IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 4/1 iphe. 10-iphe. 11 isiqe.¶ 8
  • “Nceda Usivumele Sibuyel’ Ekhaya”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Nceda Usivumele Sibuyel’ Ekhaya”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ndazisola”
  • “Ngandlela zonke ndiya kuba nosizi ngaye”
  • “Yehova Ndivumele Ndibuyel’ Ekhaya!”
  • UYehova—UBawo Wethu Onemfesane Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • “Nceda, Uthobele Ilizwi LikaYehova”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
  • ‘Umphefumlo Wakho Uya . . . Kuthoba Phezu Kwam.’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • “Umele Uthethe Eli Lizwi Kubo”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 4/1 iphe. 10-iphe. 11 isiqe.¶ 8

Sondela KuThixo

“Nceda Usivumele Sibuyel’ Ekhaya”

Ngaba wakhe wangumkhonzi kaYehova? Ngaba ukhe wacinga ngokuphinda umkhonze kodwa awuqinisekanga enoba angaphinda akwamkele? Khawuncede ufunde eli nqaku kunye nelilandelayo. Abhalwe kucingwa ngawe.

“NDATHANDAZA kuYehova ndimcela ukuba andivumele ndibuyele kuye yaye andixolele ngokuba ndiye ndamophula intliziyo.” Latsho njalo elinye ibhinqa elashiya imilinganiselo yobuKristu elalikhuliswe ngayo. Ngaba uyavelana nalo? Ngaba uyazibuza ukuba, ‘Ngaba uvakalelwa njani uThixo ngabo bakhe ngaxa lithile bamkhonza? Ngaba usabakhumbula? Ngaba uyafuna ukuba “babuyele ekhaya”?’ Ukuze sikwazi ukuphendula le mibuzo, makhe sihlolisise amazwi abhalwa nguYeremiya. Ngaphandle kwamathandabuzo iimpendulo zayo ziya kukuvuyisa.—Funda uYeremiya 31:18-20.

Khawuqwalasele oko amazwi kaYeremiya asekelwe kuko. Ngonyaka wama-740 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, kusengamashumi eminyaka ngaphambi kokuba uYeremiya azalwe, uYehova wavumela izizwe ezilishumi zobukumkani bakwaSirayeli ukuba zithinjwe ngama-Asiriya.a UThixo wavumela le ntlekele njengesohlwayo kuba amona ngokunzulu, engazinanzi izilumkiso zakhe eziphindaphindiweyo awayezinikwa ngabaprofeti. (2 Kumkani 17:5-18) Ngaba abantu bayeka ukuba lukhuni ngenxa yobunzima ababuva ekuthinjweni, xa babohlukanisiwe noThixo wabo nelizwe labo? Ngaba uYehova wabalibala? Ngaba wayenokubamkela kwakhona?

“Ndazisola”

Abantu babuyela ezingqondweni ngoxa babesekuthinjweni baza baguquka. UYehova wayiphawula inguquko yabo enyanisekileyo. Ewahlanganisa ngokuwabiza ngokuthi nguEfrayim, khawuphulaphule njengoko uYehova esichaza isimo sengqondo neemvakalelo zamaSirayeli aselubhacweni.

UYehova uthi: “Ngokuqinisekileyo ndimvile uEfrayim ebhomboloza.” (Vesi 18) Wakuva ukukhala kwamaSirayeli ngenxa yezono awazenzayo. Omnye umphengululi uthi, Ibinzana elithi “ebhomboloza” linokuthetha ukuba “nesingqala.” Ayefana nomntwana otsho ngesikhalo esinesingqala omane ehlunguzelisa intloko njengoko ebona ubunzima aye wazizisela bona yaye enqwenela ukubuyela ekhaya. (Luka 15:11-17) Babesithini abantu?

“Undilungisile . . . njengethole lenkomo elingaqeqeshwanga.” (Vesi 18) Abantu baqonda ukuba babefanelwe sisohlwayo. Eneneni, babefana nethole lenkomo elingekaqeqeshwa. Enye imbekiselo ithi: “Esi sifaniso sasithetha ukuba amaSirayeli ayefana nethole lenkomo elathi leva ubuhlungu bokuhlatywa ngoviko ngenxa yokungafuni ukubotshwa edyokhweni.”

“Ndibuyise, yaye ndiya kukulungela ukubuya, kuba unguYehova uThixo wam.” (Vesi 18) Iintliziyo zabantu zathobeka, baza bakhala kuThixo. Baye balahleka kule ndlela yabo yesono, kodwa ngoku babembongoza befuna ukubuyela kuye. Enye inguqulelo ithi: “UnguThixo wethu—ngoko ke, siyakucela ukuba usivumele sibuyele ekhaya.”—IContemporary English Version.

“Ndazisola. . . . Ndaba neentloni, ndaziva ndithotyiwe.” (Vesi 19) Abantu baziva bebuhlungu ngenxa yokuba babonile. Bavuma ukuba banetyala. Baziva behlazekile.—Luka 15:18, 19, 21.

AmaSirayeli ayeguqukile. Ayebuhlungu aza azivuma izono zawo kuThixo yaye ajika kwiindlela zawo ezimbi. Ngaba ukuguquka kwawo kwakuza kuyenza ithambe intliziyo kaThixo? Ngaba wayeza kuwavumela ukuba abuyele ekhaya?

“Ngandlela zonke ndiya kuba nosizi ngaye”

UYehova wayewathanda amaSirayeli. Wathi: “Ndibe nguYise kaSirayeli; ke yena uEfrayim, ulizibulo lam.” (Yeremiya 31:9) Ubawo onothando angayenza njani into yokuba ale ukwamkela unyana wakhe ozisola ngokungazenzisiyo? Khawuqaphele indlela uYehova ayichaza ngayo indlela avakalelwa ngayo ngabantu bakhe.

“UEfrayim ungunyana oxabisekileyo na kum, okanye umntwana endimteketisayo? Kuba ngokomkhamo endithetha ngawo nxamnye naye nakanjani na ndiya kumkhumbula ngawo ngokubhekele phaya.” (Vesi 20) Hayi indlela athuthuzela ngayo loo mazwi! Njengomzali ongqongqo kodwa onothando, uYehova uye wanyanzeleka ukuba “abakhalimele” abantwana bakhe, ebesoloko ebalumkisa ngeendlela zabo zesono. Xa babengafuni ukuphulaphula, wabayeka bathinjwa—ngaloo ndlela bemka ekhayeni labo. Nangona kwakufuneka abohlwaye, akazange abalibale. Wayengenakuyenza loo nto. Utata onothando akabalibali abantwana bakhe. Kodwa wavakalelwa njani uYehova, xa ebona inguquko yokwenene kubantwana bakhe?

“Kungenxa yoko le nto kusikayo emathunjini am ngenxa yakhe.b Ngandlela zonke ndiya kuba nosizi ngaye.” (Vesi 20) UYehova wayebalangazelela abantwana bakhe. Inguquko yabo enyanisekileyo yachukumisa intliziyo yakhe, yaye wayenqwenela ukuba babuyele kuye. Njengobawo okumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko, uYehova “waba nosizi” yaye uyakuthakazelela ukubamkela abantwana bakhe kwakhona.—Luka 15:20.

“Yehova Ndivumele Ndibuyel’ Ekhaya!”

Amazwi akuYeremiya 31:18-20 asityhilela ububele bothando nenceba kaYehova. UThixo akabalibali abo bakhe bamkhonza. Kuthekani ukuba bafuna ukubuyela kuye? UThixo “ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5) Akanakuze abaheshe abo beza kuye ngeentliziyo eziguqukileyo. (INdumiso 51:17) Ngokuchasene noko, uyabamkela kwakhona.—Luka 15:22-24.

Ibhinqa ekuthethwe ngalo ekuqaleni yaba lilo elazama ukubuyela kuYehova ngokuya kwibandla lamaNgqina kaYehova. Ekuqaleni kwafuneka loyise umqobo wokuba neemvakalelo ezingafanelekanga ngalo. Lithi “ndandiziva ndingento yanto.” Kodwa abadala bebandla balikhuthaza baza balinceda lomelela ngokomoya. Ngenxa yoxabiso elalinalo, lithi, “kundivuyisa ngokwenene ukuba uYehova andivumele ndibuyele ekhaya!”

Ukuba wakha wakhonza uYehova yaye ucinga ngokumkhonza kwakhona, siyakubongoza ukuba utyelele ibandla lamaNgqina kaYehova elikwindawo ohlala kuyo. Khumbula ukuba uYehova usabela ngobubele bothando nangenceba xa abo baguqukileyo bekhala kuye besithi, “Nceda usivumele sibuyela ekhaya.”

Izibhalo onokuzifunda ngoAprili:

◼ Yeremiya 17-31

[Imibhalo esemazantsi]

a Kwiinkulungwane ngaphambili, ngowe-997 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, ubukumkani bamaSirayeli bahlukana phakathi baba zizizwe ezibini. Esisemazantsi sasibubukhosi bakwaYuda obunezizwe ezibini. Baza bona ubukhosi obusemantla elizwe babunjwa zizizwe ezilishumi zakwaSirayeli, ezikwabizwa ngokuba nguEfrayim, ngenxa yokuba wayesesona sizwe sibalaseleyo.

b Sigqabaza ngegama elithi ukuxuxuzelelwa ngamathumbu, isikhokelo sabaguquleli beBhayibhile sithi: “KumaYuda umbilini womntu yeyona ndawo ihlal’ iimvakalelo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share