IZaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! okanye weMboniselo okanye omabini la maphephancwadi ngomnikelo wee-R17,00 ngalinye kwiinkupho zakabini ngenyanga. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,50. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo wee-R2,60. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R8,00. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngowe-1980 okanye ngaphambilana, ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00 inye. Amabandla asenokuodola kuMbutho ezi ncwadi zilandelayo zomnikelo okhethekileyo yaye asenokucela ukuncitshiselwa ityala ngeencwadi ezithatyathwe ngabavakalisi noovulindlela: Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, “Injongo Kanaphakade” KaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, Ngaba Obu Bomi Kuphela Kwabo?, Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1993 neodolo yawo yoncwadi kaNovemba. Ezi khalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiTshayina, isiXhosa nangesiZulu.
◼ Sikhumbuza ONKE AMABANDLA ukuba ancede aodole iiMedical Directive (ezihlaziyiweyo nezenziwe ngokutsha) neeIdentity Cards ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ngefomu eqhelekileyo eyiLiterature Order (S-AB-14). Amabandla anamatyala ajingayo kumatyala awo oncwadi afanele athumele ikheshi kunye neeodolo zawo. La maqweqwe axabisa iisenti ezi-5 lilinye. Ncedani ningawanikezeli la maqweqwe, kodwa wagcineni de nifumane imiyalelo engakumbi kuMbutho.
◼ Ncedani niphawule: Njengoko ngoku sivelisa IMboniselo noVukani! (ngesiNgesi) kwikhasethi apha eMzantsi Afrika, amaxabiso emirhumo yazo aye alungelelaniswa ngokulandelayo:
Ngezithuthi Ngenqwelo-moya
Ezisemhlabeni
Abangaboniyoa R33,00 R43,00
Ibandla nowonke wonke R154,00 R164,00
Oovulindlela (Ezobuqu kuphela) R137,00 R147,00
a Kufuneka kuthunyelwe isiqinisekiso sabangaboniyo.
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
NgesiChicheŵa: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni (Encinane; ibandla nowonke wonke: zii-R4,00; oovulindlela: zii-R2,00). NgesiNgesi: New World Translation of the Holy Scriptures—With References kwidiskette (Isethi yeediskette ezisixhenxe ezizii-3 1/2” 720-kilobyte. Ibandla nowonke wonke: zii-R40,00; oovulindlela: zii-R33,00.) NgesiPhuthukezi: Insight on the Scriptures, Umqulu 3 (ibandla nowonke wonke: zii-R15,00; oovulindlela: zii-R12,00).