ezenzeka ngayo, kungekhona nje ngendlela ekubonakala ngathi zenzeka ngayo.

Lubaluleke Kangakanani Ukholo Olomeleleyo?

IBhayibhile isikhuthaza ukuba sibe nolu hlobo lokholo—ukholo olomeleleyo olusekelwe kubungqina obungenakuphikiswa, enoba kufuneka silahle izinto ebesikade sizikholelwa. Ukholo olunjalo lubalulekile. Umpostile uPawulos wathi: “Akakho umntu onokumkholisa uThixo engenalo ukholo. Nabani na oza kuThixo umele akholelwe ukuba ukho yaye uyabavuza abo bamfuna ngokunyanisekileyo.”—Hebhere 11:6, New Century Version.

Zininzi izinto ezinokukwenza ungabi nalo ukholo olomeleleyo. Kodwa ke ukuba uyazenza ezi zinto zine ekuza kuthethwa ngazo kula manqaku alandelayo uya kuphumelela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share