Iindaba Ezingokobuthixo
EBenin: Ingxelo ka-Aprili ibonisa ukuba abavakalisi abangama-2793 baye baqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-4442 baza benza amabuyelo angama-30 814. La manani amela iincopho ezintathu ezintsha.
EBulgaria: Ngonyaka nje omnye, inani labavakalisi liye landa ukususela kwabali-107 ukusa kwabangama-218 abangenisa ingxelo ngoMatshi. Olo ibilulwando lwe-104 ekhulwini. Aba bavakalisi baye benza umlinganiselo weeyure ezili-19,7 kwinkonzo yasentsimini baza baqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-585. NgoMatshi kwaqhutywa indibano yokuqala ekhethekileyo yosuku olunye, ekweza kuyo abantu abangama-900.
ECzechoslovakia: NgoMatshi incopho entsha yabavakalisi abangama-25 111 yangenisa ingxelo. Olu ibilulwando lwesi-9 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye.
E-Ecuador: Abeza eSikhumbuzweni kulo nyaka babengama-99 987. Njengoko kwabakho incopho entsha yabavakalisi abangama-21 734 ngoAprili, kulindeleke ulwando oluqhubekayo.
EJamani: NgoMatshi yaba ngabavakalisi abali-159 821 abangenisa ingxelo, olo ibilulwando lwesi-3 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye.
EMzantsi Afrika: Kuye kwanikezelwa ezi Holo zoBukumkani zilandelayo: EDiepkloof (eSoweto), eManzimtoti, eLenasia (kumazantsi eRhawuti) nase-Eersterust (ePitoli).
ENicaragua: Kuye kwafikelelwa iincopho ezintsha phantse kuzo zonke iinkalo zenkonzo yoBukumkani ngoAprili. Ababeze eSikhumbuzweni baliphindaphinda izihlandlo ezihlanu inani labavakalisi, elafikelela kwabangama-9629 ngaloo nyanga.