Iindaba Ezingokobuthixo
EGuadeloupe: NgoMeyi kuye kwanikelwa ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abangama-6830 nezifundo zeBhayibhile ezingama-9302. Kuye kwaqhutywa iindibano zesiphaluka ezine yaye ababekho kuzo zonke babeli-12 407, kwaza kwabhaptizwa abali-123.
EMzantsi Afrika: Kuye kwanikezelwa ezinye iiHolo zoBukumkani ezisibhozo. Amabandla abandakanyekileyo ngala: Inanda South (kufutshane naseThekwini), iHillbrow neBerea (eRhawutini), iChiawelo (eSoweto) neBarberton, Kwahoyi, iLondon Township neBushbuckridge (kwiMpuma Transvaal). Sibamba ngazibini ngoncedo lwenu oluhle kwezi zakhiwo.
ERomania: NgoAprili bekukho incopho entsha yabavakalisi abangama-23 938, ulwando lwe-17 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye, ibe baye banenani elibalaseleyo labangama-66 395 lababekho eSikhumbuzweni.