Iindaba Ezingokobuthixo
◆ Iingxelo ezivela kwaIsrael zibika ukuba kuye kwakho umonakalo othile kwezinye izindlu zabazalwana obangelwe yimijukujelwa ngethuba lemfazwe, kodwa akukho namnye wenzakeleyo emzimbeni.
◆ IBrazil iye yayigqwesa ngabavakalisi abangaphezu kwama-8000 incopho yayo kaJulayi 1990, ngokuthi ibe nencopho entsha yabavakalisi abangama-302 220 ngoJanuwari. Kuye kwabikwa nencopho entsha yezifundo zeBhayibhile ezingama-378 727.
◆ IHungary ibe nencopho entsha yabavakalisi abali-11 257. Inani lezifundo zeBhayibhile liye lantinga ukusuka kuma-5400 nyakenye ukusa kuma-7219.
◆ Kweminye imimandla yaseLiberia, abavakalisi bamabandla banomlinganiselo weeyure ezingaphezu kwama-20 enkonzweni yasentsimini phezu kwabo nje ubunzima obukhulu. Baye baxhaswa ngobubele lisebe laseCôte d’Ivoire nelaseSierra Leone.