Indoda Eyatshintsha Ihlabathi
Bangaphaya kweebhiliyoni abantu abakhe baphila baza bafa kulo mhlaba. Inkoliso yabo ayikhange izenzele gama. Noko ke, likho iqaqobana eliye lanempembelelo kwimbali—mhlawumbi nakubomi bakho.
NJENGOKO uvuka kusasa ulungiselela ukuya emsebenzini ukhanyisa ngombane. Uphatha incwadi oza kuyifunda endleleni. Usela iipilisi ezinyanga isifo esithile. Ithi iqala nje imini ube sele uncedwe zizinto ezininzi ezayilwa ngamadoda athile adumileyo.
UMichael Faraday Esi sazinzulu seNgesi esazalwa ngowe-1791, sayila umatshini wokuphehla umbane.
UTs’ai Lun Kuthiwa eli gosa lenkundla yaseTshayina laqalisa iphulo lokwenza iphepha malunga nowe-105 C.E nto leyo eyakhokelela ekuvelisweni kwalo ngobuninzi.
UJohannes Gutenberg Le nkcuba-buchopho yaseJamani yenza umatshini wokuqala wokushicilela malunga nowe-1450. Loo matshini wakwenza kwalula ukushicilela nto leyo eyenza abantu bakwazi ukufunda izinto ezahlukahlukeneyo.
UAlexander Fleming Ngowe-1928 le ndoda yasesKotlani yasungula ipenicillin, ichiza lokunyanga izifo. Namhlanje amachiza asetyenziswa ehlabathini ngokubanzi ukuthintela ukwanda kwezifo.
Akuthandabuzeki ukuba izinto eziye zayilwa ngala madoda ziye zabuphucula ubomi babantu.
Kodwa ke, kukho ndoda ithile ebalasele ngaphezu kwawo onke amanye. Ayidumanga ngokuba nolwazi lwenzululwazi okanye ukuyila amachiza. Kunoko, le ndoda eyazalwa ngabantu abangathathi ntweni neyafa malunga nama-2 000 eminyaka eyadlulayo yashiya isigidimi esenza abantu babe nethemba size sibathuthuzele. Xa bejonga indlela isigidimi sayo esiye sabaphembelela ngayo abantu ehlabathini jikelele, abaninzi bayavuma ukuba le ndoda yalitshintsha ihlabathi.
Le ndoda sithetha ngayo nguYesu Kristu. Wayeshumayela ngantoni? Sinokuba nayiphi impembelelo eso sigidimi kuwe?