Yandisa Isabelo Sakho Ekusasazeni Amaphephancwadi
1 Ukusasaza amaphephancwadi yenye yeendlela eziyintloko zokusasaza ngokubanzi isigidimi soBukumkani. Mva nje amaphephancwadi ahanjiswa kwinkoliso yamabandla aye ehla. NgoJuni 1992 umlinganiselo wamaphephancwadi ahanjiswa eMzantsi Afrika ubusisi-3,8 kumvakalisi ngamnye, ngoxa nyakenye ubusisi-5,2. Lunokupheliswa njani olu tyekelo? Kutheni ungazami ukusebenzisa la macebiso mabini alandelayo?
2 Kuxhalabele Ukuhambisa Amaphephancwadi: Nangona imeko eya isiba mbi yezoqoqosho isenokuba iye yanempembelelo ethile ekuhambiseni kwethu amaphephancwadi, sikholelwa ukuba isizathu esiyintloko kukungaxhaswa kwamalungiselelo omsebenzi wamaphephancwadi. Kwinkoliso yethu, ngayo yonke imiGqibelo, enoba kukusasa okanye emva kwemini, siba nethuba elihle lokuba nesabelo ekusasazeni amaphephancwadi. Amabandla amaninzi abekela bucala ixesha laphakathi evekini lomsebenzi wamaphephancwadi ukwenzela abavakalisi abangakwaziyo ukuya kwinkonzo yasentsimini ngoMgqibelo. Bambi basenokufumanisa ukuba ukunikela ubungqina ngamarhatya kuvumela amathuba amahle gqitha okunikela amaphephancwadi kwindlu ngendlu. Umsebenzi wasesitratweni, ukusebenza kummandla wamashishini, ukunikela ubungqina obungacwangciswanga nokwenza imizila yamaphephancwadi zonke ezi ziindlela ezintle esinokuba nesabelo ngazo ekusasazeni amaphephancwadi. Kumsebenzi oqhelekileyo wendlu ngendlu, kusenokuhanjiswa amaphephancwadi amatsha xa umnikelo waloo nyanga ungamkelwa. Ukukuphaphela ukwenjenjalo kunokusizisela uvuyo.
3 Zibekele Usukelo Lobuqu: Usenganqwenela ukuzabalazela ukuhambisa umlinganiselo wephephancwadi elinye ngeyure nganye usenkonzweni. Usukelo lwakho lobuqu lufanele lube lolusengqiqweni, ucinga ngeemeko zobuqu nexesha okwaziyo ukulichithela enkonzweni yasentsimini.
4 Ngentlangano yakhe ebonakalayo, uYehova uyaqhubeka enikela oko sikufunayo ukuze sandise isabelo sethu ekusasazeni amaphephancwadi. Ekubeni umsebenzi onjalo uzukisa uYehova, siya kunandipha uvuyo olunzulu olubangelwa kukuba nesabelo esongezelelekileyo ekusasazeni amaphephancwadi.—Yoh. 15:8.