IZaziso
● Umnikelo woncwadi ngoJuni: Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R3,75. NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi na yezi ncwadana zinemifanekiso zinamaphepha angama-32 zilandelayo ngomnikelo wama-75 eesenti inye: Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” nethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R7,50. Iincwadi ezincinane zii-R3,75.
● Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko.
● Iibhokisi zomnikelo kwiiHolo zoBukumkani zifanele ziphawulwe ngokucacileyo. Xa unikela, qinisekisa ukuba uwufaka kwibhokisi efanelekileyo—iNgxowa-mali Yokwandiswa KweSebe, iNgxowa-mali YoMbutho Yokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani, iimfuno zebandla lasekuhlaleni. Abadala basenokukufumanisa kuluncedo ukwenza izaziso ngokuphathelele le nkalo ukuba kuyimfuneko. Akufanelekanga ngaye nabani na ukuthabatha umnikelo okwenye yezi aze awuthumelele enye injongo engeyiyo echazwe kuloo bhokisi. Kuyimbopheleleko yomntu ngamnye ukuzigqibela ngenjongo yomnikelo wakhe ngokuthi awufake kwibhokisi yomnikelo efanelekileyo.
● Kubaveleli abongamelayo: Siyanicela ukuba nithumele nawaphi na amava akhethekileyo ibandla lenu eliye lanawo ebudeni bonyaka, kuquka namava aphathelele inkonzo yobuvulindlela babancedani nosuku lwamaphephancwadi, lwangoAprili 6, 1991. Sifuna ukukhetha awona abalaseleyo kwintsimi yethu ukuze siwafake kwingxelo yonyaka. Ncedani niwathumele kungekhona ngemva kukaJulayi 1, 1991.
● KUBO BONKE OONOBHALA NEZICAKA ZAMAPHEPHANCWADI ZAMABANDLA: Ncedani niphawule ukuba zonke iiodolo ezenziwa kwifomu ethi Iodolo Yabasasazi (M-AB-202-XO), kuquka neeodolo ezikhethekileyo neeodolo zekheshi, zifanele zibe zizixa zesihlanu, ngokuvisisana nemiyalelo echazwe kwincwadana ethi Watch Tower—Imiyalelo Ngoludwe Lwamaxabiso, iphepha 13, isiqendu 40.
● ISIMEMO: Simema iintsapho nabadala abafanelekayo ukuba baye kwezi Ndibano ZeSithili “Zabathandi Benkululeko” zilandelayo:
ELebowa-Kgomo: Ucwangciso lonke luya kuqhutywa ngesiPedi nenxalenye encinane yesiVenda. Kumenywa abadala abathetha isiVenda ukuba babekho.
EThulamahashe: Kumenywa abadala abathetha isiTsonga ukuba babekho.
Abadala abanqwenela ukuya nakweyiphi na yezi ndibano bamele babhalele uMbutho zize iileta zabo zityobelwe yiKomiti Yenkonzo Yebandla. Ezi leta zifanele zifike kuthi kungekhona ngemva kukaJulayi 1, 1991.
● Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
“Sonke Isibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” Uhlelo lowe-1990 (ibandla nowonke wonke: R8,00; oovulindlela: R5,20)—IsiGrike, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiZulu
● Ziyafumaneka Kwakhona KuMzantsi Afrika:
“Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla”—1991—IsiNgesi