IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/91 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zokusinceda Senze Abafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zokusinceda Senze Abafundi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Imixholwana
  • IVEKI EQALA NGOMATSHI 4
  • IVEKI EQALA NGOMATSHI 11
  • IVEKI EQALA NGOMATSHI 18
  • IVEKI EQALA NGOMATSHI 25
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 3/91 iphe. 2

Iintlanganiso Zokusinceda Senze Abafundi

IVEKI EQALA NGOMATSHI 4

Ingoma 4

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khuthaza bonke ukuba baqalise ngoku ukulungiselela ukuya kwiindibano zesithili ngoDisemba. Chaza amalungiselelo enkonzo yasentsimini ngale mpela-veki.

17 imiz: Umveleli wenkonzo uxubusha ngeleta evela kuMbutho yomhla kaFebruwari 10, 1991, ephathelele usuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi ngoAprili 6. Chaza amalungiselelo ibandla eliwenzileyo ukuze luxhaswe ngokupheleleyo olu suku. Wuqaleni kakuhle umsebenzi wangoAprili. Bakhuthaze bonke abo iimeko zabo zibavumelayo ukuba babhalise njengoovulindlela babancedani. Yazisa ibandla ngenani loovulindlela babancedani ukuza kuthi ga ngoku. Chaza amalungiselelo asentsimini ayo yonke inyanga ka-Aprili.

18 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngencwadi Ethi Incopho YeSityhilelo.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Emva kokuxubusha isiqendu 4, yenza umboniso olungiselelwe kakuhle obonisa indlela umvakalisi awusebenzisa ngayo uMxholo Wencoko wangoku aze emva koko anikele incwadi kumninimzi. Khankanya ukuba incwadi ethi Incopho YeSityhilelo iza kufundwa kwisifundo sencwadi ukususela kwiveki kaMatshi 18. Bakhuthaze bonke ukuba babekho rhoqo. Veki nganye kwabelwe umbandela omncinane, ukuvumela ixesha elingakumbi lokuwuxubusha ngokucokisekileyo lo mbandela ubalulekileyo.

Ingoma 6 nomthandazo wokuqukumbela.

IVEKI EQALA NGOMATSHI 11

Ingoma 87

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni nengxelo yemali. Quka izaziso zoMbutho zokufunyanwa kweminikelo ebithunyelwe. Bakhumbuze bonke ukuba iSikhumbuzo siya kuba ngoMgqibelo ngokuhlwa, ngoMatshi 30. Chaza ixesha elichanileyo nendawo esiya kuqhutyelwa kuyo. Buza ibandla ngendlela elicebe ukumema ngayo abatsha ukuba beze kwiSikhumbuzo, uze ubonise indlela okunokwenziwa ngayo oku. Khumbuza ibandla ukuba izimemo ezishicilelweyo ziyafumaneka.

15 imiz: “Ukudumisa UYehova Ngengoma.” Intetho ekhuthazayo esekelwe kweli nqaku. Sebenzisa iingoma ezikolu cwangciso lobu busuku ukuzekelisa iingongoma ezikweli nqaku. Chaza amalungiselelo ebandla okuqhelisela iingoma.

20 imiz: “Owona Mhla Ubalulekileyo Ngowe-1991.” Imibuzo neempendulo. Mayinikelwe ngehlombe nangokuchukumisayo kukhuthazwa ibandla ukuze liluthakazelele olu suku lulolona lubalulekileyo enyakeni. Balaselisa ukubaluleka kokuba nocwangciso oluhle lokubuyela kwabo babonakalise umdla ngokuza kwiSikhumbuzo okwesihlandlo sokuqala.

Ingoma 129 nomthandazo wokuqukumbela.

IVEKI EQALA NGOMATSHI 18

Ingoma 135

12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. Khankanya amalungiselelo enkonzo, uze uxubushe ngeembalasane zamaphephancwadi angoku ezinokusetyenziswa kwinkonzo yamaphephancwadi. Kunokubaliswa amava aphathelele ukunikela umnikelo wangoku. Khuthaza umsebenzi wobuvulindlela bobuncedani ngoAprili.

18 imiz: Lungiselela Iintshayelelo Ezinempumelelo. Umdala ophumelelayo kwinkonzo yasentsimini unceda abavakalisi ukuba balungiselele iintshayelelo eziya kufanelekela intsimi yasekuhlaleni. Sekela amacebiso akho kwincwadi ethi Ukuqiqa kwiphepha 9-15. Xubusha ngeentshayelelo ezimbini okanye ezintathu ezinokusetyenziswa noMxholo Wencoko wangoku okanye nomnye umbandela osexesheni. Yiba nabavakalisi abanamava bebonisa iindlela ezimbini zokunikela intshumayelo kwindlu ngendlu. Ngokuvuma kwexesha, yithi gqaba-gqaba ngamava asekuhlaleni abonisa ukubaluleka kweentshayelelo ezibangela umdla kumninimzi.

15 imiz: Intetho engokubaluleka kokufunda izibhalo ezinxulumene neSikhumbuzo nezidweliswe kwiKhalenda Yowe-1991 kuMatshi 25-30. Iintsapho zisenokunqwenela ukuzifunda zindawonye zize zixubushe ngokubaluleka kweso sihlandlo. Kusenokuba luncedo ukufunda umbandela ophantsi komxholo othi “Lord’s Evening Meal” kwi-Insight, Umqulu 2, iphepha 268-71. Ukulungiselela okunjalo kusenokukhulisa uxabiso ngeSikhumbuzo kuze kumanyanise iintsapho kwiqhina lonqulo lokwenyaniso.

Ingoma 126 nomthandazo wokuqukumbela.

IVEKI EQALA NGOMATSHI 25

Ingoma 168

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza amalungiselelo eSikhumbuzo. Khumbuza abaphulaphuli ukuba bafike kwangethuba kangangoko kunokwenzeka kwiHolo yoBukumkani neentsapho zabo nabantu abanomdla ukuze bakwazi ukuhlaliswa phantsi. Apho amabandla amabini okanye ngaphezulu eza kuqhuba iSikhumbuzo kwiholo enye, abadala baya kunikela ulwalathiso ngexesha lokufika kwebandla ngalinye. Abasebatsha mabaziswe kubazalwana baze baqhelaniswe neHolo yoBukumkani ukuba bayaqala ukuza apho. Yazisa ngamalungiselelo omsebenzi wasentsimini ngoMgqibelo nangeCawa, ubakhuthaza bonke ukuba babe nempela-veki ezeleyo yokomoya.

15 imiz: “Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona.” Ingxubusho echukumisayo ngumdala onamava. Khuthaza abo iimeko zabo zibavumelayo ukuba bakuqwalasele ngomthandazo enoba abanakusabela kolu bizo kusini na.

20 imiz: “Ukwenza Inkqubela Kubulungiseleli.” Ingxubusho phakathi komdala onamava nomzalwana omele lowo sele enethuba esenyanisweni kodwa akenzi nkqubela. Ngokufutshane mabenze umboniso wokuqhelisela ekuthethwe ngako kwisiqendu 3. Xa kuxutyushwa isiqendu 4, yiba novulindlela okanye omnye umvakalisi ophumelelayo ebonisa umvakalisi ongenamava indlela yokuhlangabezana nemeko ekuhlanganwa nayo kwintsimi yasekuhlaleni ngamaxesha athile. Quka kwingxubusho amacebiso afumaneka kwiMboniselo ka-Agasti 1, 1985, iphepha 15-20, angokufikelela iintliziyo. Yiqukumbele le ngxubusho ngokukhuthaza bonke ukuba benze amalungiselelo aqinisekileyo okuphucula indlela abathetha ngayo nabantu nawokubuyela kwabanomdla.

Ingoma 123 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share