Ucwangcise Ntoni Kweli Hlobo?
1 Aliyonyaniso na elokuba sinokulufikelela ngakumbi usukelo lwethu olubalulekileyo xa sicwangcisa eyona ndlela isemagqabini yokusebenzisa ixesha esinalo? Ixesha lasehlotyeni lisinika amathuba awahlukahlukeneyo okuhambisela phambili izilangazelelo zobuthixo. (IMize. 21:5) Ngawaphi amanye awo?
2 INdibano “Yokuphila Ngendlela KaThixo” sesinye isiganeko esifanele sonke sisiquke kwizicwangciso zethu. Lungiselela ikhefu emsebenzini ukuze ubekho suku ngalunye lwendibano. Yenza amalungiselelo endawo yokuhlala nawokuhamba kusengaphambili.
3 Kutheni ungacwangcisi ukwandisa umsebenzi wenkonzo yasentsimini ebudeni bexesha lasehlotyeni? Ukutshona kade kwelanga nemozulu efudumeleyo zinokukuvumela uchithe ixesha elininzi kumsebenzi wokushumayela. Iiholide zokuvalwa kwezikolo zinika abantu abaselula ithuba lokuba ngoovulindlela abangabancedani inyanga enye okanye ezimbini zasehlotyeni. Abanye basenokucwangcisa kwangaphambili ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoNovemba, kuba uza kuba neeCawa ezintlanu. Sonke masenze unako nako ukuze sibe nenxaxheba kangangoko sinako kubulungiseleli.
4 Ukuba umhlaba webandla lakho usetyenzwa rhoqo, kutheni ungacwangcisi ukunceda ibandla elikufutshane elifuna uncedo ukuze ligubungele umhlaba walo? Umveleli wesiphaluka unokwazisa abadala ngeemfuno zommandla wakho. Ukuba uza kube ukude nekhaya, cwangcisa ukuya kwiintlanganiso nakwinkonzo yasentsimini kuloo ndawo. Ukuba utyelele izalamane ezingengomaNgqina kaYehova, lungiselela kwangaphambili indlela onokwabelana ngayo nazo ngenyaniso.
5 Ucwangcise ntoni kweli hlobo? Ngaphandle kwamathandabuzo ufuna ukuzihlaziya ngokwasemzimbeni. Kodwa musa ukungawasi so amathuba angakumbi abalulekileyo owafumanayo okukomeleza ngokomoya ngokuqhubeka ubeka uBukumkani kuqala ebomini bakho.—Mat. 6:33; Efe. 5:15, 16.