Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaJanuwari 6 kuse kweka-Aprili 20,1992. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. KuMthetho kaMoses, zonke izono naboni babejongwa ngendlela efanayo. [siXO iphe. 29 isiqe. 34]
2. Igama elithi Numeri libhekisela ekubalweni kwabantu kwiNtaba yeSinayi kwaza kamva kwenziwa kuMathafa akwaMowabhi. [siXO iphe. 30 isiqe. 2]
3. Nangona incwadi yeNumeri ingumzekelo wokuba uMoses wayethetha ngokuphandle, kodwa waziflhla ezakhe iintsilelo. [siXO iphe. 31 isiqe. 7]
4. Kumnqophiso woMthetho, isono sasisoloko sifuna idini locamagushelo, ukuvunywa kwaso, ukuguquka kuze kulungiswe imicimbi kangangoko kunokwenzeka. [siXO iphe. 29 isiqe. 32]
5. Enyanisweni ’izwi lesifungo sokuzishwabulela’ lalisisinyeliso. (Lev. 5:1) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO87 9/1 iphe. 13.]
6. Ukubingelela kombingeleli omkhulu ngenkunzi njengedini lesono ’sakhe nesendlu yakhe’ kwakufanekisela idini likaYesu njengoko lisetyenziswa ’kwabendlu yakhe’ abangababingeleli abangaphantsi. (Lev. 16:6) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO87 3/1 iphe. 28.]
7. Kuphosakele ukubiza inzala kumzalwana. (Lev. 25:35-37) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 28.]
8. Imithetho eyayilawula ukuhlanjululwa kwabaneqhenqa nezindlu ezinabantu abaneso sifo yayibonisa ukulunyukelwa kweentsholongwane zesi sifo nokuthintela ukwasulelwa. (Lev., isahl. 14) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g81 9/22 iphe. 25.]
9. Phakathi okanye ngentla kweekherubhi eziphezu kwetyeya yesingqino, kwakubonakala ukukhanya okumangalisayo kweShekina okwakufuzisela ubukho bukaThixo kwiNgcwele kaNgcwele. (Num. 7:89) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona kj iphe. 165.]
10. AmaSirayeli ayefanele enze “imiqukumbelo emasondweni“ eengubo zawo ukuze angafaniselani namaMowabhi, amaYiputa, okanye ezinye iintlanga ngesinxibo nokuze akhumbule ukuba ayemele ahlale ahlukile. (Num. 15:38-40) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/15 iphe. 20.]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Incwadi yeLevitikus ilibalaselisa njani igama likaYehova? [siXO iphe. 26 isiqe. 9]
12. Nguwuphi umsebenzi wobubingeleli oya kufezwa nguMbingeleli Omkhulu, uYesu Kristu, nababingeleli abaphantsi kwakhe ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka? [siXO iphe. 30 isiqe. 39]
13. Ukwalelwa kokutyiwa kwamanqatha kubakhumbuza ntoni abakhonzi bakaYehova banamhlanje? (Lev. 3:17) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 27.]
14. Yintoni esenokuba yayibandakanyekile kwisono sikaNadabhi noAbhihu? (Lev. 10: 1, 2) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 27.]
15. Kutheni ukuzalwa komntwana kwakuse-nza umfazi ’angacoceki’? (Lev. 12:2, 5) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeve-ki; bona wXO84 4/1 iphe. 28.]
16. Kutheni wayesohlwayelwa ukufa nabani na ’owayetshabhisa’ abazali bakhe? (Lev. 20:9) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 28.]
17. Kusingiselwe entwenini ngokuthi ’abafazi abalishumi bosa isonka zikwenilinye’? (Lev. 26:26) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 28.]
18. Kwakutheni ukuze uMiriyam athethe kakubi ngoMoses ngenxa yomfazi wakhe ongumKushikazi? (Num. 12:1) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 6/1 iphe. 29.]
19. Sisiphi isibakala esibalulekileyo uKora angazange asinanze? (Num. 16:1-3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w78 11/15 iphe. 14.]
Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
20. ILevitikus yabhalwa nguMoses ngonyaka we-․․․․․․․. [siXO iphe. 25 isiqe. 4]
21. Umxholo wobu․․․․․․․ kuthethwa ngawo kuyo yonke iLevitikus, eyikhankanya le mfuneko izihlandlo ezininzi kunayo nayiphi na enye incwadi yeBhayibhile. [siXO iphe. 26 isiqe. 9]
22. Intsingiselo yemizekelo emininzi yesiprofeto ekwiLevitikus ichazwe kwincwadi yama․․․․․․․ [siXO iphe. 29 isiqe. 37]
23. Incwadi yeNumeri igubungela ixesha elisusela kowe․․․․․․․ kuse kowe․․․․․․․ B.C.E. [siXO iphe. 30 isiqe. 4]
24. Kwincwadi yeNumeri, ikhondo lamaSira-yeli lokungathobeli nelemvukelo lisetye-nziselwe ukugxininisa imfuneko ebalulekileyo․․․․․․․. [siXO iphe. 31 isiqe. 9]
25. Imimiselo eyandlalwe kwiLevitikus ngokuphathelele․․․․․․․ ityhila ukuba nolwazi ngezibakala abangazange babe nalo abantu bezamayeza behlabathi de yangamawaka eminyaka kamva. [siXO iphe. 26 isiqe. 7]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Incwadi yeLevitikus igubungela (iminyaka engama-40; unyaka omnye; inyanga enye). [siXO iphe. 25 isiqe. 3]
27. UMoses wagqiba ukubhala incwadi yeNumeri (ngowe-1513; ngowe-1512; ngowa 1473) B.C.E. [siXO iphe. 30 isiqe. 4]
28. Kubonakala ukuba ’ukuthoba umphefumlo’ kwakusingisele (ekuzileni ukudla; ekuzibetheni; ekuzinxwemeni kulo naluphi na uhlobo lokuzonwabisa). (Lev. 16:29 [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 28.]
29. Enyanisweni ’ukuntshwenya’ kwethanga lomfazi kwakuthetha ukuba (wayeya ku yeka ukukhonza uYehova; wayeya kufa umlenze; amalungu akhe okuzala ayeya kurhwaqela, nto leyo eyenza ukukhawula kungabi nakwenzeka). (Num. 5:21) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki bona wX084 6/1 iphe. 29.]
30. ’Incwadi yeeMfazwe zikaYehova’ (yayi ngumbandela obhalwe ngabawexuki; yal yiyingxelo yembali enokuthenjwa; yayiyingxelo ethelekelelwayo yamabali eBhayibhile). (Num. 21:14, 15) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wX084 6/1 iphe. 30.]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neekcazelo ezidweliswe ngezantsi:
Lev. 2:11, 12; Lev. 17:10-14; Lev. 19:3 Num. 15:30, 31; Heb. 13:11
31. Ngenxa yokuba igazi lingcwele, alimele lifakwe emzimbeni nangayiphi na indleli [siXO iphe. 29 isiqe. 33]
32. NgoMhla Wocamagushelo imizimba yezilwanyana zedini lesono yayikhutshelwa ngaphandle komnquba ize itshiswe. [siXO iphe. 29 isiqe. 38]
33. Xa “ubusi“ ekusingiselwe kubo babuyincindi yeziqhamo, ngoko babunokusetyeswa njengegwele yaye, ngenxa yoko, bungamkeleki njengomnikelo. [Ufun lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 4/1 iphe. 27.]
34. Ukuhlonelwa kwabantu abaluphele kwakungumthetho wohlanga kwaSiraye [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngee ki; bona wXO87 6/1 iphe. 5.]
35. Abantu ababesaphula umthetho kaThixo ngabom nangokungaguqukiyo babebulawa. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO91 4/15 iphe. 15.]