Ubuvulindlela—Imbonakaliso Yothando
1 Kukuthanda uYehova nabantu esiphila nabo okusishukumisela ukuba sibe nenxaxheba ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela. Njengoko lukhula uthando lwethu ngoYehova nabantu, sishukunyiselwa ukuba sicwangcisele ukuba nesabelo esikhulu ngakumbi kubulungiseleli. Uthando lwethu luyakhula njengoko sikhula ‘ngolwazi oluchanileyo’ lweLizwi likaThixo. (Fil. 1:9, 10, NW) Okukhona sifunda ngakumbi ngokuthanda kukaYehova, kokukhona sikuqonda ngakumbi ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo. Oku kusenza sibaxhalabele ngakumbi abanye. Abaninzi babonakalisa inkxalabo yabo yothando ngokungenela inkonzo yobuvulindlela.
2 Ngaba unokwenza uhlengahlengiso oluyimfuneko ukuze ube nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi? Kuyavunywa ukuba ayisithi sonke abanokuba ngoovulindlela. Kodwa ngamnye wethu ufanele ahlolisise iimeko zakhe ngomthandazo.
3 Ambalwa amaKristu afumanisa ukuba analo ixesha elikhululekileyo lokuba ngoovulindlela; ngoko ke, kuba yimfuneko ‘ukuzongela ixesha’ kwizinto ezingeyomfuneko ezifuna ixesha lethu ngoku. (Efe. 5:15-17) Uthando lwethu ngoThixo nabantu lufanele lusenze sikulungele ukuncama ezinye zezinto esizinqwenelayo nobutofotofo bobuqu ukuze silubonakalise ngokuzele ngakumbi uthando lwethu. (Marko 12:33) Izinto ezininzi esizifunayo, mhlawumbi esinoluvo lokuba zizinto eziqhelekileyo, zisenokugqalwa njengobunewunewu kwezinye iindawo ehlabathini.
4 Abazali banokwenza ntoni ukunceda abantwana babo bacinge ngale ndlela yokuhlonel’ uThixo? Abazali bafanele babalaselise usukelo lwezinto zolawulo lobuthixo kubantwana babo besebancinane. Ngaba abo benza ibanga leshumi bacinga ngosukelo lwehlabathi okanye lokomoya? Ngaba abanakulwenza usukelo lwabo ukuqalisa inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi ngokukhawuleza bakugqiba esikolweni? Sifanele siluncede ulutsha lwethu lubone iingenelo ezihlala zihleli ezifumaneka ngokungenela inkonzo yobuvulindlela beselula. Oku kukuziqwebela ubutyebi ezulwini. (Mat. 6:19-21) Oku kuyamkholisa uThixo yaye kububungqina bokuba sinyanisekile yaye sizinikele kuye. Yaye kuthetha ukusindiswa kobomi babanye.
5 UThixo ‘unga bangasindiswa bonke abantu.’ (1 Tim. 2:4) Ngaba nathi sinokubonakalisa ukuba sinqwenela oko? Sinako ukuba sikulungele ukubeka izilangazelelo zoBukumkani tanci. Kwakhona oku sinokukwenza ngokuba nentembelo yokuba uYehova uya kusinika izinto eziyimfuneko zobomi. (Mat. 6:31-33) Iimeko zoqoqosho zisenokuba mbi ngakumbi, kodwa idinga likaYehova lokuba uya kusinyamekela alize liguquke.—INdu. 37:25.
6 Ukuzibhokoxa kubulungiseleli basentsimini kangangoko iimeko zethu zisivumela yimbonakaliso yothando. Kwabanye oku kuya kuthetha ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. Kutheni ungenzi unako nako ukuba uqalise ngoSeptemba 1, 1992?