Iindaba Ezingokobuthixo
EMzantsi Afrika: Bekukho intlanganiso engenakulibaleka embalini eBloemfontein ngomhla wesi-3 nowesi-4 kuAgasti 1991, xa iiKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-22 ebezimelwe ngamalungu ali-102 kulo lonke eli lizwe bezihlanganisene ukuze zigwadle umbandela ongxamisekileyo wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezingakumbi. Sineeholo ezingama-257 kweli lizwe. Ukuze kuhlangatyezwane nentswelo ekhoyo, kufuneka iiholo ezingama-259 ezingakumbi kanye ngoku. Kuye kwacingisiswa nzulu ngeendlela ezikhawulezayo nezonga imali zokwakha. Ukuqhagamshelana namalungu eekomiti zeenqila ezahlukeneyo kungqineke kuluncedo olukhulu. Abo bebekho babuyele emakhaya benehlombe yaye bezimisele ukulukhawulezisa ngakumbi ucwangciso lwabo lokwakha. Ukuluxhasa kwenu ngokuthembekileyo ucwangciso lokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kuxatyiswa kakhulu.