IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 11/1 iphe. 5
  • Musa Ukuzithelekisa Nabanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Musa Ukuzithelekisa Nabanye
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni UYehova Ayilindeleyo Kuthi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ungakoyisa Njani Ukudimazeka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Mika 6:8—“Hamba Ngokuthobeka NoThixo Wakho”
    Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Uxabisekile Emehlweni KaThixo!
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 11/1 iphe. 5

Imfihlelo 2

Musa Ukuzithelekisa Nabanye

IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE? “Wenze kakuhle umsebenzi wakho yaye uya kuba neqhayiya ngawo. Kodwa ke musa ukuzithelekisa nabanye abantu.”—Galati 6:4, Contemporary English Version.

YINTONI INGXAKI? Siyakuthanda ukuzithelekisa nabanye abantu. Maxa wambi siye sizithelekise nabo bangafumanga njengathi, kodwa ubukhulu becala sidla ngokuzithelekisa nabo banemali okanye abaneziphiwo ezigqwesileyo kunezethu. Akulunganga ukuzithelekisa nabanye. Sidla ngokwenza impazamo yokucinga ukuba ukubaluleka komntu kuxhomekeke kwizinto anazo okanye izinto akwazi ukuzenza. Sisenokwenza nabanye babe nomona okanye babe nokhuphiswano.—INtshumayeli 4:4.

YINTONI ONOKUYENZA? Zama ukuzibona ngendlela akubona ngayo uThixo. Vumela indlela akubona ngayo iphembelele indlela nawe ozijonga ngayo. “Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, aubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) UYehova akakali ixabiso lethu ngokusithelekisa nabanye, kunoko ufunda iintliziyo zethu, ahlole iingcinga, iimvakalelo neenjongo zethu. (Hebhere 4:12, 13) UYehova uyazi ukuba zikho izinto ongenakukwazi ukuzenza yaye ufuna nawe uyiqonde loo nto. Ukuba uzithelekisa nabanye, ekugqibeleni uza kuba nekratshi okanye uhlale ukhalaza. Ngoko ke, vuma ukuba akunakubalasela kuyo yonke into.—IMizekeliso 11:2.

Yintoni ofanele uyenze ukuze uxabiseke kuThixo? UThixo waphefumlela umprofeti uMika ukuba abhale athi: “Ukuxelele, mntundini wasemhlabeni, okulungileyo. Kwaye yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?” (Mika 6:8) UThixo uya kukunyamekela ukuba uyalisebenzisa eli cebiso. (1 Petros 5:6, 7) Asikho isizathu sokwaneliseka esingaphezu kwesi.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ligama likaThixo eliseBhayibhileni.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ukubaluleka kwethu kuYehova kuxhomekeke koko kusezintliziyweni zethu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share