Funda ILizwi LikaThixo
Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngokuphathelele Unqulo?
Eli nqaku libuza imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Ngaba lonke unqulo lulungile?
Iimvaba ezininzi zinabantu abanyanisekileyo abafuna ukukholisa uThixo. Uyababona abo bantu yaye ubakhathalele. Noko ke, okubuhlungu kukuba, abanye abantu baye basebenzisa unqulo ukuze benze izinto ezingatshongo khona. Kwimihla yamandulo, iinkokeli zonqulo zazibaphilisa ubomi bentshontsho abanye. (2 Korinte 4:3, 4; 11:13-15) Namhlanje, ngokokutsho kwamajelo eendaba, ezinye iinkokeli zonqulo ziye zakhuthaza ubugrogrisi okanye ziye zaxhasa imfazwe zaza zaxhaphaza abantwana.—Funda uMateyu 24:3-5, 11, 12.
IBhayibhile ifundisa ukuba kukho amaqela amabini qha onqulo—unqulo lokwenyaniso nonqulo lobuxoki. Unqulo lobuxoki aliyifundisi inyaniso ngoThixo. Nakuba kunjalo, uYehova ufuna abantu bayazi inyaniso ngokuphathelele yena.—Funda eyoku-1 kuTimoti 2:3-5.
2. Ziziphi iindaba ezimnandi ngokuphathelele unqulo?
UThixo akafuni abantu baqhathwe ziimvaba ezithi ziyamthanda kodwa zibe zingafundisi nyaniso ngaye. Eneneni, amarhamente ezo mvaba ayakuthanda ukuba ngabahlobo nabantu behlabathi abalawulwa nguSathana, uMtyholi. (Yakobi 4:4; 1 Yohane 5:19) ILizwi likaThixo lizifanisa nonongogo ezo mvaba zilala ngengub’ enye neenkokeli zezopolitiko kunokuba zakhe ubuhlobo noThixo. IBhayibhile ilibiza eli henyukazi ngokuba “yiBhabhiloni Enkulu” isixeko olwaqala kuso unqulo lobuxoki emva koMkhukula womhla kaNowa. Kungekudala, uThixo uza kuluphelisa unqulo oluqhatha luze lucinezele abantu.—Funda iSityhilelo 17:1, 2, 5, 17; 18:8, 23, 24.
3. UThixo uza kuluzisa njani uvuyo kubantu abasemhlabeni?
Umgwebo oza kufikela unqulo lobuxoki uziindaba ezimnandi. Lo mgwebo uza kuzisa isiqabu emhlabeni wonke. Unqulo lobuxoki alusoze luphinde lulahlekise luze lwahlukanise abantu. Bonke abaya kube bephila ngelo xesha baya kumanyana ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso.—Funda uIsaya 11:9; iSityhilelo 18:20, 21; 21:3, 4.
4. Bafanele benza ntoni abantu abanyanisekileyo?
UYehova akabalibalanga abantu abanyanisekileyo abasasazeke kunqulo lobuxoki emhlabeni. Ngoku uyabaqokelela abantu abanjalo ukuze abamanyanise ngokubafundisa inyaniso.—Funda uMika 4:2, 5.
UYehova uya bamkela kwintsapho yakhe bonke abo bafuna ukumkhonza. Nangona abahlobo nezalamane basenokucaphuka xa siqalisa ukukhonza uYehova, kuninzi esiye sikuzuze. Siba ngabahlobo kunye noThixo, siba “kwintsapho” entsha enothando yaye siba nethemba lokufumana ubomi obungunaphakade.—Funda uMarko 10:29, 30; eye-2 kwabaseKorinte 6:17, 18.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 15 nese-16 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck