Ileta Evela EPapua New Guinea
Intaba Engurhec’ izulu
KUNGOLWESIBINI ekuseni ngentsimbi yesihlanu, eLae, ePapua New Guinea (PNG). Mna nomfazi wam silungiselela ukuya eLengbati, eMount Rawlinson, kwiPhondo laseMorobe ukuze sityelele iqela lamaNgqina kaYehova alapho.
Inqwelo-moya esihamba ngayo ithatha imizuzu engama-30 ukuya apho. Ndidla ngokuhlala ecaleni komqhubi xa ndihamba ngenqwelo-moya yaye sincokola sisebenzisa izixhobo zokunxibelelana ezifakwa entloko. Njengoko sihamba undibonisa ubuxhakaxhaka obukuloo nqwelo-moya, andichazele umsebenzi wabo aze andiqhule esithi ukuba kunokwenzeka nantoni kuye, kuza kufuneka ndiyiqhube ngokwam loo nqwelo-moya. Loo nto indikhumbuza ibali lomnye umshumayeli wamaNgqina kaYehova walapha ePNG. Umqhubi wenqwelo-moya awayehamba ngayo wafa isiqaqa yaza loo nqwelo-moya yajikeleza emoyeni de wabuyela ezingqondweni. Okuvuyisayo kukuba uhambo lwethu alubi namagingxigingxi.
Inqwelo-moya yethu ngoku ibhabha phezu kweqolo lweentaba xa ngesiquphe inqumla phezu kwencopho yenye yazo. Kuthi kusenjalo kuvele ilali yaseLengbati enezindlu ezakhiwe ngezinti nezifulelwe ngengca. Umqhubi ukhangela phantsi kwindawo eza kuma kuyo inqwelo-moya ukuze aqiniseke ukuba akukho bantwana badlalayo. Kwakhona ukhangela ukuba akukho mingxuma evunduzwe ziihagu kusini na aze athi: “Kubonakala kungekho ngozi, singehla.” Emva kokujikeleza emoyeni sehlela kwibala leenqwelo-moya elenziwa ngabahlali balapho.
Xa ndandityelele apha ngaphambili, ndathi xa ndijonga loo ntaba ndazibuza ukuba inokuba indala kangakanani. Yiba nomfanekiso ngqondweni wento eyenzekayo xa loo ntaba ingurhec’ izulu yayifunquka elwandle. Sehla kuloo nqwelo-moya saza sema phezu kwentaba endiyibiza ngokuba ngurhec’ izulu.
Njengesiqhelo, abantu belali beza bebaleka besakuva ukuduma kwenqwelo-moya. Njengoko inqwelo-moya yethu icima, kuthi gqi ndoda ithile iphuma kuloo nyambalala yabantu. Igama layo nguZung yaye uqhuba iintlanganiso zamaNgqina kaYehova aloo lali. Waziwa njengomntu oziphethe kakuhle, onyanisekileyo nothembekileyo ngabantu balapho. Uyavuma ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kubuphucule ubomi bakhe. Emva kokuba sibulisene, sihamba noZung namanye amaNgqina. Silandelwa ligquba lamakhwenkwe akhuphisana ngokusiphathisa imithwalo yethu.
Sifikela kwindlu encinane eyakhiwa ngamaNgqina asekuhlaleni ngamaplanga elungiselela umzalwana otyelela amabandla awo rhoqo emva kweenyanga ezintandathu. Nangona iPNG ililizwe elishushu apha kuyabanda kuba kusezintabeni. Isibhakabhaka esinamafu sibonakala kakuhle ebusuku. Ayiqheleki into yokunxiba impahla eshushu ukuze ufudumale ekubeni kwiiyure nje ezimbalwa ubugqatswa lilanga.
Ngeminyaka-yee-1980, enye indoda yalapha yafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova aseLae. Ukubuyela kwayo kule lali, yona namanye amadoda bakha indlu yenkonzo, ababenebhongo kakhulu ngayo. Kodwa ke umfundisi wecawa yamaLuthere kunye namarhamente akhe bayitshisa yaluthuthu. Loo madoda ayesithi loo lali yeyamaLuthere kuphela. Kodwa ke, amaNgqina akha enye indawo yaye inani lawo liye lakhula laya kutsho kuma-50 nangona echaswa. Nabanye abantu ababekade bewachasa amaNgqina bangawo namhlanje.
Kule mihla, abantu balapha bayawamkela amaNgqina kaYehova xa ebafundisa iBhayibhile. Nangona bembalwa abantu bale lali abakwaziyo ukufunda, inkoliso yamaNgqina alapha iye yafunda ukuze ikwazi ukufundisa abantu iBhayibhile. Veki nganye kuza abantu abangama-200 kwiintlanganiso zonqulo eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani.
Awukho umbane, ngoko ebusuku sihlala ngasemlilweni xa sisitya yaye sincokola. Abahlobo bethu babonakala ebusweni ukuba bayakuvuyela ukukhonza uYehova. Njengoko ubusuku buhamba, abanye bathatha isikhuni somlilo esivuthayo ukuze bakhanyise endleleni egodukayo.
Endleleni egodukayo, siphawula indlela ekuzole ngayo apha. Kuvakala intsholo yezilwanyana kuphela. Ngaphambi kokuba silale sijonga isibhakabhaka size simangaliswe linani leenkwenkwezi ozibonayo xa ulapha.
Njengoko iveki idlula ngokukhawuleza, sicinga ngokubuya kwenqwelo-moya yethu ngosuku olulandelayo. Kuza kudlula ubusuku obunye siseLengbati, size sibuyele kummandla ongaselwandle, oshushu nofumileyo.