Iindaba Ezingokobuthixo
◆ Incopho entsha yabavakalisi eJapan yayili-148 452. Ekuqaleni kukaSeptemba kwabhalisa oovulindlela abathe ngxi abatsha abangama-3582. Ebudeni bukaSeptemba kwaqhutywa izikolo zoovulindlela ezili-165 kwiziphaluka ezili-111, yaye oovulindlela abathe ngxi abangama-3920 balunandipha olo qeqesho.
◆ IKenya yaba nencopho entsha yabavakalisi abangama-5610 ngoSeptemba. Ungcelele lweendibano ezikhethekileyo zosuku olunye lwaqukunjelwa ngenani lababekho abali-11-027 kwaza kwabhaptizwa abali-172 kuzo zonke.
◆ NgoSeptemba iLusuthu yaba nencopho entsha yabavakalisi abali-1347. Umlinganiselo weeyure ezili-13,1 wabavakalisi bebandla ubonisa ukuba bayazibhokoxa enkonzweni kaYehova.
◆ IMauritius yaba nencopho entsha yabavakalisi abangama-907 ngoSeptemba.
◆ NgoSeptemba iNigeria yaba nencopho entsha yabavakalisi abali-146 703. Oku kwaba lulwando lwabangaphezu kwama-4600 kunencopho ka-Agasti.