IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/07 iphe. 4
  • Incwadi Ekhethekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi Ekhethekileyo
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Eyona Ncwadi Isasazwe Ngokubanzi Ehlabathini
    Incwadi Yabantu Bonke
  • UGutenberg—Indlela Enberg Awaliphucula Ngayo Ihlabathi!
    Vukani!—1998
  • Incwadi Emele Yaziwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Incwadi Ebalaseleyo Neye Yasinda Kwiintlaselo Eziliqela
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 11/07 iphe. 4

Incwadi Ekhethekileyo

“Kwimbali yonke yoluntu, iBhayibhile yeyona ncwadi isasazwe ngokubanzi.”—IThe World Book Encyclopedia.

KWIMINYAKA engaphezu kwama-550 eyadlulayo, uJohannes Gutenberg waseJamani waba ngumntu wokuqala ukushicilela ngomatshini. Incwadi enkulu yokuqala awayishicilelayo yiBhayibhile.a Ukususela ngoko, kuye kwashicilelwa izigidi ngezigidi zeencwadi ezithetha ngezinto ezahlukahlukeneyo. Noko ke, eyona ncwadi ibalaseleyo kuzo zonke yiBhayibhile.

◼ Imibhalo yeBhayibhile (epheleleyo okanye inxalenye yayo) eye yashicilelwa, ithelekelelwa kwisi-4,7 samawaka ezigidi. Elo nani liliphinda izihlandlo ezingaphezu kwesihlanu inani lencwadi elandela iBhayibhile ngokusasazwa ngokubanzi, ebizwa ngokuba yiQuotations From Chairman Mao.

◼ Komnye unyaka kutshanje, kuye kwasasazwa imibhalo yeBhayibhile epheleleyo okanye inxalenye yayo, engaphezu kwama-50 ezigidi. Iphephancwadi iThe New Yorker lithi: “IBhayibhile yeyona ncwadi ithengwa kakhulu minyaka le.”

◼ IBhayibhile epheleleyo okanye inxalenye yayo iye yaguqulelwa kwiilwimi ezingaphezu kwama-2 400. Ubuncinane, inxalenye yeBhayibhile iyafumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-90 ekhulwini.

◼ Ababhali beBhayibhile abamalunga nesiqingatha bagqiba ukubhala iincwadi zabo engekazalwa uConfucius indoda yaseTshayina eyayisisilumko noSiddhārtha Gautama, owaqalisa ubuBhuda.

◼ IBhayibhile inempembelelo enkulu kubugcisa bokuzoba, kuquka eyona mizobo yodumo ehlabathini lonke, inempembelelo emculweni nasekubhalweni kweencwadi ngokubanzi.

◼ Abanye oorhulumente baye bamisela imithetho echasene nabantu abaneBhayibhile, iye yatshiswa ngabo bachasene nonqulo yaye iye yahlaselwa ngabagxeki kodwa zonke ezo nzame zitsho phantsi. Ayikho enye incwadi eye yachaswa ngaloo ndlela yaza yasinda ekubhangisweni.

Ezi zibakala zikhankanywe ngasentla zihlab’ umxhelo, akunjalo? Kakade ke, iinkcukacha eziphathelele umkhamo wokusasazwa kweBhayibhile, akuphela kobungqina bokuba iyincwadi enokuthenjwa. Kumanqaku alandelayo, siza kuhlolisisa izizathu ezihlanu ezibangela izigidi zabantu zikholelwe eBhayibhileni.

[Umbhalo osemazantsi]

a IBhayibhile eyashicilelwa ngulo kaGutenberg, yayiyinguqulelo yesiLatin yaye yagqitywa malunga nowe-1455.

[Imifanekiso ekwiphepha 4]

Umatshini kaGutenberg nephepha elithatyathwe kwiBhayibhile awayishicilelayo

[Inkcazelo]

Press: Courtesy American Bible Society; page: © Image Asset Management/age fotostock

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share