Iindaba Ezingokobuthixo
EHong Kong: Nangona ngoJulayi kwakushushu kakhulu yaye kukho ulophu, abazalwana benza umzamo omhle gqitha kwinkonzo yasentsimini. Baba nencopho entsha yabavakalisi abangama-2305, kwaza kwabhaptizwa abangama-71.
KwiiPhilippines: Bayaqhubeka nokunikela uncedo kumaxhoba ogqabhuko-dubulo lweNtaba iPinatubo. Kutshanje, izandyondyo zemvula nokukhukuliseka kwemfungumfungu eyashiywa lolo gqabhuko-dubulo, ziye zabangela iingxaki ezinkulu kubazalwana ababesindile kwintlekele yokuqala. Abazalwana bayaluxabisa uncedo abalufumanayo, njengoko kweminye imimandla iimeko bezimandundu ngoSeptemba kunangexesha logqabhuko-dubulo lokuqala.
EMzantsi Afrika: Kuye kwanikezelwa iiHolo zoBukumkani ezintsha ezine ebudeni bukaOktobha noNovemba. Sivuyisana nabazalwana baseMothutlung kufutshane neBrits, abaseMgababa kuNxweme oluseMazantsi eNatala, abasePaballelo kufutshane neUpington nabaseKnysna ngoku abakwimeko yokunandipha ukusebenzisa iiHolo zabo zoBukumkani.
◼ IiKomiti Zokwakha Zenqila ziyakukhawulezisa ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani eMzantsi Afrika. Ezinye zigqitywa ngenyanga enye. Siyakuvuyela ukunazisa ukuba kuye kwagqitywa iiHolo zoBukumkani ezingama-25 ngowe-1991. Sibulela ngokungazenzisiyo ngamnye oye wanikela ngexesha nobuncwane bakhe kulo msebenzi mhle kangaka wokuzukisa uYehova. Ngaba kukho abangakumbi kuthi abanokuba nesabelo ngowe-1992?
◼ Siye sakwazi ukuthumela iitoni ezili-19 zoncwadi, ukutya nempahla eAngola ngelori ekupheleni kuka-Agasti. Yonke le mpahla iye yafikelela kanye eLubango phezu kwazo nje iindlela ezimbi zemimandla ethile yalapho. Siyakuvuyela nokunazisa ukuba intsimi yasemazantsi eAngola ngoku izifumana rhoqo izixa zamaphephancwadi.