IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/91 iphe. 2
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Imiyalelo Eya Kubaveleli BeSikolo
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • ISikolo Esisixhobisela Ezona Zinto Zibalulekileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Isikolo Esiphumelelayo Esisehlabathini Lonke
    Vukani!—1996
  • Abaveleli Abakhokelayo—Umveleli Wesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 6/91 iphe. 2

Isingxobo Semibuzo

● Abafundi bafanele babe nezabelo ngokufuthi kangakanani kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo?

Enye yeenjongo eziphambili zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kukuvelisa izithethi zasesidlangalaleni. Ngenxa yeso sizathu, kuCwangciso lweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kulungiselelwe ukuba inkoliso yeentetho zinikwe abazalwana.

Phofu ke, enye injongo ebalulekileyo yesi sikolo kukuqeqesha bonke abantu bakaYehova ukuba babe ngabashumayeli nabafundisi abanempumelelo kubulungiseleli bobuKristu. Ngenxa yesi sizathu, kufanelekile ukuba noodade babhalise.

Ukuze bangenelwe ngokupheleleyo esikolweni, abo babhalisileyo bafanele bazifumane rhoqo izabelo zeentetho zabafundi. Kucebiseka ukuba mfundi ngamnye ubuncinane abe nesabelo esinye kwiinyanga ezintathu. Ukuba iimeko zebandla lenu ziyavuma, abazalwana banokunikwa izabelo ezongezelelekileyo. Akuyomfuneko ukuba abadala abanikela rhoqo iintetho zokuyala neembalasane zeBhayibhile banikwe kwaneentetho zabafundi.

Phantse kangangesiqingatha senkulungwane, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo siye sanceda abantu abazizigidi ukuba benze inkqubela engokomoya baze bafunde indlela yokuphucula iintshumayelo zabo xa benikela isigidimi soBukumkani. Sonke siyakhuthazwa ukuba silisebenzise ngokuzeleyo eli lungiselelo limangalisayo livela kuYehova uThixo. Injongo yethu imele ibe kukuzimisa njengabakholekileyo kuThixo, singabasebenzi ‘abangenazintloni, silungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.’—2 Tim. 2:15.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share