Ukuhlala Unengqondo Ephilileyo Nangobulungisa
1 Siphila kwihlabathi elinempembelelo enamandla yokungahloneli Thixo. Imilinganiselo yale nkqubo iyaqhubeka iwohloka. (2 Tim. 3:3) NjengamaKristu, sifanele sikumele oko kulungileyo size sisiqonde isizathu sokuba sifanele siqhubeke sisenjenjalo. Kodwa luluphi ulwalathiso nokhokelo olufumanekayo? Yiyiphi imilinganiselo esimele siyilandele? Umxholo othi “Ukuhlala Sinengqondo Ephilileyo Nangobulungisa” ongokhuthazayo ukhethelwe ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye kunyaka wenkonzo we-1993.—Tito 2:12, NW.
2 Ngeentetho, imiboniso namava, siya kufunda indlela esinokuzomeleza ngayo ukuze simelane nokungahloneli Thixo nokuzithiya iinkanuko zehlabathi. Kwakhona siya kubona indlela ekunokwenzeka ngayo ukuhlala sinengqondo ephilileyo nangobulungisa pha-kathi kwale nkqubo ingendawo. Kuya |kuchazwa amalungiselelo okusinceda silondoloze amandla ethu okucinga. (1 Pet. 4:7, NW) Kuya kufuneka ukuba abazali nolutsha banikele ingqalelo ngokukhethekileyo kwiintetho nodliwano-ndlebe kucwangciso lwasemva kwemini. Ezi ziya kubethelela imfuneko yokuzuza ubulumko bukaThixo namava nokusebenza kunye ekwakheleni ikamva elonwabisayo lobuthixo.
3 Nangona singqongwe lihlabathi elingahloneli Thixo, iLizwi likaThixo lisifundisa elona khondo lilungileyo esifanele sililandele. Iingenelo zokuthobela isiluleko seBhayibhile ziya kubalaseliswa kwintetho enomxholo othi “Zixabise Iintsikelelo Ozifumanayo Kweli Hlabathi Lingonwabanga.“ Njengoko silungiselela ukubakho, sifuna ukuhlala sikhumbula ukuba ukunikela ingqalelo ekhethekileyo kucwangciso nokusebenzisa isiluleko kuya kusenza siphumelele ngakumbi kwinkonzo yethu esiyinikela kuYehova.—Fil. 3:15, 16.