Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ebudeni Bethuba Lakho Lekhefu
1 Ebudeni bukaDisemba nasekuqaleni kukaJanuwari sidla ngokuba nexesha elingakumbi lemicimbi yobuqu. Sifanele sicebe kwangaphambili ukuba sifuna ukulisebenzisa ixesha lethu ngokunenzuzo. Ngawaphi amalungiselelo esinokuwenza ngoku ukuze siqinisekise ukuba silisebenzisa kangangoko sinako ixesha lethu kwimicimbi engokobuthixo?
2 Inginginya yabantu abanomdla inandipha iingenelo zokomoya zelungiselelo lethu lokuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya iiveki ngeeveki. Kungoku nje kuqhutywa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwama-50 000! Ukwenza kwazo inkqubela ngokomoya kuxhomekeke ikakhulu kuncedo lwethu. Bekuya kuba yintsikelelo kuzo ukuya kwindibano yesithili. Sinokuzichazela ngeengenelo ezininzi zokomoya size sizincede ngamalungiselelo ohambo, mhlawumbi sizimeme ukuba zihambe nathi okanye nabanye abasenokuba nendawo kwiinqwelo-mafutha zabo.
3 Ukuya endibanweni kuvulela amathuba awongezelelekileyo okunikela ubungqina obungacwangciswanga. Ukucwangcisa kwangaphambili kufanele kuquke ukupakisha isixa seempapasho zakutshanje, kuquka isixa seNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Sinokunikela ubungqina kubantu abasebenza kwiindawo zokutha ipetroli, ezihotele nakwiindawo zokudlela, kwanakwabo basebenzisa izithuthi zikawonke wonke. Le yindlela entle yokuzuza amava amaninzi.
4 Ngalo lonke ixesha abaselula basoloko bemgqala uDisemba neeveki zokuqala zikaJanuwari njengexesha lekhefu. Ngoxa ukuzihlaziya okufanelekileyo kuyingenelo, ngaba elinye leli xesha lokuphumla linokusetyenziselwa ukuba nesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina, njengokungenela ubuvulindlela bobuncedani? Abazali banokuqalisa kwangoku ukunceda abantwana babo benze amalungiselelo. Mhlawumbi abantwana beentsapho ezahlukahlukeneyo banokubhalisa baze basebenze kunye njengeqela. Abanye abangenakubhalisa banokuzabalazela ukwenza okungakumbi, ingakumbi kwinkonzo yaphakathi evekini.
5 Abaninzi baya kube bengaphangeli yaye baza kukhenkethela kweminye imimandla. Ukwenza amalungiselelo okufumana iintlanganiso kwibandla lasekuhlaleni nokusebenza kunye nalo enkonzweni kunokuba ngumthombo omhle wokukhuthazana. Usenokuba uya kummandla onentsimi engafane isetyenzwe, nto leyo ekuvulela ithuba lokunikela ubungqina kubantu abasifumana manqapha-nqapha isigidimi soBukumkani.
6 Abantu abaninzi abaselula basandul’ ukugqiba esikolweni. Oku kubenza baxhalabele kakhulu usukelo lwabo ebomini. Abantu abaselula abalusekela kwizilangazelelo zobuthixo usukelo lwabo baya kufumana iintsikelelo ngokuqinisekileyo. (1 Yoh. 2:15-17) Isigqibo sokungenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi sinokukhokelela kwindlela eyanelisayo yobomi equka amalungelo amaninzi akhethekileyo. Amalungiselelo asigcina similisele ingqalelo kwinkonzo kaYehova aya kusizisela iingenelo ezihlala zihleli thina nabanye.—1 Tim. 4:15, 16.