Sondela KuThixo
Ngaba UThixo Ukhe Azisole?
BANTU bangafezekanga sikhe sizisole. Ngokomzekelo, siyazisola xa sibona ukuba senze impazamo. Into ebangela umdla ke kukuba iBhayibhile ithi noYehova ukhe azisole. Kodwa ke usenokuba uthi, ‘UThixo ufezekile yaye akazenz’ iimpazamo!’ Ngoko ke, uzisola ngayiphi indlela? Impendulo yalo mbuzo inokusinceda siqonde into ebalulekileyo: UYehova uneemvakalelo, yaye izinto esizenzayo ziyamkhathaza okanye zimonwabise. Cinga ngamazwi abhalwe kuBagwebi 2:11-18.
Incwadi yeBhayibhile yaBagwebi ibalisa ngexesha elinzima kwimbali yamaSirayeli. Ngelo xesha uhlanga lwaluhlala kwaKanan, lizwe elo uThixo awayelithembise uAbraham. Kwiinkulungwane eziliqela ezalandelayo, imbali yakwaSirayeli ingashwankathelwa ngala magama mane: ukuphambuka, ingcinezelo, ukubongoza nokuhlangulwa.a
Ukuphambuka. AmaSirayeli awayephenjelelwa ngamaKanan ‘amshiya uYehova’ aza alandela abanye oothixo, ingakumbi “uBhahali nemifanekiso ka-Ashtoreti.”b Ukuphambuka okunjalo kwabenza bawexuka. Akumangalisi ke ngoko ukuba amaSirayeli abe ‘amcaphukisa uYehova,’ uThixo owayewakhulule eYiputa!—Ivesi 11,13; ABagwebi 2:1.
Ingcinezelo. Ngenxa yomsindo wakhe wobulungisa, uYehova wayeyeka ukubakhusela besakuphambuka abantu bakhe. Loo nto yayiwenza amaSirayeli awele ‘esandleni seentshaba zawo,’ ezazifika ziliphange ilizwe.—Ivesi 14.
Ukubongoza. AmaSirayeli ayezisola xa ebandezelekile aze akhale kuYehova ecela uncedo. Ukubongoza kwawo kubonakala kumagama athi “ngokugcuma kwabo ngenxa yabacinezeli babo.” (Ivesi 18) Ayesoloko ebongoza uThixo xa esengxakini. (ABagwebi 3:9, 15; 4:3; 6:6, 7; 10:10) Wayesabela njani uThixo?
Intlangulo. UYehova wayekuva ukuncwina kukaSirayeli aze “azisole.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukuzisola” linokuthetha “ukutshintsha ingqondo okanye injongo.” Enye imbekiselo ithi: “UYehova wayeyitshintsha injongo yakhe yokuwohlwaya aze awahlangule ngenxa yokukhala kwawo.” Ngenxa yenceba yakhe, uYehova “wayebavelisela abagwebi,” ababebahlangula abantu bakhe kwiintshaba zabo.—Ivesi 18.
Ngaba uphawulile ukuba yintoni eyayisenza uThixo azisole okanye atshintshe ingqondo yakhe? Yayikukutshintsha kwesimo sengqondo sabantu bakhe. Yicinge ngale ndlela le nto: Utata obathandayo abantwana bakhe unokohlwaya umntwana, mhlawumbi ngokumbandeza amalungelo athile. Kodwa ke, xa ebona ukuba loo mntwana uguquke ngokwenene, uyise usenokumxolela.
Eli bali lisifundisa ntoni ngoYehova? Isono esenziwa ngabom simenza abe nomsindo kodwa ke ubenzela inceba abantu abaguqukayo. Kusenza sicingisise ukwazi ukuba izinto esizenzayo ziyamchaphazela uThixo. Kutheni ungafundi ngendlela onokuyenza ngayo ibe “nemihlali intliziyo” kaYehova? (IMizekeliso 27:11) Wena ke awusoze uzisole.
[Imibhalo esemazantsi]
a EyaBagwebi 2:11-18 iyinxalenye yomhlahla ndlela wendlela awayeziphethe ngayo amaSirayeli, ekubaliswa ngayo ngokweenkcukacha kwizahluko ezilandelayo.
b UBhahali wayengoyena thixo ubalaseleyo wamaKanan yaye uAshtoreti wayenguthixokazi ekwakusithiwa ngumfazi wakhe.