IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/92 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 8/92 iphe. 7

IZaziso

■ Umnikelo woncwadi ngoAgasti: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R8,00. Ezincinane zii-R4,00. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! okanye weMboniselo okanye omabini la maphephancwadi ngomnikelo wee-R17,00 umnye kwiinkupho ephuma kabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThiio Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R2,60.

■ Bonke abanxulumene nebandla bafanele bayihlaziye ngebandla imirhumo yabo yeMboniselo noVukani!

■ Oku kukukhumbuza bonke oovulindlela (abakhethekileyo, abathe ngxi nabangabancedani) ukuba banokufumana imirhumo, amaphephancwadi noncwadi oluya kusetyenziswa ngabo kuphela ngamaxabiso obuvulindlela. Njengoko kuchazwe kwiSingxobo Semibuzo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1988, bonke abavakalisi abangamalungu entsapho yovulindlela, enoba ngabantwana okanye ngabantu abakhulu, bafanele bafumane imirhumo yabo, amaphephancwadi noncwadi ngamaxabiso aqhelekileyo abavakalisi. Oonobhala bafanele babone ukuba kwenziwa ngo-kuvumelana noku kungasentla sihlandlo ngasinye kuthunyelwa imirhumo kuMbutho.

■ Ukususela ngeveki kaOktobha 12, 1992, kuya kufundwa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

■ IINDIBANO ZESITHILI: Ncedani niphawule oku kulandelayo:

NgoJanuwari 1-3, 1993:

EThekwini (IsiNgesi, isiZulu). Oku kuqinisekisiwe ngoku.

Indibano yaseMgungundlovu iye yarhoxiswa. Abazalwana bakummandla waseMgungundlovu bayalelwa ukuba baye kwindibano yaseThekwini.

■ Ebudeni buka-Agasti ibandla ngalinye liya kufumana imibhalo emibini yeNgxelo Yohlahlelo Lwebandla (S-10). Ikomiti yenkonzo ifanele iqinisekise ukuba ezi fomu zizaliswa ngokuchanileyo zize zithunyelwe kuMbutho ngaphambi koSeptemba 10, 1992.

■ Kubaveleli abongamelayo: Amabandla amaninzi asahlawula imali yeendleko zebhanki ngokusebenzisa iincwadi zetsheki. KuMzantsi Afrika nakwinkoliso yamazwe angabamelwane iintlangano zecawa aziyihlawuli imali yeendleko zebhanki. Ukuba nineengxaki emva kokuqhagamshelana neebhanki enizisebenzisayo, ziveni nikhululekile ukubhalela uMbutho ileta ekubhalwe kuyo ngaphandle, For Attention: Treasurer’s Office.

■ Amabandla ngoku anokuodola imiqulu yeWatchtower ephinde yashicilelwa yowe-1981 neyowe-1982. Ncedani ningathumeli iiodolo zeyonyaka we-1983 ukusa kowe-1985 de kwaziswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani ukuba iyafumaneka.

■ Iphelile Esitokweni KuMzantsi Afrika: Isingxobo sokulondoloza amaphephancwadi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share