Isingxobo Semibuzo
● Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kwisinxibo nasekuzilungiseni kwethu xa sityelela iBheteli yaseMzantsi Afrika nazo zonke izakhiwo zamasebe kulo lonke ihlabathi?
AmaKristu alindelwe ukuba alondoloze ukuziphatha okufanelekileyo. Ngamaxesha onke ukunxiba nokuzilungisa kwethu kufanele kubonise ukundileka nesidima esifanele abakhonzi bakaYehova uThixo. Oku kuyinyaniso ngokukodwa xa sityelela eBheteli nakwiiofisi nezakhiwo zamasebe ezisehlabathini lonke. Ixubusha ngokubaluleka kokunxiba nokuzilungisa okufanelekileyo, incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu ithetha ngemfuneko yokucoceka emzimbeni nesinxibo nokuzilungisa okuthozamileyo xa sibandakanyeke kubulungiseleli basentsimini naxa sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Yandula ke, kwiphepha 131, isiqendu 1, ithi: “Bekuya kuba yinto efanayo xa sityelele ikhaya laseBheteli eBrooklyn okanye nayiphi na enye yeeofisi zamasebe zoMbutho. Khumbula, igama elithi Bheteli lithetha ‘Indlu kaThixo,’ ngoko isinxibo sethu, ukuzilungisa nehambo zimele zifane noko kulindelwe kuthi xa sikwiintlanganiso zokunqula kwiHolo yoBukumkani.”
Umpostile uPawulos wathi “sanekwe senziwa intlekisa [isibonelo, NW] kwihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.” (1 Kor. 4:9) Ngoko ke, isinxibo nokuzilungisa kwethu kufanele kube nempembelelo entle kwabanye ngendlela abafanele balujonge ngayo unqulo olunyulu lukaYehova. Phofu ke, kuye kwaphawulwa ukuba bambi babazalwana noodade, xa betyelela amasebe oMbutho, banotyekelo lokunxiba ngokungenasidima ngokugqithiseleyo. Isinxibo esinjalo asifanelekanga xa kutyelelwa izakhiwo zamasebe. Kulo mbandela, njengakuzo zonke ezinye iinkalo zobomi bethu bobuKristu, sinqwenela ukulondoloza imilinganiselo ephakamileyo efanayo nebonisa abantu bakaThixo njengabahlukileyo ehlabathini ngokuzenzela uzuko lukaThixo zonke izinto. (Roma 12:2; 1 Kor. 10:31) Kwakhona kufanelekile ukuthetha nabo sifundisisa nabo iBhayibhile nabanye abasenokutyelela kwiBheteli yaseBrooklyn okanye nayiphi na enye yeeofisi zamasebe zoMbutho okwesihlandlo sokuqala size sibakhumbuze ngokubaluleka kokunyamekela isinxibo nokuzilungisa okufanelekileyo.
Ngoko xa utyelela izakhiwo zoMbutho, zibuze oku: ‘Ngaba isinxibo nokuzilungisa kwam kubonisa ukuthozama? (Mika 6:8) Ngaba kumbonisa kakuhle uThixo endimnqulayo? Ngaba abanye bebeya kuphazanyiswa okanye bebeya kucatshukiswa yimbonakalo yam? Ngaba ndimisela umzekelo ofanelekileyo kwabanye abasenokuba batyelele okwesihlandlo sokuqala?’ Ngamana ngamaxesha onke, ngesinxibo nokuzilungisa kwethu, ‘singayivathisa imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.’—Tito 2:10.