Ukuba Nesabelo Kulwando LoBukumkani
1 “Ezinjani zona ukumangalisa iinguqulelo!” “Hayi indlela okwenzeke ngokukhawuleza ngayo oku!” “Enjani yona intsikelelo enanditshwa ngabazalwana bethu baseSoviet Union!”
2 La mazwi avakaliswe ekupheleni kuka-Agasti nasekuqaleni kukaSeptemba xa kwakuqhutywa ngokunempumelelo ungcelele lweendibano eSoviet Union phezu kwalo nje uphazamiseko olwalunokubakho. Bebengama-74 252 bebonke abebekho kwiindibano ezisixhenxe ebeziqhutyelwa eSoviet Union kwezi nyanga zehlobo, yaye kubhaptizwe abangama-7820. Ukongezelela, bekuhlanganisene abangama-295 924 abangakumbi kwiindibano zaseMpuma Yurophu.
3 Ngokuqinisekileyo, njengakwinkulungwane yokuqala, amazwi omprofeti uIsaya ayazaliseka: “Abantu abo [ababehamba] ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu. . . . Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna.” Ewe, ulwando loBukumkani luhambela phambili! UYesu Kristu uyalawula! Yaye njengokuba esi siprofeto sihlabela mgama: ‘Kuya kwanda ukuthethela, noxolo lungabi nasiphelo.’—Isa. 9:2, 3, 7.
4 Ukuze kunyanyekelwe ulwando olumangalisayo kwiMpuma Yurophu kuye kwafuneka kwakhiwe izakhiwo ezikhulu ngakumbi zokushicilela eJamani nto leyo eyenziwa ngoku. Abazalwana bethu apho bayakuvuyela ukuxhasa oku kwandiswa kwezakhiwo, okufak’ isandla ngokungqalileyo ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaYesu esingokwembali esithi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mat. 24:14.
5 Nathi sixakeke ngumsebenzi omkhulu wokwandisa isebe laseMzantsi Afrika. Kutshanje, kwintlanganiso yonyaka yeJehovah’s Witnesses of South Africa, kuye kwachazwa ezinye zezizathu zokuba oku kwandiswa kwesakhiwo kuyimfuneko, nendlela lo msebenzi wokwandisa isebe oqhubeka ngayo. Siyakuvuyela ukwabelana nani ngezimbalwa zezi ngongoma.
6 Umzi Wethu Sokushicilela: Okwangoku sishicilela amaphephancwadi ngeelwimi ezahlukeneyo ezili-15 kweli sebe laseMzantsi Afrika. Lilonke, sishicilela iinkupho ezingama-46 ezahlukeneyo zamaphephancwadi nyanga nganye! Ukongezelela, ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo, sashicilela iincwadana ezinemifanekiso ezingama-94 ezahlukeneyo ngeelwimi ezingama-25, neencwadana ezingama-34 ezahlukeneyo ngeelwimi ezili-13. Siye salungiselela iincwadi ezingama-35 ezahlukeneyo ngeelwimi ezili-12! Ezi ncwadi ziya kushicilelwa kumzi-mveliso waseBrooklyn.
7 Ukongezelela koku kungasentla, sikwashicilela noBulungiseleli Bethu BoBukumkani ngeelwimi ezisithoba nyanga nganye, kwaneempinda ezibhalwayo. Sishicilela iintetho zeendibano zesithili nezesiphaluka, zeendibano ezikhethekileyo zosuku olunye kwaneentetho zesidlangalala. Sishicilela izigidi zamaphecana. Senza kwanezimemo, iifomu nentaphane yeeleta uMbutho oqhagamshelana ngazo nabavakalisi abasentsimini. Enyanisweni, ngoku sishicilela izinto ezimalunga nezigidi ezibini kumzi wethu wokushicilela kwisebe laseMzantsi Afrika nyanga nganye! Inkoliso yezi zinto ifanele iguqulelwe kwiilwimi ezahlukahlukeneyo zasekuhlaleni. ISebe lethu Lokuguqulela ngoku lelona likhulu ehlabathini.
8 Ebudeni bonyaka ophelileyo wenkonzo siye safumana umatshini omtsha iWohlenberg ovela kwisebe laseJamani wokuncwela amacala amathathu amaphephancwadi. Lo matshini wenziwe ngohlobo lokuba uzifakele ngokwawo amaphephancwadi, yaye uye wenza sakwazi ukuncwela amaphephancwadi amaninzi kunangaphambili ngexesha. Ngoku sele kuza kugqitywa ukudityaniswa komatshini wethu omtsha wokushicilela oyiHantscho. Xa lo matshini usebenza uya kuyandisa imveliso yethu yamaphephancwadi okanye iincwadana ezinemifanekiso ukusuka kwi-18 000 ukusa kuma-56 000 ngeyure xa besetyenziswa bobabini aba matshini bethu bokushicilela!
9 Omnye weyona misebenzi mikhulu esiyenzayo ngoku ngowokuguqulela iBhayibhile. IKomiti Ebhalayo yeQumrhu Elilawulayo iye yasivumela ukuba siguqulele iBhayibhile ngeelwimi ezintandathu: IsiBhulu, iSipedi, iSisuthu, isiTswana, isiXhosa nesiZulu. Okwangoku sisaqhuba kakuhle kwezintathu zezi lwimi, isiBhulu, iSisuthu nesiZulu. Kusafuneka abaguquleli abongezelelekileyo kwezinye iilwimi. ISebe Lokuguqulela eBrooklyn liye lasenzela iNkqubo Yokuguqulela IBhayibhile ngekhompyutha. Injongo yale nkqubo kukuvelisa inguqulelo echanileyo, evisisanayo, engqalileyo nefundeka ize iqondakale ngokulula.
10 Enye inkalo yomsebenzi wethu eye yanda kakhulu iquka ukuthunyelwa kwezinto kwamanye amasebe. Ngoku, nyanga nganye, sithumela kwamanye amasebe, umlinganiselo wezinto ezinobunzima obuziitoni ezingama-250, ngeelori ezine ezinokuthwala impahla ekumlinganiselo weetoni ezingama-25 inye. Amaphephancwadi, uncwadi nezinto zokwakha, kwanentaphane yezinye izinto zithunyelwa rhoqo kwisebe laseZimbabwe nelaseZambia. Ukuza kuthi ga ngoku, sesithumele malunga nekhulu leetoni zokutya nempahla kwanoncwadi namaphephancwadi eAngola. Siye sakwazi nokunikela uncedo naseZaire, eMozambiki nakwamanye amazwe asemazantsi eAfrika. Kulilungelo kuthi ukunyamekela izilangazelelo zabazalwana noodade wethu abakwamanye amazwe ngale ndlela.
11 Kuthekani Ngomsebenzi Wethu Wokwandisa Isebe?: Ngokungathandabuzekiyo abaninzi kuni baye beva ngokubambezeleka komsebenzi wethu wokwandisa isebe. Emva kokuba iiplani zethu ezininzi zigqityiwe, iOfisi Enyamekela Imicimbi Yokwakha eseBrooklyn iye yagqiba kwelokuba kungakuhle ukuba silandele iindlela zakutshanje zokwakha ngale nkqubo yokumiswa kweendonga esezenziwe (tilt-up method). Baye basichazela ukuba nangona oku kuya kusibambezela ekuqaleni, siya kungenelwa ekuhambeni kwethuba. Oku akuzukubangela nje ukuba sibe nesakhiwo esiphucuke ngakumbi kodwa siya kwakhiwa ngexesha elifutshane yaye ukwandiswa kwexesha elizayo kuya kukhawuleziswa kakhulu. Ngoko kuye kwafuneka siqale phantsi ukuzoba iiplani kwakhona.
12 Noko ke, siyakuvuyela ukunazisa ukuba iiplani sele zilungile, yaye kusenokuqaliswa ukwakhiwa amagumbi angama-30 okuhlala. Enyanisweni, sele siwagqibile amacandelo amaninzi eendonga aya kuwukhawulezisa umsebenzi wokwakha. Sifanele siwugqibe wonke lo msebenzi wokwakha kwisithuba seenyanga ezisixhenxe okanye ezisibhozo.
13 Okweli thuba, siye senza omnye umsebenzi omninzi. Siye senza indlela ejikeleza indawo ekuza kwakhiwa kuyo, siye senza umsebenzi omkhulu ekudityanisweni komatshini omtsha wokushicilela oyiHantscho, yaye sesakhe ezinye izinto ezininzi eBheteli. Kwakhona, aqhuba kakuhle kakhulu amalungiselelo okubhaliswa komhlaba wethu njengedolophana ezimeleyo. Kwakuba oku kuvunyiwe ngokusemthethweni, siya kukwazi ukwenza neminye imisebenzi eyimfuneko yokwakha. Sifanele sandise igumbi lethu lokudlela; sifanele sandise umzi wethu wokushicilela; sifanele songezelele omnye umgangatho kwisakhiwo sethu seeofisi; yaye kuya kufuneka songezelele ubuncinane elinye icandelo lamagumbi okuhlala.
14 IQumrhu Elilawulayo lihlawulela zonke izinto ezithengelwa ukunceda noomatshini abaya kwamanye amasebe. Noko ke, thina kufuneka siwunyamekele ngokwethu umsebenzi wethu wokwakha, kangangoko kunokwenzeka. Kule nkalo sithanda ukubabulela abazalwana bethu beli loMzantsi Afrika ngeminikelo yabo emihle nangezithembiso zabo ezininzi zokuxhasa ngemali. Nonke bazalwana noodade niye nazalisa amaphetshana okubonisa isixa eniya kunikela ngaso nyanga nganye. Intsabelo yenu ibe ntle kakhulu. Amabandla awayekade enikela ngee-R50 ngenyanga aye athembisa ukunikela ngemali esusela kwii-R600 ukuya ngaphaya kwee-R1 000 ngenyanga. Amabandla amancinane angazange anikele aye athembisa ukuthumela iminikelo ethe vetshe. Sizixabisa kakhulu izithembiso enizenzileyo zeminikelo yemali. Siyaqonda ukuba kula maxesha aguquguqukayo iimeko esingazaziyo ezisenokuvela ngomso zinokwenza kube nzima ukugcina ezi zithembiso. Noko ke, sikhuthaza ngamnye ukuba akhumbule amazwi eNtshumayeli 5:4, 5 xa niqwalasela izithembiso enizenzileyo.
15 Enoba unako okanye akunako ukusebenza ngokuzithandela ekwakheni okanye ukunikela ngemali, sonke sinako ukuthandazela impumelelo yalo msebenzi wokwakha, ukuze izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo zifikelele emhlabeni wonke. Wanga uBawo wethu osezulwini angasisikelela sonke njengoko sizabalazela ukuwugqiba umsebenzi wakhe.
Sifuna ngokungxamisekileyo abazalwana abanokusinceda ekwakheni njengoko kucacisiwe kwileta yethu kaOktobha 15, 1991, eyayisiya “Kuwo Onke Amabandla.”
Kufuneka abazalwana abazezi ndidi zimbini:
(1) Abazalwana abangatshatanga okanye izibini ezitshatileyo ezingenabantwana ezinokuzenza zifumaneke ebudeni beli thuba lokwakha okanye ixesha elingakumbi.
(2) Amagcisa, anjengabakhi, abatyabeki (plasterers), abasebenza ngemibhobho yamanzi (plumbers), abasebenza ngombane, amagcisa okudibanisa iintsimbi (welders), abanokunceda kangangeveki ukuya kwinyanga okanye kwaneenyanga ezintathu, ngexesha obuya kube bufuneka ngalo ubugcisa babo.
Ukuba ungumzalwana ozahluleleyo onokuma okuhle nentlangano kaYehova, yaye unokuchitha ubuncinane iveki usincedisa ekwakheni, nceda uzalise icandelo elisekupheleni kwesi sihlomelo uze ulithumele kuthi. Siya kwandula ke sikuthumelele ifomu yesicelo ofanele uyizalise.
UMSEBENZI WOKWAKHA KWISEBE LASEMZANTSI AFRIKA
Abazalwana, abaneminyaka eli-19 ubudala nangaphezulu, bayamenywa ukuba basebenzise ubugcisa babo kwimisebenzi eyahlukahlukeneyo yokwakha ngokucela ukuthunyelelwa, ifomu yamatshantliziyo, bayizalise baze bayibuyisele kuthi. Ukuba unabo nabuphi na ubugcisa okanye amava okwakha, okanye ungathanda ukufak’ isandla ekuncediseni kumsebenzi ongafuni bugcisa, nceda uzalise eli phetshana uze ulithumele kwiCONSTRUCTION DESK, Watch Tower Society, Private Bag 2067, Krugersdorp, 1740. Siya kwandula ke sikuthumelele ifomu yesicelo eneenkcukacha ezingakumbi ofanele uyizalise.
IGAMA ELIPHELELEYO: IBANDLA:
IKHELINGI: INo. YEFONI:
IKHOWUDI: