Ukuhlangabezana Ngovuyo Neemfuno Zesivuno
1 Ewe, eli lixesha lokuvuna. Ngoku sikwixesha lokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto, yaye njengoko uYesu watsho komnye wemizekeliso yakhe, “Ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli.” (Mat. 13:39) KuYohane 5:17, uYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.” Kulo msebenzi wexesha lokuvuna, abantu bakaYehova abaxakekanga kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kuphela kodwa nakukulungiselela iindawo zonqulo. Ngoku, iiHolo zoBukumkani zifuneka ngakumbi kunanini na ngaphambili. Okuvuyisayo kukuba, uYehova uye washukumisa abakhonzi bakhe abanyanisekileyo ukuba banikele ngokuzithandela ngobuchule babo kumsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Abasebenzi nzima nje kuphela kodwa bakwaphuphuma umoya wovuyo.
2 Ngoku kunjengokuba kwakunjalo ngemihla kaNehemiya xa amaSirayeli ayexakekile esakha udonga lwaseYerusalem. UNehemiya 4:6 uthi “abantu babenentliziyo yokusebenza.” Yintoni eyabancedayo ukuba babe neso simo sihle sentliziyo? Ikhankanywa kamva kuNehemiya 8:10: “Ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.” Ngokuqinisekileyo sinezizathu zokuba ngabasebenzi abanovuyo. Sinentsikelelo kaYehova. Sinomoya kaYehova, yaye uvuyo luyinxalenye yesiqhamo saloo moya.—Gal. 5:22.
3 IiKomiti Zokwakha Zenqila: Iingxelo eziphuma kwintsimi yehlabathi lonke zibonisa ukuba ‘amasimi amhlophe ukuba kuvunwe.’ (Yoh. 4:35) Ucinga ngale mfuno, ngowe-1984 uMbutho waqalisa ukumisela iiKomiti Zokwakha Zenqila ukuba zincedise amabandla kumsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani, enoba zizakhiwo ezitsha okanye kukulungiswa kwezidala. Abadala abamiselwe ukukhonza kwezi komiti ngamadoda okomoya ngokuqhelekileyo anamava kanobom kumsebenzi wokwakha nowezoshishino. Icebiso labo lingqineke liluncedo, ngokukodwa xa kukho umoya wentsebenziswano phakathi kwabo nabazalwana abakhonza kwikomiti yokwakha yasekuhlaleni.
4 Amabandla amathathu awafumana uncedo kubasebenzi bokuzithandela abasebenza neKomiti Yokwakha Yenqila kamva abhalela le komiti evakalisa umbulelo wawo. Ebonakalisa ingqiqo athi: “Ncedani nidlulisele uthando nombulelo wethu kubafazi benu, abantwana benu nakumabandla enikuwo. Sikuxabisa ngokwenene ukuzincama kwabo ngokuthi babelane nabantu bakaYehova abaninzi kangaka ngani.”
5 Enye ikomiti yenqila yanikela le ngxelo: “Ikomiti yokwakha yasekuhlaleni iye yasebenzisana kakuhle gqitha nathi. Siqhubeka sivakalelwa kukuba . . . le yenye yezona nkalo zingumvuzo zendima esinayo, ulwalamano esiba nalo nekomiti yokwakha yasekuhlaleni.” Kutshanje ikomiti yokwakha yasekuhlaleni emela amabandla amabini ibhale oku: “Eli lungiselelo lizisa iintsikelelo ezimangalisayo ebandleni. Makhe sikhankanye ezinye zazo: lenza kubekho ulwalathiso lwabantu abanobugcisa ngekomiti yokwakha, lilungiselela amakhulu abazalwana bokomoya nabanobuchule ukuba bancede, lenza kube nokwenzeka ukwakhiwa kwesakhiwo ngokukhawuleza nto leyo engalenzi libe buthathaka ibandla ngokomoya kodwa eqinisa ukuthandana kwabazalwana, inikela ubungqina obuhle ekuhlaleni, yaye okona kubalulekileyo, lenza kubekho indawo entle yokudumisa uYehova.”
6 Qhagamshelanani NeKomiti Yokwakha Yenqila Zisuka Nje: Xa amabandla eceba ukulungisa okanye ukwakha isakhiwo esitsha, abadala basekuhlaleni bafanele baqhagamshelane nosihlalo wekomiti yenqila usaqaliswa nje umsebenzi. IiKomiti Zokwakha Zenqila zinikwe imigaqo ekhokelayo nguMbutho, yaye aba bazalwana banamava kakhulu aya kunceda ekuphepheni iingozi ezisenokungaqondwa ekuthengeni isiza nasekucebeni umsebenzi wokwakha. Ukuba iyaziswa ngazo zonke izakhiwo ezikummandla ewabelweyo, ikomiti yenqila inokwenza ucwangciso lwabasebenzi bokuzithandela ukuze zonke izakhiwo zigqitywe ngaphandle kokuqotywa kwabasebenzi abanobugcisa. IKomiti Yokwakha Yenqila nganye yenza uludwe nocwangciso lokusebenza kwabasebenzi bokuzithandela abakummandla eyabelwe ukuwusebenza.
7 Imigaqo esisikhokelo enikwe iikomiti zenqila iquka izinto ezimele zicingisiswe ngenyameko ngaphambi kokufuna isiza, ezinjengemithetho yommandla, kamasipala neyesixeko elawula izinto ngezinto ezichaphazela umsebenzi wokwakhiwa kweHolo yoBukumkani. Amabandla ngobulumko anokungenelwa koko kuphawulwa ngabadala abamiselwe ukukhonza kwiKomiti Yokwakha Yenqila ngokuqhagamshelana nabo kwasekuqaleni, kusenethuba ngaphambi kokuba kuthengwe nasiphi na isiza.—IMize. 15:22.
8 Abadala basenokuqhagamshelana neKomiti Yokwakha Yenqila ngomveleli wesiphaluka. Unalo igama, ikhelingi nenombolo yefoni kasihlalo wekomiti eyabelwe ukuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani kummandla welo bandla.
9 Ukuthenga Ngobulumko: Ubukhulu becala, amabandla aye asebenzisa ubulumko ekuthengeni impahla yokwakha. UMbutho awunalungiselelo lokuthenga elisetyenziswa ekuthengeni impahla yokwakha ukwenzela lonke eli. Noko ke, ngamathuba athile, oosomashishini abathile bawenzela amaxabiso akhethekileyo amabandla. Xa oku kusenzeka, uMbutho uya kuthumela isaziso ngaba bathengisi kwiiKomiti Zokwakha Zenqila. Xa oku kunjalo uMbutho okanye ikomiti yenqila awuncomeli kwaye ungakhuthazi ukuba kuthengwe kulo mthengisi. Oku kukudlulisela inkcazelo kumabandla asekuhlaleni kuphela ukuze impahla ekhoyo namaxabiso aziwe kuze kuthelekiswe.
10 Abadala basekuhlaleni bafanele baqinisekise ukuba impahla yokwakha ithengwa emva kokuba kuye kwathelekiswa ngenyameko. Ikomiti yenqila inokuncedisa ekwenzeni uluhlu lwezinto ezimele zithengwe, kuquka izinto zokuhombisa ngaphakathi. Kusenokwenzeka ukuba ikomiti nganye iyabazi abasebenzi bokuzithandela abanamava kwezi nkalo abanokukuvuyela ukuncedisa amabandla ekwenzeni uluhlu lwezinto ezimele zithengwe. Abanye abazalwana abanolwazi ngezoshishino banokusetyenziswa ukuze bafumane awona maxabiso aphantsi empahla yokwakha. Kufanele kuqhagamshelwane nabathengisi abaliqela ukuze kufunyaniswe elona xabiso lisengqiqweni ngoxa kufunwa izinto ezikumgangatho ofanelekileyo. Ngoxa maxa wambi kufunyanwa izithembiso zokuthengiselwa nokwenzelwa izinto ezithile “ngelona xabiso liphantsi,” abadala bafanele bazihlole ngenyameko iinkcukacha zoku, ekubeni maxa wambi kuqukwa iindleko ezifihlakeleyo. Ekubeni kusetyenziswa ubuncwane obunikelweyo, intsebenziswano yabo basekuhlaleni neKomiti Yokwakha Yenqila iya kunceda ekuqinisekiseni ukuba obu buncwane busetyenziswa ngobulumko.
11 Gcinani Iiplani ZeeHolo ZoBukumkani Zingantsonkothanga: Nangona ibandla lisenokuba liqokelele imali eyaneleyo ukuze liquke izinto ezongezelelekileyo ngaphandle kokufuna imali-mboleko, kufanele kusetyenziswe iiplani eziqhelekileyo yaye kwakhiwe izakhiwo ezinesidima. Oku kwenza ukuba nayiphi na imali eyongezelelekileyo ekhoyo isetyenziselwe amanye amaphulo ezinto zobuthixo. (omXO iphe. 61; 2 Kor. 8:14) Ekubeni abaninzi bezinikela ngokuzithandela ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, abasebenzi banokuziva becinezelwa xa becelwa ukuba bakhe izinto zokuhombisa ezinomsebenzi omninzi gqitha. Nangona kufuneka isandisi-lizwi esisemgangathweni, izinto ezinobugocigoci kakhulu azincedi ekunciphiseni iindleko xa kuthelekiswa nemali yokuzithenga yaye aziyomfuneko. Izinto ezinjalo zifanele zicingisiswe ngenyameko ngaphambi kokuba ziqukwe kwisakhiwo. IKomiti Yokwakha Yenqila inokuba negalelo elixabisekileyo ekuncedeni ukwenza isigqibo esilungeleleneyo ngokuphathelele neplani.
12 Amabandla amaninzi aye akha iiHolo zoBukumkani esebenzisa imali ebolekwe ekuhlaleni kwabo banxulumana nebandla. Maxa wambi kuye kuthengiswe iHolo yoBukumkani, yaye imali efunyenweyo iyanela ukunyamekela iindleko zokwakha isakhiwo esitsha nesikhudlwana. Noko ke, wambi amabandla amele afumane uncedo lwemali eyongezelelekileyo. Asenokuqhagamshelana noMbutho ukuze afumanise enoba anokuyifumana kusini na imali-mboleko, elandela ulwalathiso olwanikwa abadala kwileta kaDisemba 23, 1991. Ngaphambi kokufuna imali-mboleko kuMbutho, abadala bafanele benze uhlolisiso ekuhlaleni ukuze bafumanise ukuba (1) ingakanani imali eya kunikelwa zisuka nje ukuze kuncediswe ekuthengweni kwesiza nakwiindleko zokwakha, (2) ingakanani imali enokubolekwa ekuhlaleni kwabo banxulumene nebandla (amabandla) elibandakanyekileyo, yaye (3) ingakanani imali eya kunikelwa qho ngenyanga ukugubungela iindleko zebandla zokwakha nokubuyisela nayiphi na imali-mboleko efunyenwe kuMbutho. Akumele kubhalwe magama kumaphetshana angeniswayo xa kusenziwa olu hlolisiso. Kubalulekile ukuba bonke babhale amanani achanileyo, bawuqwalasele ngokusengqiqweni umnikelo wabo namathemba emali-mboleko, ekubeni abadala beya kusebenzisa la manani ekwenzeleni ibandla izigqibo ezinzima.
13 Xa umsebenzi wokwakhiwa kweHolo yoBukumkani ugqityiwe, maxa wambi kubakho imali eseleyo. Ukuba imali-mboleko ibifunyenwe kuMbutho, nayiphi na imali eseleyo ifanele ithunyelwe kuMbutho ngoko nangoko. Unokwandula ke uMbutho wabelane nabanye abanentswelo ngale mali. Imali eyongezelelekileyo ayifanele igcinwe ekuhlaleni yaye lingafanele nebandla (amabandla) elibandakanyekileyo liboleke amanye amabandla.
14 Ukuqikelela Iindleko Neengxelo Zogcino-mali: Ngaphambi kokuqalisa umsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani, kufanele kuqikelelwe ngenyameko iindleko zokwakha ngaphambi kokufakwa kwesicelo semali-mboleko. Oku kuthintela ukuthwalisa abavakalisi uxanduva olunzima ngokungeyomfuneko lokuhlawula imali-mboleko. Kwakhona, kubangela ukuba kwiNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani kubekho imali enokufunyanwa ngamanye amabandla ayifuna ngokungxamisekileyo iHolo yoBukumkani ephuculiweyo. (Fil. 4:5) Ekubeni abo bakhonza kwikomiti yenqila benamava kakhulu kule nkalo, uqikelelo olunjalo lufanele lube loluchanileyo. Ngoxa iindleko ezingenakubonwa kusengaphambili zisenokubangela iindleko ezingaphezu kwezo bezilindelwe, uqikelelo oluchanileyo ngokusengqiqweni lunokunikelwa ngokuceba kakuhle nokuhlolisisa ezona zinto ziya kubiza imali eninzi, ngaloo ndlela kuphetshwa ukuba kubekelwe bucala imali eninzi gqitha xa kusenziwa uqikelelo lweendleko.
15 Umsebenzi wokwakhiwa kweHolo yoBukumkani ubandakanya ukusetyenziswa kwemali eninzi libandla. Abadala bamele baqinisekise ukuba imali isetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Kufuneka kugcinwe iingxelo ezichanileyo zokuma kwemali, yaye ibandla (amabandla) elibandakanyekileyo lifanele linikwe iingxelo ezicacileyo nyanga zonke. Umveleli owongamelayo ufanele aqinisekise ukuba imali yokwakha nenye imali enxibelelene nayo ihlolwa rhoqo ngekota ngenyanga ekwanye naleyo kuhlolwa ngayo ukuma kwemali yebandla. Imele ibe libandla eligunyazisa umsebenzi wokwakha emva kokuba lichazelwe zonke iinkcukacha neendleko eziqikelelwayo. (kmXO 8/84 iphe. 2) Emva koko, yonke imali ehlawulwayo ifanele igunyaziswe ngendlela efanelekileyo ngaphambi kokuba imali ihlawulwe. Ekugqityweni kwesakhiwo, kufanele kubekho ingxelo ecacileyo ngayo yonke imali esetyenzisiweyo. Apho ukuma kwemali kunganyanyekelwa ziiKomiti Zokwakha Zenqila kufanele kunikelwe ikopi yolu shwankathelo kwiKomiti Yokwakha Yenqila ekubeni oku kuya kubanceda aba bazalwana bagcine amanani abo oqikelelo echanile njengoko benceda amabandla aceba ukuqalisa umsebenzi wokwakha.
16 Oko Sekufeziwe: Sithetha nje kukho iiKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-24 eziphantsi kwesebe loMzantsi Afrika. Zinikela ingxelo yokuba nyaka ngamnye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezintsha ezingama-24 yaye kukwalungiswa nezinye izakhiwo ezidala. IiKomiti Zokwakha Zenqila bezikwanceda uMbutho ngokwakhiwa kwamakhaya abavangeli basemazweni, indawo yokugcina impahla (depot) eThekwini, novimba kwiHolo yeNdibano iEikenhof. Obo bubungqina bomanyano nomoya wokuzinikela oboniswa ngabo bathanda uYehova nabazalwana babo.—Yoh. 13:34, 35.
17 Ukuphawulwa Ngabanye: Umpostile uPawulos wathi: “Senziwe umboniso ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini.” (1 Kor. 4:9, NW) Namhlanje amaKristu angumboniso, yaye oku kuyinyaniso ngokukhethekileyo ngeli xesha lokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Umsebenzi owenziwayo nomoya wovuyo wabasebenzi ungophawulekayo. Ngenxa yoko, amaphephandaba ashicilela imixholo emikhulu enjengale “AmaNgqina KaYehova: Umsebenzi Wawo Wamiswa,” “Ngomoya Wokwenene Wokunceda,” nothi “Ngomhla Wesithathu, Aphumla.”
18 Umanyano lwabasebenzi bokuzithandela belusoloko lubamangalisa ababukeli. Kubamelwane abathile kumzantsi weRhawuti kwakubonakala ngathi “yayingabafazi nabantwana” ababesakha iHolo yoBukumkani entsha kummandla wabo. Babekuthandabuza ukuba amaNgqina ayeya kuwugqiba umsebenzi wokwakha. Kodwa ngokukhawuleza bayiguqula indlela ababecinga ngayo xa babona iHolo yoBukumkani entle isakhiwa ngexeshana nje elifutshane kakhulu.
19 Iphephandaba laseNatala lathi ngomsebenzi owawusenziwa libandla lasekuhlaleni: ‘IHolo yoBukumkani entle eyakhiwe ngezitena zokuhombisa, simahla! Ewe, nokuba akukukholelwa oko, umsebenzi onzima nokuzinikela ngokuzincama kwebandla laseToti lamaNgqina kaYehova kwabonakala kwiimpela-veki ezili-10 xa lazakhela iholo entsha yokuhlangabezana nokwanda ngokukhawuleza kwamanani alo.’
20 Ibandla eliseUlundi lavakalisa uxabiso lwalo kwiKomiti Yokwakha Yenqila laza lathi: “Siswele amazwi okuyibhala indlela esivakalelwa ngayo ngoko nisenzele kona. . . . Sikubone kakuhle ukuba amaqela nabaxhasi bawo bebengayakheli le Holo kuphela nje iBandla laseUlundi. Kodwa ngokuyintloko bebeyakhela uYehova. Umgangatho womsebenzi nobugcisa bale holo intle kunene kuphela kunokuthiwa ubangelwe yiloo ntshukumisa.”
21 Intatheli yeendaba yathi: “Ngokutsho kwesaci sakudala, iRoma ayizange yakhiwe ngosuku olunye, kodwa ibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova liphantse layiphelisa loo ngcamango xa belisakha iHolo yalo yoBukumkani entsha.” Enye intatheli yabhala ngomsebenzi wokwakhiwa kweHolo yoBukumkani yasekuhlaleni yaza yathi: “Le nto isenokuvakala ngokungathi ngundiva, kodwa yenzekile kanye apha. . . . Oko abaninzi bakugqala njengommangaliso, amaNgqina kaYehova akugqala njengento yemihla ngemihla. . . . Ngoxa esenokungakuthandi ukuqhayisa ngempumelelo yawo, umoya nentsebenziswano yawo ungumzekelo wokulandelwa ngabaninzi.”
22 ETexas, eUnited States, uthile ongeloNgqina wabhalela iphephandaba emva kokubukela xa kwakusakhiwa esinye sezakhiwo ezakhiwa ngokukhawuleza: “Bendibukele ndibambe ongezantsi njengoko esi sakhiwo besinyuka phambi kwamehlo am. Bekukho abantu kuyo yonke indawo kuso, ngaphakathi nangaphandle. . . . Bekungekho mntu ukhwaza, uthuka, okanye obonakala eyalela abanye. Xa umi mgama bekubonakala ngathi bonke balathiswa sisandla esingabonakaliyo. Mhlawumbi bekunjalo. Ndisamangalisiwe yindlela okwenzeke ngayo oku.” Waqukumbela ileta yakhe ngokuthi: “Xa besiza kwikhaya lakho, asiyonjongo yabo ukukukhathaza. Bafuna nje ukwabelana nabantu bonke ngothando novuyo lwabo. Mhlawumbi ubuncinane simele sibaphulaphule. Ndiyazi ukuba ndiya kwenjenjalo. Ngenxa yokuba endikubone kule mpela-veki iphelileyo bekufana nokukhanya okuqaqambileyo kwihlabathi elinobumnyama, yaye namhlanje, mawethu, siyakufuna ukukhanya nothando olunjalo.”
23 Uncedo Lothando Olunikelwa Ngabasebenzi Bokuzithandela: Ngokuqinisekileyo amawaka-waka abasebenzi bokuzithandela, kuquka abasebenzi abanobuchule abancedisa kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani, amele anconywe. Ukukwenza kwawo oku engabuyiselwa ziindleko ngemigudu yawo kububungqina bokuba umoya kaYehova usebenza ngawo. (IZe. 20:35; 1 Yoh. 4:12, 13, 21) Kuninzi gqitha okufezwa ngaba basebenzi banovuyo esakhiweni.
24 Abasebenzi abaninzi abangamagcisa banikela ngexesha nobuchule babo ukuze bancedise ekuthengweni kweziza, ukuzotywa kweeplani zesakhiwo, ukwakha nomsebenzi wobunjineli, ukuhombisa, ukulungisa umhlaba, ukulungisa isiza, ukuthenga izinto, ukulungiselela ukutya, ukulawula izithuthi, ukukhuseleka, njalo njalo. Abazalwana banikela ngezixhobo zabo ukuba zisetyenziswe kwezi zakhiwo. Hayi indlela oku ekumele ukuba kumvuyisa ngayo uBawo wethu, uYehova, xa ebabona besebenzisa izinto abanazo nobuchule babo ngendlela enjalo yothando!—Thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:6-9 neyesi-2 kwabaseTesalonika 3:8b.
25 Kufuneka Abasebenzi Abangakumbi Bokuzithandela: IiKomiti Zokwakha Zenqila zinikela ingxelo yokuba kufuneka abasebenzi bokuzithandela abangakumbi. Le yinkonzo eyimfuneko ukuze kuxhaswe izilangazelelo zoBukumkani. (1 Kor. 15:58) Kufuneka abasebenzi abanobuchule, nabanye abazalwana abaqolileyo abaneemfaneleko zokomoya nangona bengenabuchule bokwakha. Ukuba uyafaneleka nangaluphi na uhlobo, ngaba unokuhlengahlengisa izinto ukuze ukwazi ukuzinikela ngokuzithandela? (Isa. 6:8) Ngokomzekelo, bambi abadala nezicaka zolungiselelo basenokukwazi ukuncedisa kumsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani ngempela-veki enye enyangeni okanye ezimbini. Basenokufumana uqeqesho ukuze bakwazi ukunyamekela iimbopheleleko ezongezelelekileyo, ngokufuthi kumasebe angenakuthanani nokwakha. Oku kungaba luncedo kubazalwana abasebenza nzima bevelela le misebenzi yokwakha.
26 IiKomiti Zokwakha Zenqila neekomiti zokwakha zasekuhlaleni zenza ucwangciso lokuba abasebenzi bokuzithandela beze esakhiweni ngexesha olufuneka ngalo uncedo lwabo. Aba basebenzi bafanele ngamaxesha onke banyaniseke kwilizwi labo baze ngokuthembeka babekho ngelo xesha licwangcisiweyo, besenza ukuba ‘uewe wabo abe nguewe.’ (Mat. 5:37) Ukuba nantoni na ebingalindelekanga ibangela bangakwazi ukwenjenjalo, ngaphandle kokulibazisa bafanele bazise umveleli onembopheleleko apho. Abasebenzi babuyela kumabandla nakwiintsapho zabo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka yaye abaphoswa ngokungeyomfuneko ziintlanganiso nayinkonzo yasentsimini. Abo bamele babekho esizeni seHolo yoBukumkani ngabo (1) basebenzi bavunyiweyo nababelwe ngokukhethekileyo ngabaveleli bamasebe ukuba babekho kunye (2) nabo baphuma kumabandla akummandla ekwakhiwa kuwo iHolo yoBukumkani nabancedisa kumsebenzi oqhelekileyo ongafuni bugcisa. Abanye bayakhuthazwa ukuba baxhase umsebenzi wenkonzo yasentsimini neentlanganiso kumabandla abakuwo.
27 Inkqubo Yokuzinikela: Ubani uzinikela njani? NgoDisemba 1991 iqumrhu ngalinye labadala lathunyelelwa isixa seefomu ezithi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire. Ezi zifanele zinikwe abasebenzi abafanelekayo xa bezicela. Xa kufuneka iifomu ezingakumbi, abadala banokuzifumana kumveleli wesiphaluka. Abadala banikwe uludwe lwemiyalelo eneenkcukacha ngokuphathelele abasebenzi abafunekayo neemfaneleko abamele bahlangabezane nazo.
28 Ukuba unqwenela ukuzinikela ngokuzithandela ukuba uncedise ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani kummandla wenu yaye usisicaka solungiselelo okanye ungumdala okanye ungumKristu ongumzekelo nongumsebenzi onobuchule, usenokucela enye yezi fomu kubadala bebandla okulo. Buyisela ifomu ezalisiweyo kubadala. Baya kubhala awabo amagqabaza baze bayithumele kumveleli wesiphaluka, oya kuthi naye, ayizalise le fomu aze ayithumele kwiKomiti Yokwakha Yenqila. Ukuba iimeko zakho zobuqu ziyakuvumela yaye uyakufanelekela ukuzinikela, uya kuzuza iintsikelelo ezinkulu njengoko ubona uvuyo lwabazalwana noodade xa umsebenzi wokwakha iHolo yabo yoBukumkani ugqityiwe, ukuze kudunyiswe uYehova.
29 Wonk’ Ubani Unokuceda: Nabo bangenakukwazi ukuzinikela ngokuzithandela bafeza inkonzo ebalulekileyo. Banegalelo ekunyamekeleni iintswelo zebandla ngoxa abanye bencedisa kumsebenzi wokwakha iHolo yoBukumkani. Kuba yimfuneko ukuba ngamathuba athile abanye abasebenzi bokuzithandela bangabikho kwiintlanganiso zebandla abakulo njengoko ngothando bencedisa amanye amabandla ekwakheni iiHolo zoBukumkani.
30 Kwakhona, xa kusakhiwa iHolo yoBukumkani kwingingqi yenu, abavakalisi kwibandla lenu abangenabuchule kwezokwakha banethuba lokuncedisa njengabasebenzi abaqhelekileyo abangenabuchule. Aba basebenzi abazizalisi iifomu zezicelo zabasebenzi bokuzithandela. Kuchazwa nje intswelo, yaye amalungiselelo enziwa ngabadala abakwibandla (kumabandla) elibandakanyekileyo kumsebenzi wokwakha nabadala abakumabandla akufuphi isihlandlo nje sibe sinye.
31 Sonke sinethuba lokunikela ngemali kwiNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani ngokuvunyelwa ziimeko zethu. Ukususela ekuqalisweni kwale Ngxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani ngoJanuwari 1990, kuye kwafumaneka imali, ivela nakwamanye amazwe, yokuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezintsha ezingama-33 kwintsimi yesebe loMzantsi Afrika. Ezi holo zinokusetyenziswa ngamabandla angama-44. Amabandla amaninzi ngengazifumananga ezi ndawo zintle kangaka zokuhlanganisana ukuba bekungengenxa yothando lobuzalwana eniye nalubonakalisa ngokuxhasa kwenu ngobubele iNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani.
32 NgeNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani siyakwazi ukuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezintsha ngokubolekisa ngemali. Njengoko imali ihlawulwa kunye nenzala, le mali ibolekwa amanye amabandla asweleyo. Kukho iingenelo ezithile ngokuqhagamshelana noMbutho ngokuphathelele isicelo semali-mboleko ngaphambi kokufuna imali kwiinkampani zorhwebo.
33 Amazwi Ombulelo: Xa iHolo yalo yoBukumkani entsha yagqitywayo, elinye ibandla eliseNewcastle lathi kwileta elaliyibhalele uMbutho: “Simbulela kakhulu uYehova yaye sithanda ukunibulela gqitha nani ngokusiboleka imali yokwakha iHolo yethu yoBukumkani nalo lonke uncedo enisinike lona.”
34 Elinye ibandla lavakalisa umbulelo walo ngoncedo lothando olwanikelwa kulo, lisithi: “Sithanda ukunichazela ukuba sinibulela ngokungazenzisiyo ngoncedo lweNgxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani. Ngaphandle kwayo ngekube nzima ngakumbi ukwakha iholo [yethu] yaye besiya kubambezeleka kangangethuba elithile. Ngokuqinisekileyo ubulumko bukaYehova buyacaca kweli lungiselelo.”
35 Ibandla laseKnysna labhala: “Sivuyiswa kukunazisa ukuba ngoku side ekugqibeleni sayigqiba iHolo yethu yoBukumkani. Abantu abaninzi baye bathetha ngokukhuthazayo yaye bayayincoma le holo intsha yaye sesikhe saqhubela iintlanganiso ezimbalwa kuyo. Siyaqonda ukuba ngaphandle komoya kaYehova noncedo lwemali [olunikelwa nguMbutho] oku bekungenakwenzeka, yaye ngokwenene sibamba ngazibini.”
36 EliseLebowa-Kgomo liye lathetha oku ngomoya omhle owabonakaliswa ngabazalwana noodade: “Ekuqaleni kwakukuncinane gqitha okwakuqokelelwe. Wandula ke uMzalwan’ uT— wanikela intetho ebandleni awathi kuyo wabek’ umnwe kwelokuba babengenakuyakha iHolo yoBukumkani ngeesenti ezili-10. Emva koku yathanda ukuphucuka kakhulu iminikelo eyayingeniswa kangangokuba ekugqibeleni [thina] sahlanganisa imali efikelela kwi-R15000,00. Wandula ke uMbutho wasinika imali-mboleko esincedileyo ukwakha le Holo yoBukumkani.— Abamelwane bamangaliswa kukubona bonke abantu besebenza ndawonye kuquka zonke izizwe.— Ngoku ekubeni iHolo yoBukumkani igqityiwe, imi njengendawo entle yokunqula yamaNgqina kaYehova apha eLebowa-Kgomo.”
37 Umsebenzi Ongaphambili: Ewe, sonke sifanele sivuye njengoko sihlangabezana neemfuno zesivuno. Sifanele sibe nomoya wentsebenziswano—sisebenza ngomanyano yaye siwuxhasa ngokupheleleyo lo msebenzi oyimfuneko. (INdu. 133:1) Hayi indlela esivuya ngayo ngokuba namadoda amiselwe yintlangano kaYehova ukuba akhokele kwimibandela yokomoya nasekwakhiweni kweendawo eziyimfuneko! UPawulos wababongoza abaseFilipi, esithi: “Luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye.” (Fil. 2:2) Ngokuqinisekileyo, sinesizathu esipheleleyo sokuvuya, njengoko siphathiswe iindaba ezilungileyo zoBukumkani obumiselweyo ezifanele ‘zishunyayelwe kulo elimiweyo liphela ukuze zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga’ ngaphambi kokuba kufike ukuphela. (Mat. 24:14) Ukubumela kwethu ngokuqinileyo uBukumkani nokuzisebenzela ngokunyaniseka izilangazelelo zabo kuyayivuyisa intliziyo kaYehova. “Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intliziyo yam; ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo.” (IMize. 27:11) Elinjani lona ukubalasela ilungelo esinalo lokusebenza kunye nokwabelana ngovuyo noYesu Kristu kumsebenzi kaYehova!