IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/92 iphe. 5-6
  • Hlisani Iminatha Yenu Ukuze Kubanjiswe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlisani Iminatha Yenu Ukuze Kubanjiswe
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 4/92 iphe. 5-6

Hlisani Iminatha Yenu Ukuze Kubanjiswe

1 Sonke sakhuthazwa lungcelele lweentetho olwalusithi “Ukukhonza Njengababambisi Babantu” kwiiNdibano “Zabathandi Benkululeko” ebesinazo kutshanje. Olu ngcelele lweentetho ezintathu ngentsasa yangeCawa lwasincedela ukuba siwuhlolisise ngokutsha umsebenzi wethu wokushumayela iindaba ezilungileyo nowokwenza abafundi sixelisa iNkosi yethu, uYesu.—Mat. 24:14; 28:19, 20.

2 Emva kokubambisa iintlanzi ngokungummangaliso, uYesu wathi kuPetros: “Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu [bephila, NW].” (Luka 5:10) Ngaloo ndlela uYesu wafanisa abantu neentlanzi, waza wamema ababambisi beentlanzi abathobekileyo ukuba bashiye umsebenzi wabo wokuziphilisa baze baqalise uhlobo lokubambisa oluzuke ngakumbi—ukubambisa abantu bephila.

3 Kuthetha ntoni konke oku kuthi njengabantu ngabanye? Xa uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane bamenywayo ukuba babe ngababambisi babantu, isibhalo sithi: “Bashiya into yonke, bamlandela.” (Luka 5:11) Onjani wona ukuba mhle umzekelo! Ngaba sinokuhlakulela umoya ofanayo wokuzincama, sihlale sikulungele ngendlela efanayo ukukhonza uYehova nokuba sekumnyam’ entla?

4 Noko ke, kuthekani ukuba intsimi okuyo okwangoku ibonakala ingenamveliso? Musa ukutyhafa. Khumbula, uYesu wazalisa iminatha yabafundi emva kokuba babeloba ubusuku bonke bengafumani nto. Kungenzeka okufanayo nangokomoya. Abazalwana noodade abaninzi baye bakulungela ukufudukela kweminye imimandla namazwe ukuze bandise ubulungiseleli babo. Banokufaniswa nababambisi beentlanzi abafumanisa ukuba kubanjiswe kakhulu kumanzi abo asekuhlaleni, baze ke bafudukele kwezinye iindawo.—Luka 5:4-10.

5 Kwinkoliso yamabandla asezidolophini kukho abadala abaninzi, izicaka zolungiselelo nabanye abazalwana abafanelekayo abaninzi. Ngaba ukhe wacinga ngokufudukela apho bafuneka ngakumbi khona ababambisi babantu? Ngaba unokufak’ isandla ngakumbi ekukhuliseni amabandla amancinane uze uncedise ekugubungeleni intsimi enkulu nengasetyenzwayo? Ngoko nceda uqwalasele ngomthandazo uludwe olulandelayo lwamabandla nemimandla efuna ngokungxamisekileyo uncedo lwakho njengombambisi weentlanzi wokomoya.

ECookhouse, EJersey Vale, EKhobonqaba, ESterkstroom: La ngamaqela abavakalisi abakwanti afuna oovulindlela bokuza kuncedisa ekugubungeleni intsimi nabazalwana abaqolileyo ngokomoya bokukhokela emsebenzini.

Ibandla LaseFobane (eMatatiyele), Ibandla LaseGxara (kuCentani), Ibandla LaseIsikelo (eBizana), Ibandla LaseMfinizweni (eLusikisiki): La mabandla abunjwe ubukhulu becala ngoodade nezibini ezingoovulindlela ezinokuluvuyela uncedo lokugubungela intsimi nolokukhokela.

Abavakalisi Abakwanti KuGoqwane (eLusikisiki): Kukho abavakalisi abane kuphela abakhutheleyo kweli qela lincinane. Bafuna uncedo lomdala okanye isicaka solungiselelo.

Ibandla LaseHlankomo (kufuphi naseMaclear): Linabavakalisi abangama-36 nomdala omnye kuphela. Akukho zicaka zolungiselelo kweli bandla. Ngoko kufuneka abadala abangakumbi nezicaka zolungiselelo zokufak’ isandla. Kwakhona eli bandla lixakekile lakha iHolo yoBukumkani yaye ke lifuna ukuncediswa koku.

Ibandla LaseLubanzi (eLibode): Akukho badala okanye zicaka zolungiselelo. Ngoko ke kufuneka umntu wokukhokela nokulinceda eli bandla likhule ngokomoya. Umdala okanye isicaka solungiselelo singalunga apha. Nesibini esingoovulindlela singavuyelwa kakhulu.

Ibandla LaseMount Ayliff: Kufuneka abadala. Umdala omnye olapho waluphele kwaye abadala nezicaka zolungiselelo abanokuzenza bafumaneke baze bafudukele apho banokwenza umsebenzi omhle kwelo bandla.

Ibandla LaseNcora: Lifuna ukuncedwa. Eli libandla elincinane elinabavakalisi abalishumi. Kufuneka abadala okanye izicaka zolungiselelo ezineentsapho ezomeleleyo ngokomoya ukuze bakhokele.

ENgqushwa: Kwesi sithili kukho amawaka abantu ekuyiminyaka emininzi kunganikelwa bungqina kubo. Simema amaqela oovulindlela nezibini ezingoovulindlela ukuba zifudukele kulo mmandla. Iingxelo zakutshanje zibonisa ukuba ngoku kukho intsabelo entle gqitha entsimini.

Abavakalisi Abakwanti ENkanga (eLibode): Kukho abavakalisi abahlanu kuphela. Ekubeni aba bavakalisi sele baluphele, bafuna uncedo lwabadala okanye lwezicaka zolungiselelo neentsapho zazo. Ababini kwaba dade balupheleyo bangoovulindlela yaye bangakuvuyela ukuncediswa ngabanye oovulindlela ekugubungeleni le ntsimi inkulu.

Ibandla LaseRocky Park (kwiSithili saseZwelitsha): Kangangeminyaka emininzi bekukho imfuneko yabadala okanye izicaka zolungiselelo. Ngoku kukho abavakalisi abahlanu nesilinganiso soziwo lweentlanganiso esingaphaya kwama-20. Eyona nto ixhalabisa ngokuyintloko kweli bandla lukhokelo. Isicaka solungiselelo esinye siye safudukela kweli bandla kodwa kufuneka abantu abangakumbi. Noovulindlela basengafudukela kulo mmandla njengoko kukho umsebenzi omninzi abanokuwenza kuwo.

Ibandla LaseWhittlesea: Lifuna uncedo lwabadala nezicaka zolungiselelo, ekubeni kukho abavakalisi abangama-40, isicaka solungiselelo esinye, yaye kungekho badala.

Ibandla LaseZwelitsha: Linabavakalisi abangama-62, abadala ababini nesicaka solungiselelo esinye. Eli bandla lifuna abadala nezicaka zolungiselelo abangakumbi abaneentsapho ezomeleleyo ukuze lincedwe. Inani labavakalisi liyanda kweli bandla yaye, ngoko ke, kukho umsebenzi omninzi wokwenziwa. Ngaba unomdla wokusebenza? Ngaba unokusabela kubizo lokuza kunceda kweli bandla?

6 Abo bakulungeleyo ukuzincama ukuze bakhonze apho imfuneko inkulu khona banokuba nentembelo yokuba uYehova uya kubasikelela. “Waqala uPetros ukuthi kuye [uYesu] , Uyabona, thina sishiye iinto zonke, sakulandela. Waphendula uYesu wathi, Inene ndithi kuni, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade . . . ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, . . . nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade.”—Marko 10:28-30.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share