IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/91 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 12/91 iphe. 7

IZaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoDisemba: Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ngomnikelo wee-R8,00. NgoJanuwari nangoFebruwari: Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani? ngomnikelo wee-R2,60. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R8,00.

◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye onyulwe nguye ufanele ahlole ukuma kweemali zebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko.

◼ Umveleli owongamelayo ufanele enze amalungiselelo okuhanjiswa kwee-“Medical Documents” nee-“Identity Cards” ezintsha ekuqaliseni kweNtlanganiso Yenkonzo yesithathu ngoJanuwari. Umzalwana owenza izaziso zasekuhlaleni unokulikhumbuza ibandla ngokufutshane ngendlela okusebenza ngayo oku njengoko kwakuchaziwe kwileta kaJanuwari 1, 1990. Yixhomeni le leta kwibhodi yezaziso kangangeveki enye okanye ezimbini nize niyibuyisele kwifayile yebandla ukuze nikwazi ukubhekisela kuyo kwixesha elizayo. Abazalwana bakhuthazwa ukuba bawazalise ngoko nangoko la maqweqwe, yaye bawatyobele kakuhle, kutyobele ingqina aze abhalwe nomhla kwalapho kwiNtlanganiso Yenkonzo. Eli lilungiselelo laminyaka le yaye abaveleli abongamelayo bafanele baqinisekise ukuba abadala bayawahlola emva kweentlanganiso.

◼ Ukuba uya ekhefini ngoDisemba, qinisekisa ukuba uyayidlulisela ingxelo yakho ngaphambi kokuba uhambe, okanye uyithumele ngeposi. Yithumele kwangethuba ngeposi ebandleni okulo, kungenjalo akusayi kubalwa njengomvakalisi woBukumkani kule nyanga.

◼ ISikhumbuzo sowe-1993 siya kuba ngoLwesibini, ngoAprili 6, emva kokutshona kwelanga. Esi saziso somhla weSikhumbuzo sowe-1993 sinikelwe kwangethuba ukuze abazalwana bakwazi ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okufumana iiholo xa kukho amabandla amaninzi asebenzisa iHolo yoBukumkani enye nafuna ukufumana ezinye iindawo zokuhlanganisana.

◼ Ngoku amabandla asenokuodola umxholo wonyaka wowe-1992, ofumaneka ngexabiso lee-R12,00 umnye ngesiBhulu, isiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu. Imali yawo iya kutsalwa kwityala loncwadi. Amabandla anamatyala ajingayo kumatyala awo oncwadi afanele athumele imali kunye neeodolo zawo.

◼ Kucetyiswa ukuba onke amabandla axhome umxholo omtsha wonyaka ngoJanuwari 1, 1992.

◼ Ekubeni indibano kulo nyaka iza kuba ngoLwesihlanu, ngoMgqibelo nangeCawa, iSifundo esiqhelekileyo Sencwadi Sebandla siya kuqhutywa ebudeni beveki yendibano.

◼ Amabandla ahlawula ngetsheki afanele aqinisekise ukuba ZONKE iitsheki ZIHLATYIWE (CROSSED) yaye ziphawulwe ngokuthi “NOT NEGOTIABLE” phakathi kwaloo migca mibini emeleneyo yokuhlaba. Igama elithi “or Bearer” nalo lifanele lihlatywe. Iitsheki okungenziwanga oko kuzo azinakwamkelwa ebhankini yaye ziya kubuyiselwa kwabo bazithumeleyo.

◼ IINDIBANO ZESITHILI: NCEDANI NIPHAWULE UMHLA OCHANILEYO:

Disemba 20-22: EMAFIKENG, The Great Hall, University of Bophuthatswana, Mmabatho.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

NgesiArabhu: Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo (ibandla nowonke wonke: R4,00; oovulindlela: R2,00). NgesiKwangali: Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi (ibandla nowonke wonke: ngama-80 eesenti; oovulindlela: ngama-40 eesenti).

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share