IiNdibano ZeSithili “Zabathwali Bokukhanya” Zowe-1992
1 Sivuyiswa kukunikela uludwe lwemihla neelwimi eziya kuqhutywa ngazo iiNdibano ZeSithili “Zabathwali Bokukhanya” Zowe-1992. Ezi ndibano ziya kusivuselela ngokwenene yaye ziya kuba yimbalasane yemisebenzi yethu yobuthixo kowe-1992. Kulo nyaka ibandla ngalinye liya kwaziswa ngeleta indibano elimele liye kuyo. Sithanda ukunikhuthaza nonke ukuba ninamathele kweli lungiselelo. Ukuba indibano ayiqhutywa ngolwimi lwenu, ngoko ziveni nikhululekile ukuba niye kwenye. Kusungulwa eli lungiselelo ukuze kuqinisekiswe ukuba kubakho inani elaneleyo labavakalisi kwindawo nganye njengoko ngoku ezinye iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano zixinana, yaye singathanda ukuba wonk’ ubani azive ekhululekile kangangoko kunokwenzeka.
2 Sinengxaki yokungabi nazithethi zaneleyo kwezinye iindibano. Singakuvuyela ukuba abadala abafanelekayo banokuya kuncedisa kwenye yezi ndibano zilandelayo: (a) Kufuneka izithethi ezithetha isiNgesi eGaborone, kwaManzini naseMonti. (b) Kufuneka izithethi ezithetha isiNgesi nesiBhulu eBhayi, kaNyamazane (eNelspruit) naseWindhoek. (c) ENkowankowa kufuneka izithethi ezithetha isiVenda nesiTsonga. Nceda ubhalele uMbutho usazise ngeenjongo zakho. Ileta yakho ifanele idluliselwe kwikomiti yenkonzo yebandla okulo. Iya kubhala amagqabaza ayo, iyityobele ize ke iyithumele kumveleli wesiphaluka. Umveleli wesiphaluka uya kongezelela olwakhe uncomelo aze ke ayithumele kuMbutho. Ileta yakho ifanele ifike kuMbutho KUNGEKHONA NGEMVA kuka-Agasti 1, 1992.
3 Kulungiselelwe ezi ndibano zilandelayo:
Novemba 27-29:
ESt. Helena (isiNgesi)
Disemba 11-13:
Empangeni (isiZulu) (AKUKAQINISEKWA)
EGaborone, eBotswana (*isiNgesi, *isiTswana)
EWindhoek (ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiBhulu nesiNgesi)
Disemba 18-20:
EBloemfontein (ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiBhulu nesiNgesi, *isiSuthu)
EKapa (*isiBhulu, *isiNgesi, *isiXhosa)
EMonti (*isiNgesi, *isiXhosa) (AKUKAQINISEKWA)
EOngwediva (ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiKwanyama nesiNdonga, inxalenye yesiPhuthukezi)
Disemba 25-27:
ELebowa-kgomo (isiPedi)
EMafikeng (isiTswana)
KwaManzini (*isiNgesi, *isiZulu)
EMaputo (*isiPhuthukezi, *isiTsonga)
EMgungundlovu (isiZulu) (AKUKAQINISEKWA)
ENewcastle (isiZulu)
ERhawutini (*isiBhulu, inxalenye yesiGrike, *isiNgesi, *isiPhuthukezi, *isiSuthu, *isiZulu. Siya kuba nalo nocwangciso lweentetho zezandla.)
Januwari 1-3, 1993:
EBhayi (*isiBhulu, *isiNgesi, *isiXhosa)
KaNyamazane (ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiBhulu nesiNgesi, *isiZulu)
EMaseru (inxalenye yesiNgesi, *isiSuthu)
EMthatha (isiXhosa)
ENkowankowa (*isiTsonga, inxalenye yesiVenda)
EPitoli (*isiBhulu, *isiNgesi, ucwangciso lweelwimi ezimbini ngesiPedi nangesiSuthu, *isiZulu)
EThekwini (*isiNgesi, *isiZulu) (AKUKAQINISEKWA)
Januwari 8-10:
EInhambane (inxalenye yesiPhuthukezi, *isiTsonga)
EXai-xai (isiTsonga)
* Oku kubonisa ukuba ucwangciso lulonke luya kunikelwa ngezo lwimi.