IZaziso
● Umnikelo woncwadi ngoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R7,50. Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo isenokusetyenziswa njengomnye umnikelo, ngomnikelo wee-R3,75. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R16,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Imirhumo yonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nemirhumo yeenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,00. NgoJuni: Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R3,75.
● Umveleli owongamelayo okanye nabani na owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku sele kwenziwe.
● Amabandla acula ngaphandle kokulandela umculo weekhasethi ayakhuthazwa ukuba aodole iikhasethi okanye amacwecwe omculo kuMbutho. Iyafumaneka ialbham eneekhasethi ezisibhozo ezithi Sing Praises to Jehovah ngomnikelo wama-R54,00 okanye amacwecwe azo ngee-R48,00. Amabandla asengakwazi ukuthenga iseti eneealbham ezintlanu neneekhasethi ezili-113 ngama-R250,00.
● IINDIBANO ZESITHILI ZOWE-1991: Kwenziwa amalungiselelo angekaqinisekiswa eendibano zesithili zeentsuku ezintathu ngokulandelayo:
Novemba 15-17: eSt. Helena
Disemba 6-8: eWindhoek
Disemba 13-15: eBloemfontein, eThekwini, eGabarone, kwaManzini, eNkowankowa, eOngwediva
Disemba 20-22: eKapa, Empangeni, eRhawutini, eLebowa-Kgomo, eMafikeng, eMaputo, eMdantsane
Disemba 27-29: KaNyamazane, eMaseru, eNewcastle, eBhayi, ePitoli
?Januwari 3-5, 1992: eMthatha
● Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” Uhlelo lowe-1990 (amabandla nowonke wonke: R8,00; oovulindlela: R5,20)—NgesiBhulu
● Ziphele Ngokusisigxina:
Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—1991—NgesiTswana