IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 7/1 iphe. 4
  • Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Emalini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Emalini?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE?
  • AMANGQINA KAYEHOVA AQHUBA NJANI WONA?
  • Ukubeka Imali Kwindawo Yayo
    Vukani!—2015
  • Ukuyisebenzisa Kakuhle Imali
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Indlela Imisebenzi YoBukumkani Exhaswa Ngayo Ngemali
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Imali
    Vukani!—2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 7/1 iphe. 4

Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Emalini

UYonelaa wayekhuthelele ukuhamba icawa kunye nabantwana bakhe. Uthi: “Ndaxelela umfundisi ukuba ndifuna ukufunda ngeBhayibhile.” Kodwa akazange amfundise. Ekuhambeni kwexesha wayeka ukuya enkonzweni. Uqhubeka esithi: “Ndabhalelwa ileta yicawa, isithi ukuba andikwazi kuphumelela, mandithumele nje okwemali. Ndabona ukuba, ‘abanayo tu inkathalo bafuna nje imali yam.’”

UAsanda olirhamente elivunyiweyo uthi: “Ecaweni babehambisa isitya senkongozelo kathathu, kwaye befuna sigalele imali qho sidlula. Eyona nto babeyishumayela yimali. Ndaqonda ukuba, ‘abanawo umoya kaThixo.’”

Ukuba iicawa ozaziyo zisebenzisa iindlela ezichuliweyo zokufuna imali, ngaba loo nto iyavumelana neemfundiso zeBhayibhile?

IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE?

UYesu owaqalisa ibandla lamaKristu uthi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Ayikho imali enokuthenga iimfundiso zeBhayibhile, ndlela le ezixabiseke ngayo, ngoko zifanele zifunyanwe ngumntu wonke.

AmaKristu enkulungwane yokuqala ayezibhatala njani iindleko zebandla?

Ngamnye kubo wayekhupha imali “njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Umpostile uPawulos wathi: “Sasisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi luxanduva oluziindleko kuye nabani na wenu, lo gama sasinishumayeza iindaba ezilungileyo.” (1 Tesalonika 2:9) Ukuze akwazi ukuziphilisa aze aqhubeke eshumayela, uPawulos wayengumenzi weentente.—IZenzo 18:2, 3.

AMANGQINA KAYEHOVA AQHUBA NJANI WONA?

AmaNgqina kaYehova ahlanganisana kwizakhiwo ezingenalucedu-cedu ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani. Azibhatala njani iindleko? Awayenzi inkongozelo, engahambisi neemvulophu ezichaza imali emayikhutshwe. Kodwa nabani na oyixabisayo imfundiso yeBhayibhile ayivayo, unako ukufaka imali kwibhokisi yeminikelo eseHolweni YoBukumkani.

Iindleko zenkonzo zimele zibhatalwe njani?

Eli phephancwadi nalo liziindleko. Kodwa awusoze ubone sicela mali ebantwini okanye sisenza izibhengezo kulo ukuze senze ingeniso. Eyona nto ibalulekileyo ngalo kukufundisa inyaniso eseBhayibhileni.

Ucinga ntoni: Ngaba le ndlela enza ngayo amaNgqina iyafana naleyo ayesenza ngayo amaKristu enkulungwane yokuqala?

a Amanye amagama atshintshiwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share