IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 12/1 iphe. 11
  • Iyintoni Inyaniso NgeKrismesi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iyintoni Inyaniso NgeKrismesi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Imvelaphi Yekrismesi Yanamhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Isizathu Sokuba AmaKristu Engayibhiyozeli IKrismesi
    Vukani!—1991
  • Ngaba Ukuphana Izipho ZeKrisimesi Kunengqiqo?
    Vukani!—1993
  • Ikrismesi​—Kutheni Ibhiyozelwa NaseMpuma?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 12/1 iphe. 11

IMIBUZO YABAFUNDI . . .

Iyintoni Inyaniso NgeKrismesi?

Izigidi zabantu emhlabeni wonke zibhiyozela iKrismesi ngezizathu ezahlukahlukeneyo. Abanye bavuyela ukuba kunye nabahlobo neentsapho. Abanye bacinga ngoThixo okanye bachith’ ixesha benceda abantu abahlwempuzekileyo nabasweleyo. Kuhle oko. Kodwa ke, iKrismesi inalo icala elibi.

Okokuqala, abantu abaninzi ababhiyozela iKrismesi bakholelwa ukuba olo lusuku lokuzalwa kukaYesu. Kodwa ababhali-mbali balivuma ngeliphandle elokuba akukho mntu uwaziyo umhla wokuzalwa kwakhe. Incwadi ethi The Christian Book of Why ithi “amaKristu okuqala awazange alumisele usuku lokuzalwa kukaYesu” kuba ayengafuni “kuba nanto yakwenza noqheliselo lobuhedeni.” Okubangel’ umdla kukuba, iBhayibhile ayithethi nto ngokubhiyozela kukaYesu umhla wokuzalwa kwakhe okanye nokabani na omnye. Kodwa wabayalela abalandeli bakhe ukuba bakukhumbule ukufa kwakhe.—Luka 22:19.

Okwesibini, abaphengululi abaninzi bayavuma ukuba inkoliso yezithethe zeKrismesi isuka kwizithethe ezingezizo ezobuKristu kodwa ezobuhedeni. Ezi zithethe ziquka uFather Christmas, amagqabi okuhombisa, umthi weKrismesi, ukuphana izipho, amakhandlela avuthayo, ukubaswa kwezikhuni, amagqabi enziwe asisazinge axhonyiweyo kunye neengoma zeKrismesi. Incwadi iThe Externals of the Catholic Church yathi ngezinye zezi zithethe: “Xa siphana izipho zeKrismesi, size sixhome namagqabi aluhlaza abusazinge emakhayeni ethu nasezicaweni, bangaphi kuthi abayaziyo into yokuba ezi zizithethe zobuhedeni?”

“Xa siphana izipho zeKrismesi, size sixhome namagqabi aluhlaza abusazinge emakhayeni ethu nasezicaweni, bangaphi kuthi abayaziyo into yokuba ezi zizithethe zobuhedeni?”—IThe Externals of the Catholic Church

Mhlawumbi uyazibuza ukuba, yintoni ephosakeleyo ngezi zithethe zingenabungozi? Nantsi impendulo kule ngongoma yesithathu. UThixo akakholiswa kukusetyenziswa kwezithethe zobuhedeni kunqulo olunyulu. Ngomprofeti wakhe uAmosi, uYehova uThixo wathi kubakhonzi bakhe abawexukileyo, uSirayeli wamandulo: “Ndiyithiyile, ndiyigatyile imithendeleko yenu . . . Yishenxise kum le ngxokozelo yeengoma zakho.”—Amosi 5:21, 23.

Kwakutheni ukuze athethe qatha ngolo hlobo? Makhe sithethe ngoko kwakusenziwa ngabantu bobukumkani basemntla boSirayeli wamandulo. Ukumkani wabo wokuqala uYerobhoham, wabeka amathole egolide kwaDan naseBheteli ukuze alukuhle abantu ukuba banqule apho, endaweni yokuya kunqula uYehova uThixo ngendlela efanelekileyo, etempileni eYerusalem. Lo kumkani wasungula nemithendeleko, waza wabeka ababingeleli ukuze bafeze loo nkonzo.—1 Kumkani 12:26-33.

Isenokubonakala ngathi yayintle le nto yayisenziwa ngamaSirayeli. Ngapha koko, ngaba ezi zinto ayengazenzi kuba esithi anqula uThixo ibe afuna ukumkholisa? Amazwi kaThixo aqatha awawathetha ngoAmosi nabanye abaprofeti ayibonisa kakuhle indlela awayeyijonga ngayo loo mibhiyozo. UThixo wathuma umprofeti uMalaki ukuba athi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) Akungebi ke le yindlela uThixo ayijonga ngayo imibhiyozo yeKrismesi namhlanje?

Emva kokucingisisa ngezi zizathu, izigidi zabantu ziye zagqiba ekubeni zingayibhiyozeli iKrismesi. Endaweni yoko, zivuyiswa zize zaneliswe kukuchitha ixesha nabahlobo neentsapho zazo, zincede abantu abahlwempuzekileyo nabasweleyo nanini na zifuna, unyaka wonke.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share