Imfihlelo 1
Thanda Abantu, Kungekhona Imali Nobutyebi
IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE? “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.”—1 Timoti 6:10.
YINTONI INGXAKI? Ababhengezi bezentengiso basenza singaneliseki zizinto esinazo. Bafuna sisebenze nzima ukuze sifumane imali yokuthenga izinto ezintsha, ezibhetele nezinkulu. Imali inomtsalane yaye kulula ukuyithanda. Noko ke, iBhayibhile ilumkisa ngelithi umntu othanda ubutyebi akaneli. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.”—INtshumayeli 5:10.
UNOKWENZA NTONI? Xelisa uYesu uze ufunde ukuthanda abantu kunobutyebi. UYesu wayekulungele ukunikela ngako konke awayenako kuquka nobomi bakhe ngenxa yokuthanda abantu. (Yohane 15:13) Wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Xa siphisa ngexesha nezinto zethu kwabanye, nabo baya kusipha. UYesu wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.” (Luka 6:38) Abantu abathanda imali nezinto eziphathekayo bazifaka entlungwini nasekubandezelekeni. (1 Timoti 6:9, 10) Kanti kona ukwaneliseka kokwenene kubangelwa kukuthanda abanye nokuthandwa ngabo.
Kutheni ungakhe ucinge ngokuphila ubomi obulula? Ngaba unokunciphisa inani lezinto onazo okanye ozifunayo? Ukuba wenza kanjalo, unokuba nexesha elingakumbi namandla okwenza izinto ezibaluleke nangakumbi, njengokunceda abanye nokukhonza uThixo okunike zonke izinto onazo.—Mateyu 6:24; IZenzo 17:28.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
“Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha”