IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 3/1 iphe. 15
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Abafundi BakaYesu Bengazili Ukutya?
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ubuzwa Ngokuzila Ukudla
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 3/1 iphe. 15

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze uYesu athi “akukho bani ufaka iwayini entsha kwiintsuba zewayini ezindala”?

▪ Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile kwakuyinto eqhelekileyo ukugcina iwayini kwiintsuba zesikhumba. (Yoshuwa 9:13) Iintsuba zasisenziwa ngesikhumba setakane okanye esebhokhwe. Xa kusenziwa intsuba, isilwanyana eso sasihlinzwa kuze kukhutshwe isikhumba. Isikhumba sasisukwa size sithungwe, ngaphandle kwasemqaleni okanye emlenzeni, ndawo ezo zazisiba ngumlomo wentsuba. Umlomo lowo wawuvalwa ngesiciko okanye ubotshwe ngosinga.

Ekuhambeni kwexesha isikhumba sasisoma. Ngenxa yoko, iintsuba ezindala zazingenakukwazi ukugcina iwayini entsha ebilayo. Iwayini ebilayo yayinokuzigqabhuza iintsuba ezindala. Kwelinye icala, iintsuba ezintsha zazinokukwazi ukuyigcina iwayini entsha nangona ibila. Ngenxa yoko, uYesu wathetha ngento eyayisaziwa ngabantu abaninzi belo xesha. Wathetha ngento eyayiza kwenzeka xa kwakufakwa iwayini entsha kwiintsuba ezindala, esithi: “Iya kwandula ke iwayini izigqabhuze iintsuba zewayini, yaye yona iya kuphalala neentsuba zewayini ziya konakala. Kodwa iwayini entsha imele ifakwe kwiintsuba zewayini ezintsha.”—Luka 5:37, 38.

Ayengoobani “amadoda ezinkempe” ekuthethwa ngawo xa kubanjwa uPawulos ngamaRoma?

▪ IZenzo zithi xa kwakukho isiphendu etempileni yaseYerusalem, umphathi mkhosi wamaRoma wavalela uPawulos kuba erhanela ukuba wayeyinkokeli yeqela ‘lamadoda ezinkempe angamawaka amane’ awayeqhway’ udushe. (IZenzo 21:30-38) Yintoni esiyaziyo ngala madoda?

Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “amadoda ezinkempe” livela kwelesiLatini elithi sicarii, elithetha “abasebenzisi besinkempe.” Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uFlavius Josephus uthi amaSicarii ayeliqela lamaYuda awayeziintshaba zamaRoma nawayefuna uzimele geqe yaye ebulala abantu.

UJosephus uthi iiSicarii “zazibulala abantu emini phakathi esixekweni; ngokuyintloko zibabulala emathekweni, apho zazingena phakathi kwabo zize zihlabe iintshaba zazo ngezinkempe ezazizifihla ngaphantsi kwempahla.” IiSicarii zazizenza ngathi zothukile xa zibona abantu ezibahlabileyo besiwa baze bafe, nto leyo eyayizenza zingabhaqwa. UJosephus uthi iiSicarii zaziphambili xa amaYuda ayevukela amaRoma ngowama-66-70 C.E. Siyaqondakala ke ngoko isizathu sokuba inkumanda yaseRoma ifune ukumbopha umntu eyayicinga ukuba yinkokeli yelo qela.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Intsuba Endala Yewayini

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Umzobo Wendoda Yesinkempe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share