Isingxobo Semibuzo
● Ngaba kuvumelekile ukuhlala kummandla welinye ibandla kodwa uye kwiintlanganiso ezikwelinye?
UMbutho uye wafumana iileta ezininzi ngokuphathelele lo mbuzo ungasentla. Ngoko ke sigqibe kwelokuba siphinde sinikele inxalenye ethile yenkcazelo esayipapasha kwiNkonzo Yethu YoBukumkani ka-Aprili 1976.
Ngamafutshane, sikhuthaza abavakalisi ukuba baye kwiintlanganiso ezilungiselelwe ibandla elikummandla abahlala kuwo. Kwezona meko zininzi oku kungqineka kukokokulungelwa kwentsapho, ekubeni ngokufuthi kusiba lula ukuya kwiintlanganiso, ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini kwintsimi ekufuphi, nokungenelwa luncedo olunikelwa ngabadala.
Kusenokubakho izizathu ezivakalayo zokuba umvakalisi okanye intsapho ethile isenokungakwazi ukulandela ukhokelo olungasentla. Ntloko-ntsapho nganye inembopheleleko ngendlu yayo. Kungakuhle ngayo ukuxubusha imicimbi nabadala ukuze ifumane icebiso labo ngaphambi kokwenza isigqibo. Emva kokuqwalasela bonke oothunywashe ababandakanyekileyo, kuya kufuneka yenze isigqibo ngoko kulungileyo. Akukho sizathu sakugxekwa kwesigqibo esenzileyo.
Kwimimandla esezidolophini, ngokufuthi kukho amabandla amaninzi kwindawo ethile. Kusenokubakho izizathu ezininzi ezibangela ukuba abadala bagqibe kwelokuba izilangazelelo zomsebenzi ziya kuhanjiselwa phambili ngokutshintshwa kwabavakalisi. Ngokomzekelo, kusengayimfuneko ukomeleza ibandla elinabavakalisi abambalwa. Abadala kwibandla ngalinye banokwandlala oko kubonakala kucebiseka baze bacele ukuba ntsapho nganye echaphazelekayo ikuqwalasele oku. Oku bekuya kuba njalo nangabadala, izicaka zolungiselelo, okanye oovulindlela ababuzwayo enoba bangatshintshelwa kusini na kwenye indawo ukuya kunceda ibandla elifuna uncedo. Maxa wambi umveleli wesiphaluka usenokuphawula ukuba elinye ibandla linabadala abaninzi ngoxa ibandla elikufuphi linabadala abambalwa ibe ngoko lifuna uncedo. Umveleli wesiphaluka usengalazisa ibandla elinabadala abaninzi ngale ntswelo. Emva kokuba beqwalasele ezabo iintswelo, basengagqiba kwelokuba umdala omnye okanye ababini, kunye neentsapho zabo, banokutshintshwa ukuya kunceda elo bandla. (Bona Ulungiselelo LoBukumkani luka-Aprili 1973.) Ngokuyilandela ngenyameko kangangoko kunokwenzeka imigaqo eyandlalwe ngasentla, siya kuzibangela ukuba ‘zonke izinto zenziwe ngokubekekileyo nangolungelelwano.’—1 Kor. 14:40.