Indlela Entle Yokubonakalisa Uthando Lobuzalwana
1 Njengoko kwaxutyushwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1990, kusekho imfuneko engxamisekileyo yeeHolo zoBukumkani ezingakumbi. Abazalwana banikela rhoqo ekuxhaseni iNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani, ibe oku kuvuyisa ngenene. Kuvisisana nomoya wobuKristu wokusoloko ‘silungele ukwabelana nabanye.’ Ukunikela ngobubele kwabazalwana kubonisa ukuba sithembele ngoThixo, ‘osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuba sizinandiphe.’—1 Tim. 6:17, 18, NW.
2 Ekuqaleni kwalo nyaka, amabandla athunyelelwa amaphetshana amabini abhalwe “Iminikelo Yengxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani” kunye nesicelo sokuba kuqaliswe ibhokisi yomnikelo ekhethekileyo ukulungiselela le ngxowa-mali. Phofu ke, kubonakala ukuba amabandla amaninzi awakakwenzi oku. Ngokomzekelo, ebudeni bukaMeyi 1990 ngamabandla angama-249 kuphela awanikelayo kule ngxowa-mali. Ukuba ibhokisi yomnikelo elolo hlobo ayikabikho kwibandla enikulo, simema umveleli owongamelayo ukuba enze amalungiselelo okwenjenjalo kule veki ukuba kunokwenzeka. Kwakhona, xa kuthunyelwa imali yeNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani, unobhala ufanele ahlole ukuba iboniswe ngokucacileyo kwifomu ethi Uthunyelo-mali Nesicelo Sokuncitshiselwa Ityala (S-AB-20).
3 Ukongezelela kwinkxaso yemali evela emabandleni nakubantu ngabanye, kuye kwasatyelwa ngothando nangezinye iindlela. Amagcisa anikela ixesha elixabisekileyo nobuchule ekuncediseni ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani eziyimfuneko. Abanye baye banikela ngezixhobo nangempahla yokwakha. Ngoxa bambi babasebenzi abangamagcisa emabandleni beye bemka ukuze bancedise ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, abanye abavakalisi baye bandisa inkxaso yabo kumsebenzi wasekuhlaleni wenkonzo yasentsimini. Kuyakhuthaza ukuphawula intsebenziswano yentliziyo iphela yabantu abaninzi kangaka. Ekubeni sonke “sinezibabalo . . . ezahlukahlukeneyo, ngokobabalo esababalwa ngalo,” masihlale sizisebenzisa ngokuzeleyo.—Roma 12:4, 6.
4 Ngaba inani labo bebenani eSikhumbuzweni alinenzi niyiphaphele gqitha imfuneko eqhubekayo yeeHolo zoBukumkani ezingakumbi? Umpostile uPawulos wakhuthaza abaseTesalonika ukuba babonise ‘uthando lwabo lobuzalwana ngomlinganiselo ophelele ngakumbi.’ (1 Tes. 4:9, 10, NW) Njengoko niqhubeka nisenza oku ngeendlela ezisebenzisekayo ezikhankanywe apha, niya kuba nibonisa umoya wokupha ofana nokaKristu. (Mat. 10:8; IZe. 20:35) Ngeendlela zonke, “uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.”—Heb. 13:1.