IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoJuni: Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R4,00. NgoJulayi: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, IGama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, okanye ethi Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi ngomnikelo wama-80 eesenti inye. NgoAgasti: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00.
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Yenza isaziso ebandleni xa oku kwenziwe.
◼ Kubaveleli abongamelayo: Siyanicela ukuba nithumele nawaphi na amava akhethekileyo ibandla lenu eliye lanawo ebudeni bonyaka, kuquka namava aphathelele inkonzo yobuvulindlela babancedani nosuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi, ngoAprili 11, 1992. Sifuna ukukhetha awona asemagqabini kwintsimi yethu ukuze siwafake kwingxelo yonyaka. Ncedani niwathumele kungekhona ngemva kukaJulayi 1, 1992.
◼ Ukutshintsha kwekhelingi yokuposa yoMbutho: Kwixesha elizayo ikhelingi echanileyo yokuposa yoMbutho iya kuba yile: Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740. Niya kuphawula ukuba u-“X” wongezelelwe ngaphambi kokubhala inombolo yePrivate Bag. Ncedani nilukhumbule olu tshintsho nanini na nithumela iposi kuMbutho.
◼ Ncedani niphawule oku: Kumsebenzi wasesitratweni maxa wambi abavakalisi badibana nabantu abathetha olunye ulwimi abasenokuthabatha amaphephancwadi okanye babonakalise umdla ngenyaniso. Ukuba kunokwenzeka, siyakukhuthaza ukuba ubuyele ngokwakho kuloo mntu unomdla ukuze uqinisekise ukuba unomdla wokwenene na okanye akunjalo. Emva koko unokuyidlulisela inkcazelo kwelona bandla likufuphi. Ukuba kuyimfuneko ukuthumela inkcazelo kuMbutho, ncedani nisithumelele iinkcukacha ezipheleleyo zegama, zekhelingi, zoncwadi aluthabathileyo nenkqubela ayenzileyo loo mntu. Oku kufanele kudluliselwe kumveleli wenkonzo oya kuthi naye azihlole iinkcukacha ngaphambi kokuzithumela kuMbutho.
◼ IQumrhu Elilawulayo lisinike imvume yokumisela oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana abangama-50 eMzantsi Afrika, abathandathu eBotswana, abathandathu eLesotho, abathandathu eSwazini nabali-10 kumzantsi weMozambiki. Ebudeni bephulo lomhlaba ongabelwanga bani leenyanga ezintathu (Agasti-Oktobha) aba vulindlela baya kuthunyelwa kwimimandla engafane ifikelelwe ngeendaba ezilungileyo.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiNgesi: Sing Praises to Jehovah—Large Print (Amazwi kuphela. Le yincwadi elingana nephephancwadi ngobukhulu nenamaphepha angama-320 nenamazwi kuphela: akukho zinowuthi, ibhalwe njengeWatchtower enamagama amakhulu. Ibandla, nowonke wonke: R11,00; oovulindlela: R8,50). NgesiPhuthukezi: Insight on the Scriptures, uMqulu 2 (ibandla nowonke wonke: R15,00; oovulindlela: R12,00); imiqulu yeWatchtower yowe-1970 nowe-1971 (ibandla, uwonke wonke noovulindlela: R17,00).
◼ Iikhasethi Zevideo Ziyafumaneka Kwakhona KuMzantsi Afrika:
NgesiNgesi: Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name.
◼ UMbutho uza kuphinda ushicilele imiqulu yeWatchtower yowe-1980 ukusa kowe-1985 ngesiNgesi. Ngoku amabandla asenokuodola umqulu wowe-1980. Ncedani ningayiodoli eyowe-1981 ukusa kowe-1985 de yaziswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani ukuba iyafumaneka.