IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/92 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 2/92 iphe. 7

IZaziso

◼ Umnikelo woncwadi ngoFebruwari: ‘Injongo Kanaphakade’ KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu, nethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo ngomnikelo we-R1,00 inye. NCEDA UPHAWULE: Ebudeni bukaFebruwari ixabiso koovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo kwezi ncwadi zilingene ipokotho lingama-60 eesenti. Kubavakalisi bebandla nakoovulindlela babancedani, ixabiso yi-R1,00 inye. Amabandla asenokucela isaphulelo kwezi ncwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela ukwenzela umnikelo kaJanuwari noFebruwari. NgoMatshi: ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ngomnikelo wee-R8,00. NgoAprili nangoMeyi: Umrhumo weMboniselo ngomnikelo wee-R17,00 kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50.

◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho nabaphi na abanengxaki ekuhlangabezaneni neeyure ezifunekayo, abadala bafanele balungiselele ukuba kunikelwe uncedo. Ukuze nifumane amacebiso, hlolisisani ileta yoMbutho (S-201) kaOktobha 1, 1991, nekaOktobha 1, 1990. Kwakhona, bonani isiqendu 12-20 sesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1986.

◼ ISikhumbuzo siya kuba ngoLwesihlanu, ngoAprili 17, 1992. Nangona intetho isenokuqalisa kusengaphambilana, ncedani nikhumbule ukuba ukudluliswa kwesonka newayini yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Funani inkcazelo kwimithombo yasekuhlaleni ukuze nifumanise ixesha lokutshona kwelanga kummandla wenu. Akukho ntlanganiso ziya kuqhutywa ngolo suku ngaphandle kwentlanganiso yenkonzo yasentsimini.

◼ Intetho ekhethekileyo yesidlangalala ngowe-1992 iya kuba ngaphambi kweSikhumbuzo yaye iya kube ingeCawa, Aprili 5, 1992. Umxholo uya kube usithi “Indima Yonqulo Kwimicimbi Yehlabathi.” Amabandla anotyelelo lomveleli wesiphaluka, anendibano ekhethekileyo yosuku olunye, okanye anendibano yesiphaluka aya kucwangcisela ukuba intetho ekhethekileyo yesidlangalala ibe ngeCawa, Aprili 12, 1992. Loo mabandla aba neeNtlanganiso Zesidlangalala ngezinye iintsuku kungekhona ngeCawa asenokucwangcisela ukuba intetho ekhethekileyo yesidlangalala ibe phakathi komhla wesi-6 nowe-11 kuAprili.

◼ Abo bavakalisi banqwenela ukuba ngoovulindela babancedani ngoMatshi nangoAprili bafanele benze ucwangciso lwabo kwangoku baze bazifake kwangethuba izicelo zabo. Oku kuya kubanceda abadala ukwenza amalungiselelo ayimfuneko enkonzo yasentsimini nokuba noncwadi olwaneleyo.

◼ Ngamathuba athile uMbutho uza kuthumelela amabandla amaphetshana (S-70) awayalela ukuba atyelele umntu onomdla. Abadala bafanele baqinisekise ukuba la maphetshana anikwa abavakalisi abanamava abafanele babuyele kuloo mntu unomdla kwisithuba seveki.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

IsiBhulu: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila (Ibandla nowonke wonke: R8,00; oovulindlela: R5,20); Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? (Ibandla nowonke wonke: ama-80 eesenti; oovulindlela: ama-40 eesenti). IsiGrike: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiHerero: Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiKwangali: Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiKwanyama: Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiNdonga: Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiNgesi: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiPedi: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiPhuthukezi: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiSuthu: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiTsonga: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiTswana: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Incwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiVenda: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiXhosa: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? IsiZulu: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila; Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share